Jó 33
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVT
1 Kodwa khawukuve, Yobhi, ukuthetha kwam, Uwabekele indlebe amazwi am onke."
1 “Jó, ouça minhas palavras, preste atenção ao que vou dizer.
2 Khawubone, ndiwuvulile umlomo wam, Luyathetha ulwimi lwam ekhuhlangubeni lam."
2 Chegou minha vez de falar; as palavras estão na ponta da língua.
3 Akukuthi tye kwentliziyo yam amazwi am; Ukwazi komlomo wam akuthetha kanyulu."
3 Falo com toda a sinceridade, digo a pura verdade.
4 UMoya kaThixo wandenza, Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi."
4 O Espírito de Deus me criou, o sopro do Todo-poderoso me dá vida.
5 Ukuba unako, ndiphendule; Yakha uluhlu amazwi phambi kwam; misa."
5 Responda-me, se puder; apresente seus argumentos e defina sua posição.
6 Uyabona, njengawe ndingokaThixo; Ndacatshulwa eludongweni nam."
6 Você e eu somos iguais diante de Deus; eu também fui formado do barro.
7 Yabona, ukothusa kwam akuyi kukudandathekisa; Nokushicilela kwam akuyi kuba nzima phezu kwakho."
7 Portanto, não tenha medo de mim; não serei severo demais com você.
8 Okunene, uthethe ezindlebeni zam, Ndaliva ilizwi lokukhuluma, lisithi,"
8 “Você falou em minha presença, e ouvi bem suas palavras.
9 Ndiqaqambile, andinalukreqo; Ndiguxiwe, andinabugwenxa."
9 Você disse: ‘Sou puro e não tenho pecado; sou inocente e não tenho culpa.
10 Yabona, ufuna izizekabani zokuthibana nam, Uthi ndilutshaba lwakhe."
10 Deus procura motivos para se opor a mim e me considera seu inimigo.
11 Uzifaka iinyawo zam esitokisini, Uwulinga wonke umendo wam."
11 Prende meus pés no tronco e vigia todos os meus movimentos’.
12 Yabona akulungisi ngaloo nto; ndokuphendula; Kuba uThixo yena mkhulu kunomntu."
12 “Mas você está enganado, e eu lhe mostrarei o motivo, pois Deus é maior que qualquer ser humano.
13 Yini na ukuba ubambane naye, Kuba engaphenduli ngeendawo zakhe zonke?"
13 Sendo assim, por que você o acusa? Por que diz que ele não responde às queixas humanas?
14 Kanti, hayi, ngendlela enye uThixo uyathetha, Nangezimbini, ke akukhathalwa."
14 Pois Deus fala repetidamente, embora as pessoas não prestem atenção.
15 Ephupheni, embonweni wasebusuku, Bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu, Ekozeleni elukhukweni;"
15 Fala em sonhos, em visões durante a noite, quando o sono profundo cai sobre todos, enquanto dormem em suas camas.
16 Uzityhila oko iindlebe zabantu, Akutywine akuvingce ukuthethiswa kwabo,"
16 Sussurra em seus ouvidos e aterroriza-os com advertências.
17 Ukuze amthinte umntu ekwenzeni into, Agubungele uqhankqalazo lomfo;"
17 Faz que deixem de praticar o mal e livra-os do orgulho.
18 Awunqande umphefumlo wakhe esihogweni, Nobomi bakhe bungagqitheli emkhontweni."
18 Preserva-os do túmulo e de serem atravessados pela espada.
19 Wohlwaywa umntu ngumvandedwa esililini sakhe, Nayimfazwe esimakade emathanjeni akhe;"
19 “Deus os disciplina no leito de enfermidade, com dores constantes nos ossos.
20 Ubomi bakhe bukwale ukudla, Nomphefumlo wakhe wale ukudla okunqwenelekayo."
20 Eles perdem a vontade de comer; nem mesmo o alimento mais delicioso lhes apetece.
21 Iyadleka inyama yakhe, ingabonakali, Avele amathambo akhe abengabonakali."
21 Sua carne definha a olhos nus, e seus ossos ficam à vista.
22 Uyasondela ke esihogweni umphefumlo wakhe, Nobomi bakhe kubabulali."
22 Estão cada vez mais perto do túmulo; os mensageiros da morte os esperam.
23 Ukuba ke kuthe kwakho isithunywa sezulu Esimlamlelayo, noko sisinye ewakeni, Sokumxelela umntu okumfaneleyo:"
23 “Mas, se um dos milhares de anjos do céu aparecer, para interceder por alguém e declará-lo justo,
24 Wombabala, athi, Mkhulule, angehli aye esihogweni, Kuba ndilufumene ucamagusho."
24 Deus terá compaixão e dirá: ‘Livre-o do túmulo, pois encontrei resgate por sua vida’.
25 Isuka ibe nentlahla inyama yakhe; Ubuyela emihleni yobudodana bakhe;"
25 Então seu corpo se tornará saudável como o de um menino; será forte e jovem outra vez.
26 Uthandaza kuThixo, akholiswe yena nguye; Abubone ubuso bakhe eduma; Yena ambuyekeze ke umntu ubulungisa bakhe."
26 Quando ele orar a Deus, será aceito. Deus o receberá com alegria e o restituirá à condição de justo.
27 Lo uvuma ebantwini, athi, Bendonile, ndakugwenxa okuthe tye, Akwalinganiselwa kum njengoko noko."
27 Ele declarará a seus amigos: ‘Pequei e perverti o que é correto, mas não valeu a pena.
28 Uwukhulule umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni, Nobomi bam bokubona ukukhanya."
28 Deus me livrou do túmulo; agora minha vida contempla a luz’.
29 Yabona, oko konke uyakwenza uThixo Izihlando ezibini nezithathu kumfo,"
29 “Sim, Deus faz essas coisas acontecerem repetidas vezes com as pessoas.
30 Ukuba abuyise umphefumlo wakhe esihogweni, Ukhanye ngokukhanya kobomi."
30 Ele as livra da sepultura, para que desfrutem a luz da vida.
31 Baza indlebe, Yobhi, phulaphula kum; Yithi tu, ndithethe mna."
31 Preste atenção, Jó; fique quieto e ouça-me, pois tenho mais coisas para falar.
32 Ke ukuba unokuthetha, ndiphendule; Thetha, kuba ndifuna ukukugwebela."
32 Mas, se você tem algo a dizer, responda; fale, pois quero que seja absolvido.
33 Ukuba akukho, phulaphula kum wena; Yithi tu, ndikufundise ubulumko."
33 Se não tem nada a dizer, fique quieto e ouça-me, e eu lhe ensinarei a sabedoria”.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Jó 33, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.