Salmos 63

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Umhobe kaDavide: oko ebesentlango yakwaYuda. Thixo, unguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa, Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelela Ezweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi."

2 Ndenjenjalo ukukhangela kuwe engcweleni, Ukuba ndibone amandla akho nobuqaqawuli bakho."

3 Ngokuba inceba yakho ilungile ngaphezu kobomi, Umlomo wam uya kukuncoma."

4 Ndiya kwenjenjalo ukukubonga lo gama ndihleliyo, Ndiphakamise izandla zam egameni lakho."

5 Umphefumlo wam uhluthi umongo namanqatha; Ngemilebe yomlomo wam omemelelayo uya kukudumisa umlomo wam,"

6 Ndakukukhumbula emandlalweni wam, Emilindweni yobusuku ndicamanga ngawe."

7 Ngokuba uluncedo kum, Ndinokumemelela esithunzini samaphiko akho."

8 Umphefumlo wam uthene mbende nawe; Isandla sakho sokunene sindibambile."

9 Ke bona bafuna umphefumlo wam ukuze batshabalale, Baya kutshona kwezisezantsi iindawo zehlabathi."

10 Baphalazelwa emandleni ekrele; Baba sisabelo seempungutye."

11 Ke yena ukumkani uya kuvuya ngoThixo; Baya kuqhayisa abo bonke bafunga yena; Ngokuba uya kuvingcwa umlomo wabathetha ubuxoki."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Salmos 63, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.