Jó 25

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,"

2 Ulawulo nonkwantyiso lunaye; Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu."

3 Inokubalwa na imikhosi yakhe? Ngubani na ongaphunyelwayo kukukhanya kwakhe?"

4 Angathini na umntu ukuba lilungisa kuThixo? Angathini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?"

5 Yabona, nenyanga ayimhlophe, Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe."

6 Ubeke phi na ke umntu, impethu le, Nonyana ka-Adam, umbungu lo?"

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Jó 25, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.