Jó 12

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVI

Sair da comparação
NVI Nova Versão Internacional
1 Waphendula uYobhi, wathi,"
1 Então Jó respondeu:
2 Kambe, nini abantu; Buya kufa nani ubulumko."
2 "Sem dúvida vocês são o povo, e a sabedoria morrerá com vocês!
3 Nam ke ndinentliziyo njengani; Andiwi nganeno kwenu. Ngubani na ongazaziyo izinto ezinjalo?"
3 Mas eu tenho a mesma capacidade de pensar que vocês têm; não sou inferior a vocês. Quem não sabe dessas coisas?
4 Ndiyintlekisa kummelwane mna, Endibe ndingonqula uThixo, andiphendule; Uyintlekisa olilungisa, ogqibeleleyo."
4 "Tornei-me objeto de riso para os meus amigos, eu que clamava a Deus e ele me respondia, eu, íntegro e irrepreensível, um mero objeto de riso!
5 Onelishwa yinto yokudelwa ngokwamabhongo abonwabileyo; Kulungiselwe abanyawo zikhubekayo."
5 Quem está bem despreza a desgraça, o destino daqueles cujos pés escorregam.
6 Kukho ukuchulumacha ezintenteni zababhuqi; Bakholosile abamqumbisayo uThixo, Abafumbatha uThixo esandleni sabo."
6 As tendas dos saqueadores não sofrem perturbação, e aqueles que provocam a Deus estão seguros, aqueles que transportam o seu deus em suas mãos.
7 Kodwa khawubuze ezinkomeni, zokuyala; Nasezintakeni zezulu, zokuxelela;"
7 "Pergunte, porém, aos animais, e eles o ensinarão, ou às aves do céu, e elas lhe contarão;
8 Thetha nomhlaba, wokuyala; Zokubalisela neentlanzi zolwandle."
8 fale com a terra, e ela o instruirá, deixe que os peixes do mar o informem.
9 Ngubani na ongaziyo ngezo zinto zonke, Ukuba sisandla sikaYehova esikwenzileyo oko?"
9 Quem de todos eles ignora que a mão do Senhor fez isso?
10 Usesandleni sakhe umphefumlo wezinto zonke eziphilileyo, Nomoya wenyama yonke eyiyeyomntu."
10 Em sua mão está a vida de cada criatura e o fôlego de toda a humanidade.
11 Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha, Nekhuhlangubo likuve ukudla?"
11 O ouvido não experimenta as palavras como a língua experimenta a comida?
12 Emaxhegweni kusebulumkweni, Ebudeni bemihla kusengqondweni,"
12 A sabedoria se acha entre os idosos? A vida longa traz entendimento?
13 Bukuye ubulumko nobugorha, Lelakhe icebo nengqondo."
13 "Deus é que tem sabedoria e poder; a ele pertencem o conselho e o entendimento.
14 Yabona, ugungxula, kungakhiwa. Uyamvalela umntu, kungavulwa,"
14 O que ele derruba não se pode reconstruir; aquele a quem ele aprisiona ninguém pode libertar.
15 Yabona, uyawavala amanzi, atshe; Uyawavulela, aliphethule ilizwe."
15 Se ele retém as águas, predomina a seca; se as solta, devastam a terra.
16 Anaye amandla nozimaso; Ngowakhe odungudelayo nodungudelisayo."
16 A ele pertencem a força e a sabedoria; tanto o enganado quanto o enganador a ele pertencem.
17 Umkisa amaphakathi ebhunyulwe, Abagezise nabagwebi."
17 Ele despoja e demite os conselheiros, e faz os juízes de tolos.
18 Ukhulula imbophelelo yookumkani, Abophe umbhinqo emanqeni abo."
18 Tira as algemas postas pelos reis, e amarra uma faixa em torno da cintura deles.
19 Umkisa ababingeleli bebhunyulwe, Abazizimakade abaphenule."
19 Despoja e demite os sacerdotes, e arruína os homens de sólida posição.
20 Ususa intetho kwabanyanisekileyo, Ayithabathe imvo kumadoda amakhulu."
20 Cala os lábios dos conselheiros de confiança, e tira o discernimento dos anciãos.
21 Uphalazela amanene ngendelo, Acombulule uqhwemesha lwabaziingqwemla."
21 Derrama desprezo sobre os nobres, e desarma os poderosos.
22 Utyhila iinzulu zasebumnyameni, Alikhuphele emhlotsheni ithunzi lokufa."
22 Revela coisas profundas das trevas, e traz à luz densas sombras.
23 Ukhulisa iintlanga, azitshabalalise; Uziphangalalisa iintlanga azifuduse."
23 Dá grandeza às nações, e as destrói; faz crescer as nações, e as dispersa.
24 Ususa ingqondo kwiintloko zabantu balo ilizwe, Azibhadulise enyanyeni engenandlela."
24 Priva da razão os líderes da terra, e os envia a perambular num deserto sem caminhos.
25 Ziphamza emnyameni kungekho kukhanya, Azibhadulise njengamanxila."
25 Andam tateando nas trevas, sem nenhuma luz; ele os faz cambalear como bêbados.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Jó 12, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.