Jó 17

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba."

2 Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo."

3 Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?"

4 Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa."

5 Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe."

6 Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni."

7 Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela."

8 Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa."

9 Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha."

10 Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu."

11 Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam."

12 Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama."

13 Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni;"

14 Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu:"

15 Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona?"

16 Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Jó 17, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.