Jó 27

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Wahambisa uYobhi, waphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,"

2 Ehleli nje uThixo, olisusileyo ibango lam, USomandla, owenze krakra umphefumlo wam"

3 (Kuba kusekum ukuphefumla kwam konke, Nomoya kaThixo usemathatheni am),"

4 Umlomo wam awuthethi bugqwetha, Nolwimi lwam aluxeli nkohliso."

5 Makube lee kum ukuthi, niyalungisa; Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam."

6 Ndobambelela ebulungiseni bam, andiyi kubuyeka; Intliziyo yam ayiyi kungcikiva mini eziminini zam."

7 Malube njengongendawo utshaba lwam, Nosukela phezulu kum abe njengogqwethayo."

8 Kuba liyintoni na ithemba lentshembenxa, xa athe wawunqumla, Xa athe wawurhola uThixo umphefumlo wayo?"

9 Wokuva na uThixo ukululahlamba kwayo, Xa ifikelwe yimbandezelo?"

10 Khona inokuziyolisa na ngoSomandla? Ingamnqula na uThixo ngamaxesha onke?"

11 Ndiya kuniyala ngokusingisele esandleni sikaThixo; OkunoSomandla andiyi kukukhanyela."

12 Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile; Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto?"

13 Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo, Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelayo kuSomandla."

14 Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele; Nabaphume embilinini wakhe abahluthi kukutya."

15 Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa, Abahlolokazi bakhe bangalili."

16 Ukuba uthe wafumba isilivere njengothuli, Wazilungisela izambatho njengodaka:"

17 Angazilungisa, koko ziya kwambathwa lilungisa, Nesilivere leyo babelane ngayo abamsulwa."

18 Uyakha indlu yakhe njengenundu, Njengephempe elenziwe yimboniseli."

19 Ulala phantsi esisityebi, akaphindi; Uvula amehlo akhe, angabikho."

20 Kumthabatha njengamanzi ukukhwankqa, Simbe ebusuku isaqhwithi."

21 Luyamfukula ulophu lwasempumalanga, emke, Lumqweqwedise endaweni yakhe."

22 UThixo umgibisela angamcongi; Usibaleka asibaleke isandla sakhe."

23 Bamtyhwakrazela izandla, Bamenzele umsondlo, emke endaweni yakhe."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Jó 27, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.