Salmos 67

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe. Ingoma. Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela, Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.)"

2 Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho, Usindiso lwakho ezintlangeni zonke."

3 Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela;"

4 Zavuya zamemelela izizwe: Ngokuba uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye, Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.)"

5 Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela."

6 Umhlaba uyivelisile indyebo yawo; Uya kusisikelela uThixo, uThixo wethu;"

7 Uya kusisikelela uThixo, Zimoyike zonke iziphelo zehlabathi."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Salmos 67, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.