Salmos 56

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Kumongameli; ngeyehobe elithe cwaka phakathi kwabakude. EkaDavide. Eliligugu. Ukubanjwa kwakhe ngamaFilisti eGati. Ndibabale, Thixo, ngokuba abantu bendizonda; Bandixinile, besilwa yonke imini;"

2 Abandilalelayo bandizonda yonke imini, Ngokuba baninzi abalwa nam beziphakamisile."

3 Mhlana ndinxunguphalayo mna, Ndokholosa ngawe."

4 Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe, Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Inokundenza ntoni na inyama?"

5 Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am; Zingam zonke iingcinga zabo zobubi."

6 Baqukene, babonisele, Bona bagcine izithende zam, Ngokokuba belinde umphefumlo wam."

7 Bengamatshinga nje, bosinda na? Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo."

8 Ukuphalaphala kwam ukubhalile wena; Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho; Azisencwadini yakho na?"

9 Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo; Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam."

10 Ndilidumisa ngoThixo ilizwi, Ndilidumisa ngoYehova ilizwi."

11 Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Unokundenza ntoni na umntu?"

12 Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho; Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo."

13 Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam, Iinyawo zam ekukhubekeni, Ukuba ndihambe phambi koThixo Ekukhanyeni kobomi."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Salmos 56, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.