Provérbios 16

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB

Sair da comparação
ARIB Almeida Revisada Imprensa Bíblica
1 Zezomntu izicwangciso zentliziyo; Ke yona impendulo yolwimi ivela kuYehova."
1 Ao homem pertencem os planos do coração; mas a resposta da língua é do Senhor.
2 Zonke iindlela zendoda ziqaqambile kwawayo amehlo; Ke yena umlinganisi womoya nguYehova."
2 Todos os caminhos do homem são limpos aos seus olhos; mas o Senhor pesa os espíritos.
3 Qengqela kuYehova izenzo zakho, Zizimaseke iingcinga zakho."
3 Entrega ao Senhor as tuas obras, e teus desígnios serão estabelecidos.
4 Zonke izinto uYehova uzenzele intsingiselo yakhe, Kwanongendawo umenzele imini yobubi."
4 O Senhor fez tudo para um fim; sim, até o ímpio para o dia do mal.
5 Balisikizi kuYehova bonke abantliziyo izidlayo; Kakade ke, ababi msulwa."
5 Todo homem arrogante é abominação ao Senhor; certamente não ficará impune.
6 Ngenceba nenyaniso buyacanyagushelwa ubugwenxa; Ngokoyika uYehova umntu uyatyeka ebubini."
6 Pela misericórdia e pela verdade expia-se a iniqüidade; e pelo temor do Senhor os homens se desviam do mal.
7 Ekukholisweni kukaYehova ziindlela zendoda, Uyixolelanisa neentshaba zayo nayo."
7 Quando os caminhos do homem agradam ao Senhor, faz que até os seus inimigos tenham paz com ele.
8 Ilungile intwana encinane enobulungisa, Ngaphezu kolungiselo oluninzi olukunye nokungesesikweni."
8 Melhor é o pouco com justiça, do que grandes rendas com injustiça.
9 Intliziyo yomntu icinga indlela yakhe; NguYehova oyalela ukunyathela kwakhe."
9 O coração do homem propõe o seu caminho; mas o Senhor lhe dirige os passos.
10 Izihlabo zisemilebeni yomlomo wokumkani: Mawungamenezi esikweni umlomo wakhe."
10 Nos lábios do rei acham-se oráculos; em juízo a sua boca não prevarica.
11 Isilinganiso nesikali esisesikweni sesika Yehova; Asisenzo sakhe onke amatye asengxoweni."
11 O peso e a balança justos são do Senhor; obra sua são todos os pesos da bolsa.
12 Lisikizi kubo ookumkani ukwenza okungendawo, Kuba itrone izinziswa bubulungisa."
12 Abominação é para os reis o praticarem a impiedade; porque com justiça se estabelece o trono.
13 Ukumkani uyakholiswa ngumlomo wobulungisa; Othetha okuthe tye uyathandwa."
13 Lábios justos são o prazer dos reis; e eles amam aquele que fala coisas retas.
14 Ubushushu bokumkani buzizithunywa zokufa; Ke indoda elumkileyo iyamcamagusha."
14 O furor do rei é mensageiro da morte; mas o homem sábio o aplacará.
15 Ekukhanyeni kobuso bokumkani bubomi; Okuthandwa nguye kunjengelifu lemvula yasekwindla."
15 Na luz do semblante do rei está a vida; e o seu favor é como a nuvem de chuva serôdia.
16 Ukurhweba ubulumko kungakanani na ukulunga kwako, ngaphezu kwegolide embiweyo! Nokurhweba ingqondo kungakanani na ukunyuleka kwako, ngaphezu kwesilivere!"
16 Quanto melhor é adquirir a sabedoria do que o ouro! e quanto mais excelente é escolher o entendimento do que a prata!
17 Umendo wabathe tye kukutyeka ebubini; Ulondoloza umphefumlo wakhe ogcina indlela yakhe."
17 A estrada dos retos desvia-se do mal; o que guarda o seu caminho preserva a sua vida.
18 Ikratshi likhokela intshabalalo; Ukuzidla kukhokela ukukhubeka."
18 A soberba precede a destruição, e a altivez do espírito precede a queda.
19 Kulungile ukuba nomoya othobekileyo phakathi kwabalulamileyo, Ngaphezu kokwaba amaxhoba nabanekratshi."
19 Melhor é ser humilde de espírito com os mansos, do que repartir o despojo com os soberbos.
20 Oliqiqayo ilizwi uya kufumana okulungileyo; Okholose ngoYehova, hayi, uyolo lwakhe!"
20 O que atenta prudentemente para a palavra prosperará; e feliz é aquele que confia no Senhor.
21 Ontliziyo ilumkileyo kuthiwa unengqondo; Nobumnandi bomlomo bongeza imfundiso."
21 O sábio de coração será chamado prudente; e a doçura dos lábios aumenta o saber.
22 Lithende lobomi ingqiqo kumniniyo; Ke lona uqeqesho lwezimathane kukumatha kwazo."
22 O entendimento, para aquele que o possui, é uma fonte de vida, porém a estultícia é o castigo dos insensatos.
23 Intliziyo yesilumko iyawuqiqisa umlomo waso, Yongeze imfundiso emilebeni yomlomo waso."
23 O coração do sábio instrui a sua boca, e aumenta o saber nos seus lábios.
24 Linqatha lobusi amazwi amnandi, Ayincasa emphefumlweni, ayimpiliso emathanjeni."
24 Palavras suaves são como favos de mel, doçura para a alma e saúde para o corpo.
25 Kukho indlela ethe tye phambi komntu, Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa."
25 Há um caminho que ao homem parece direito, mas o fim dele conduz à morte.
26 Ukulamba komxelengi kuyamxelengela, Ngokuba umlomo wakhe uyamqhuba."
26 O apetite do trabalhador trabalha por ele, porque a sua fome o incita a isso.
27 Umntu olitshijolo umba ububi: Emlonyeni wakhe ngathi ngumlilo otshisayo."
27 O homem vil suscita o mal; e nos seus lábios há como que um fogo ardente.
28 Indoda ephendukayo ingenisa ingxabano; Nentlebi yahlula amakholwane."
28 O homem perverso espalha contendas; e o difamador separa amigos íntimos.
29 Indoda egonyamelayo ihenda ummelwane wayo, Imhambise ngendlela engalungileyo."
29 O homem violento alicia o seu vizinho, e guia-o por um caminho que não é bom.
30 Ocima amehlo akhe, kukuba acinge impenduka; Oluma umlomo wakhe ugqibe ububi."
30 Quando fecha os olhos fá-lo para maquinar perversidades; quando morde os lábios, efetua o mal.
31 Isithsaba sokuhomba zizimvi, Sifunyanwa endleleni yobulungisa."
31 Coroa de honra são as cãs, a qual se obtém no caminho da justiça.
32 Ozeka kade umsindo ulunge ngaphezu kwegorha; Okulawulayo ukufutha kwakhe ulunge ngaphezu kothimba umzi."
32 Melhor é o longânimo do que o valente; e o que domina o seu espírito do que o que toma uma cidade.
33 Umntu uphosa iqashiso esondweni lengubo, Ke ukugqitywa kwalo konke kunoYehova."
33 A sorte se lança no regaço; mas do Senhor procede toda a disposição dela.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Provérbios 16, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.