Provérbios 29
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC
1 Indoda eyohlwaywa futhi, iyenze lukhuni intamo yayo, Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa."
1 O homem que, apesar das admoestações, se obstina será logo irremediavelmente arruinado.
2 Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu; Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu."
2 Quando dominam os justos, alegra-se o povo; quando governa o ímpio, o povo geme.
3 Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise; Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe."
3 Quem ama a sabedoria alegra seu pai; o que freqüenta as prostitutas dissipa sua fortuna.
4 Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko; Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa."
4 É pela justiça que um rei firma seu país, mas aquele que o sobrecarrega com muitos impostos, o arruína.
5 Umfo ocengacenga ummelwane wakhe Uthiyela iinyawo zakhe ngomnatha."
5 O homem que adula seu próximo estende redes aos seus pés.
6 Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo; Ke lona ilungisa limemelela livuye."
6 No delito do ímpio há um ardil, mas o justo corre alegremente.
7 Ilungisa liyalazi ibango lesisweli; Ke yena ongendawo akanangqondo yakulazi."
7 O justo conhece a causa dos pobres; o ímpio a ignora.
8 Amadoda agxekayo aphembelela isixeko; Ke zona izilumko ziyawudambisa umsindo."
8 Os escarnecedores ateiam fogo na cidade, mas os sábios acalmam o furor.
9 Yakumangalelana indoda elumkileyo nesimathane, Soguguma sihleke, kungabikho kuthozama."
9 Discute um sábio com um tolo? Que ele se zangue ou que ele se ria, não terá paz.
10 Amadoda amagazi ayabathiya abagqibeleleyo; Nabathe tye, afuna umphefumlo wabo,"
10 Os homens sanguinários odeiam o íntegro, mas os homens retos tomam cuidado com sua vida.
11 Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso, Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso."
11 O insensato desafoga toda sua ira, mas o sábio a domina e a recalca.
12 Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki, Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo."
12 Quando um soberano presta atenção às mentiras, todos os seus servidores tornam-se maus.
13 Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana; Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova."
13 O pobre e o opressor se encontram: é o Senhor que ilumina os olhos de cada um.
14 Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso, Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade."
14 Um rei que julga com eqüidade os humildes terá seu trono firmado para sempre.
15 Intonga nesohlwayo sinika ubulumko; Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina."
15 Vara e correção dão a sabedoria; menino abandonado à sua vontade se torna a vergonha da mãe.
16 Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo; Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo."
16 Quando se multiplicam os ímpios, multiplica-se o crime, mas os justos contemplarão sua queda.
17 Mqeqeshe unyana wakho, wokuphefumlisa, Awuyolise umphefumlo wakho."
17 Corrige teu filho e ele te dará repouso e será as delícias de tua vida.
18 Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu; Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!"
18 Por falta de visão, o povo vive sem freios; ditoso o que observa a instrução!
19 Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi; Kuba siyaqonda, singakhathali."
19 Não é com palavras que se corrige um escravo, porque ele compreende, mas não se atém a elas.
20 Uyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo? Kukho ithemba ngesinyabi kunayo."
20 Viste um homem precipitado no falar: há mais esperança num tolo do que nele.
21 Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakhe Uya kwenelwa lukhula ekupheleni."
21 Um escravo mimado desde sua juventude, acaba por se tornar desobediente.
22 Indoda enomsindo ixhaya ingxabano; Umntu onobushushu uzele lukreqo."
22 Um homem irascível excita contendas; o colérico acumula as faltas.
23 Ikratshi lomntu liya kumthoba; Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko."
23 O orgulho de um homem leva-o à humilhação, mas o humilde de espírito obtém a glória.
24 Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe; Uyasiva isishwabulo, angaxeli."
24 Quem partilha com o ladrão, odeia-se a si mesmo; ouve a maldição e nada denuncia.
25 Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo; Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu."
25 O temor dos homens prepara um laço, mas quem confia no Senhor permanece seguro.
26 Baninzi abafuna ubuso bomlawuli; Ke lona ibango lendoda livela kuYehova."
26 Muitos buscam o favor dum príncipe, mas é do Senhor que cada homem alcança justiça
27 Indoda enobugqwetha lisikizi kumalungisa; Ondlela ithe tye lisikizi kongendawo."
27 O homem iníquo é abominado pelos justos; o ímpio abomina aquele que anda pelo caminho certo.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Provérbios 29, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.