1 Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Nonke zizwe, bethani izandla, Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela."
2 Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka; Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke."
3 Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe, Izizwe phantsi kweenyawo zethu."
4 Usinyulela ilifa lethu, Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.)"
5 UThixo unyukile, kudunywa; Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo."
6 Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni, Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni!"
7 Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo; Mbetheleni ngeyokuqiqa."
8 UThixo nguKumkani weentlanga; UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele."
9 Amanene ezizwe ahlanganisene, Abantu boThixo ka-Abraham; Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo; Unyusiwe kakhulu yena."