Jó 9

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC

Sair da comparação
ARC Almeida Revista e Corrigida 2009
1 Waphendula uYobhi, wathi,"
1 Então, Jó respondeu e disse:
2 Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo; Ke angathini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?"
2 Na verdade sei que assim é; porque como se justificaria o homem para com Deus?
3 Ukuba uthe yena wafuna ukubambana naye, Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka."
3 Se quiser contender com ele, nem a uma de mil coisas lhe poderá responder.
4 Ulumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla: Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?"
4 Ele é sábio de coração, poderoso em forças; quem se endureceu contra ele e teve paz?
5 Uloshenxisa iintaba zingazi, Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;"
5 Ele é o que transporta as montanhas, sem que o sintam, e o que, no seu furor, as transtorna;
6 Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo, Zididizele iintsika zalo;"
6 o que remove a terra do seu lugar, e as suas colunas estremecem;
7 Ulothetha elangeni lingaphumi, Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;"
7 o que fala ao sol, e ele não sai, e sela as estrelas;
8 Ulotwabulula ixulu eyedwa, Anyathele emimangweni yolwandle;"
8 o que sozinho estende os céus e anda sobre os altos do mar;
9 Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere, namaKroza, nesiLimela, Neengontsi zasezantsi."
9 o que faz a Ursa, e o Órion, e o Sete-estrelo, e as recâmaras do sul.
10 Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa."
10 O que faz coisas grandes, que se não podem esquadrinhar, e maravilhas tais que se não podem contar.
11 Yabona, udlula phezu kwam, ndingamboni; Uthi phe, ndingamqondi,"
11 Eis que passa por diante de mim, e não o vejo; e torna a passar perante mim, e não o sinto.
12 Yabona, exwila, ngubani na ongamnqandayo? Ngubani na ongathi kuye, Wenza ntoni na?"
12 Eis que arrebata a presa; quem lha fará restituir? Quem lhe dirá: Que fazes?
13 UThixo akawunqandi umsindo wakhe; Bayasibekeka phantsi kwakhe abancedi bakaRahabhi."
13 Deus não revogará a sua ira; debaixo dele se encurvam os auxiliadores soberbos.
14 Ndingathini na ke mna ukumphendula, Ndiwakhethe amazwi am okuphendula kuye?"
14 Quanto menos lhe poderei eu responder ou escolher diante dele as minhas palavras!
15 Nokuba bendililungisa mna, bendingemphenduli; Ndingatarhuzisa kuphela kumgwebi wam."
15 A ele, ainda que eu fosse justo, lhe não responderia; antes, ao meu juiz pediria misericórdia.
16 Ukuba bendithe ndabiza, wandiphendula, Bendingekholwa ukuba ulibekele indlebe ilizwi lam;"
16 Ainda que chamasse, e ele me respondesse, nem por isso creria que desse ouvidos à minha voz.
17 Kanye ubeya kundityumza ngoqhwithela, Awandise amanxeba am ngelize,"
17 Porque me quebranta com uma tempestade, e multiplica as minhas chagas sem causa.
18 Angandiphi nokuba ndiphefumle; Ke ubeya kundihluthisa ngobukrakra."
18 Nem me permite respirar; antes, me farta de amarguras.
19 Ukuba yinto yamandla ekhalipha, uthi, Ndim okhoyo! Ukuba yinto yomgwebo, uthi, Ngubani na oya kundimema?"
19 Quanto às forças, eis que ele é o forte; e, quanto ao juízo, quem me citará com ele?
20 Ukuba bendithe ndalilungisa, umlomo wam ubuya kundigweba; Ukuba bendithe ndagqibelela, ubeya kundenza umjibilizi."
20 Se eu me justificar, a minha boca me condenará; se reto me disser, então, me declarará perverso.
21 Ndigqibelele; andiwukhathalele umphefumlo wam; Ndiyabucekisa ubomi bam."
21 Ainda que perfeito, não estimo a minha alma; desprezo a minha vida.
22 Kunye oko; ngenxa yoko ndithi, Ogqibeleleyo nongendawo uyabatshabalalisa."
22 A coisa é esta; por isso, eu digo que ele consome ao reto e ao ímpio.
23 Ukuba iziniya ithe yabulala ngesiquphe, Uya kugculela ukuqotywa kwabamsulwa."
23 Matando o açoite de repente, então, se ri da prova dos inocentes.
24 Ihlabathi linikelwe esandleni sabangendawo; Uyabugqubuthela ubuso babagwebi balo. Ukuba kanti akunjalo, kwenziwe ngubani na ke?"
24 A terra é entregue às mãos do ímpio; Deus cobre o rosto dos juízes; se não é ele, quem é, logo?
25 Imihla yam ikhawuleze ngaphezu kwesigidimi; Ibalekile, ayibonanga kulungileyo;"
25 E os meus dias são mais velozes do que um corredor; fugiram e nunca viram o bem.
26 Ithe phe njengemikhombe yeengcongolo, Njengokhozi luxwila ixhoba."
26 Passam como navios veleiros, como águia que se lança à comida.
27 Ndakuthi, Ndiya kuyilibala inkalazo yam, Ndibuyeke ubuso bam, ndincumeze,"
27 Se eu disser: Eu me esquecerei da minha queixa, mudarei o meu rosto e tomarei alento;
28 Ndisuka ndinxunguphale ziimbulaleko zam zonke, Ndazi ukuba akuyi kuthi ndimsulwa."
28 receio todas as minhas dores, porque bem sei que me não terás por inocente.
29 Kuthiwa ndingongendawo mna; Yini na le nto ndifumana ndizixhamla?"
29 E, sendo eu ímpio, por que trabalharei em vão?
30 Nokuba bendithe ndazihlamba ngamanzi ekhephu, Ndazihlambulula izandla zam ngesepha,"
30 Ainda que me lave com água de neve, e purifique as minhas mãos com sabão,
31 Ubuya kundithi gxwa emhadini, Ndibe lisikizi nakwiingubo zam."
31 mesmo assim me submergirás no fosso, e as minhas próprias vestes me abominarão.
32 Kuba akamntu yena, njengam nje, ukuba ndimphendule, Siye ndawonye ematyaleni."
32 Porque ele não é homem, como eu, a quem eu responda, vindo juntamente a juízo.
33 Akukho mahluli phakathi kwethu, Wokubeka isandla sakhe phezu kwethu sobabini."
33 Não há entre nós árbitro que ponha a mão sobre nós ambos.
34 Makayisuse intonga yakhe kum, Isothuso sakhe masingandidandathekisi:"
34 Tire ele a sua vara de cima de mim, e não me amedronte o seu terror.
35 Ndothetha ke ndingamoyiki; Kuba andivi kunjalo mna eluvalweni lwam."
35 Então, falarei e não o temerei; porque, assim, não estou em mim.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Jó 9, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.