Jó 28

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Kuba kukho apho iphuma khona isilivere, Nendawo yegolide abayihluzayo."

2 Isinyithi sithatyathwa eluthulini, Banyibilikisa amatye abe lubhedu."

3 Baphelisa ubumnyama, Bebhekisa eziphelweni zonke, Begocagocela amatye asesithokothokweni nawasebumnyameni obuthe shinyi."

4 Bemba umngxuma kude kwabemiyo, Belityelwe lunyawo lwabahambi; Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga."

5 Umhlaba-kuphuma ukutya kuwo; Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo."

6 Indawo yesafire ngamatye awo, Amagada egolide akuyo;"

7 Yingqushu engaziwa xhalanga, Engathiwanga nzo liso lantloyiya,"

8 Enganyathelwanga thole lanyamakazi inyalasayo, Engahanjwanga nayingonyama."

9 Usa isandla sakhe nakwiqhwitha, Uzibhukuqa ezingcanjini iintaba."

10 Ugqobhoza imijelo emaweni; Libona zonke izinto ezinqabileyo iliso lakhe."

11 Uvingca imilambo ingavuzi, Okufihlakeleyo akukhuphele emhlotsheni."

12 Ke bona ubulumko bufunyanwa phi na? Iphi na indawo yengqondo?"

13 Akalazi umntu ixabiso labo; Abufunyanwa ezweni labahleliyo."

14 Amanzi enzonzobila athi, Abukum; Ulwandle luthi, Abunam."

15 Akurholwa golide ithe shinyi esikhundleni sabo; Akulinganiswa silivere ibe yintengo yabo."

16 Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire, Nesardonisi enqabileyo, nesafire."

17 Azinakulingana nabo igolide negilas; Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo."

18 Zingasakhunjulwa iikorale neekristale, Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile."

19 Ayinakulingana nabo itopazi yakwaKushi; Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo."

20 Ubulumko buvela phi na ke, Yiyiphi na indawo yengqondo?"

21 Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo; Busithakele nasezintakeni zasezulwini."

22 Inzonzobila nokufa kuthi, Sibuvile ukubuva ngendlebe."

23 NguThixo oyiqondayo indlela yabo, Nguye oyaziyo indawo yabo."

24 Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi, Ubona phantsi kwamazulu onke;"

25 Ngokuwenzela umoya ubunzima bawo, Namanzi awalinganise ngomlinganiso;"

26 Ekuyenzeleni kwakhe imvula ummiselo, Nombane wendudumo indlela:"

27 Waza wabubona, wabubala; Wabumisa, wabugocagoca nokubugocagoca;"

28 Wathi emntwini: Yabona, ukoyika iNkosi, bubulumko obo, Nokutyeka ebubini kuyingqondo."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Jó 28, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.