Salmos 130

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Ingoma yezinyuko. Ezinzulwini ndinqula wena, Yehova,"

2 Nkosi, yiva ilizwi lam. Iindlebe zakho mazilibazele Ilizwi lokutarhuzisa kwam."

3 Ukuba uthe wabunqala ubugwenxa, Yehova, Ngubani na ongaba nokuma, Nkosi?"

4 Ngokuba kunawe ukuxolela, Ukuze woyikwe."

5 Ndithembele kuYehova, uthembile umphefumlo wam; Ndilinde ilizwi lakhe."

6 Umphefumlo wam ulindele eNkosini Ngaphezu kwabalinde ukusa, Ewe, abalinde ukusa."

7 Lindela kuYehova, Sirayeli, Ngokuba inceba ikuYehova; Ikuye inkululeko eninzi."

8 Yena ke wowakhulula amaSirayeli Ebugwenxeni bawo bonke."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Salmos 130, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.