1 EkaDavide. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo yam yonke; Phambi koothixo ndiya kukubethela uhadi."
2 Ndiya kuqubuda ndibhekise etempileni yakho engcwele, Ndibulele kwigama lakho, ngenxa yenceba yakho, nangenxa yenyaniso yakho; Kuba ulikhulisile ilizwi lakho ngaphezu kwegama lakho lonke."
3 Ngomhla wokubiza kwam wandiphendula, Wandikhaliphisa, yangamandla emphefumlweni wam."
4 Baya kubulela kuwe, Yehova, bonke ookumkani behlabathi, Bakuweva amazwi omlomo wakho;"
5 Bavume ngeendlela zikaYehova, Ukuba lukhulu uzuko lukaYehova:"
6 Ngokuba noko uYehova aphakamileyo, uyambona othobekileyo; Ke yena oziphakamisayo umazi nakude."
7 Ukuba ndithe ndahamba-hamba phakathi kweembandezelo, uyandiphilisa; Wosolulela emsindweni weentshaba zam isandla sakho, Sindisindise isandla sakho sokunene."
8 UYehova uya kundifezela. Yehova, inceba yakho ingunaphakade, Izenzo zezandla zakho musa ukuziyekela."