1 NgaseMilanjeni yaseBhabheli Sahlala phantsi khona, salila, Sakuyikhumbula iZiyon."
2 Emingculubeni phakathi kwayo Sazixhoma khona iihadi zethu."
3 Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibiza Izango zengoma; Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo, Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon."
4 Singathini na ukuvuma ingoma kaYehova Emhlabeni wolunye uhlanga?"
5 Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem, Masinyele isandla sam sokunene."
6 Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam, Ukuba andithanga ndikukhumbule; Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalem Ngaphezu kwemivuyo yam yonke."
7 Bakhumbule, Yehova, oonyana bakaEdom, Umhla weYerusalem, Abo bathi, Yidilizeni, yidilizeni Kuse elusekweni lwayo."
8 Ntombi inguBhabheli, wena unyashiweyo; Hayi, uyolo lwalowo ukubuyekezayo ukuphatha kwakho Osiphethe ngako!"
9 Hayi, uyolo lwalowo ubabambayo abahlekeze abantwana bakho Engxondorheni!"