Salmos 96

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Vumani kuYehova ingoma entsha, Vumani kuYehova, nonke hlabathi."

2 Vumani kuYehova, bongani igama lakhe, Shumayelani iimini ngeemini iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe."

3 Balisani ezintlangeni uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo;"

4 Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene; Uyoyikeka yena ngaphezu koothixo bonke."

5 Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu."

6 Yindili nobungangamela phambi kwakhe, Ngamandla nokuhomba engcweleni yakhe."

7 Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe, Mnikeni uYehova uzuko namandla;"

8 Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Thwalani umnikelo, nize ezintendelezweni zakhe."

9 Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele, Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi."

10 Yithini ezintlangeni, UYehova ngukumkani, Liya kuzinza ngoko elimiweyo, lingashukumi, Uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye."

11 Liya kuvuya izulu, Ligcobe ihlabathi; Luya kugquma ulwandle, nenzaliseko yalo."

12 Liya kudlamka ilizwe, nento yonke ekulo, Ize imemelele yonke imithi yehlathi"

13 Phambi koYehova, ngokuba esiza, Ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Nezizwe ngokunyanisa kwakhe."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Salmos 96, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.