1 Crônicas 16

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARA

Sair da comparação
ARA Almeida Revista e Atualizada 1993
1 Bayingenisa ityeya kaThixo, bayimisa esazulwini sentente abeyimisele yona uDavide; basondeza amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, phambi koThixo."
1 Introduziram, pois, a arca de Deus e a puseram no meio da tenda que lhe armara Davi; e trouxeram holocaustos e ofertas pacíficas perante Deus.
2 Wagqiba ke uDavide ukunyusa amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, wabasikelela abantu egameni likaYehova."
2 Tendo Davi acabado de trazer os holocaustos e ofertas pacíficas, abençoou o povo em nome do Senhor .
3 Wababela bonke abantu bakwaSirayeli, ethabathela kwindoda wesa nakumfazi; elowo wamnika intenda yesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi."
3 E repartiu a todos em Israel, tanto os homens como as mulheres, a cada um, um bolo de pão, um bom pedaço de carne e passas.
4 Wamisa phambi kwetyeya kaYehova abalungiseleli kubaLevi, ukuba bakhumbuze, babulele, badumise uYehova uThixo kaSirayeli."
4 Designou dentre os levitas os que haviam de ministrar diante da arca do Senhor , e celebrar, e louvar, e exaltar o Senhor , Deus de Israel, a saber,
5 YanguAsafu intloko, yanguZekariya emva kwakhe, noYehiyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noMatitiya, noEliyabhi, noBhenaya, no-Obhedi-edom, noYahaziyeli, ngeempahla zemirhubhe nangeehadi; uAsafu wenza isandi ngamacangci."
5 Asafe, o chefe, Zacarias, o segundo, e depois Jeiel, Semiramote, Jeiel, Matitias, Eliabe, Benaia, Obede-Edom e Jeiel, com alaúdes e harpas; e Asafe fazia ressoar os címbalos.
6 OoBhenaya noYahaziyeli ababingeleli benza isandi ngamaxilongo ngamaxesha onke, phambi kwetyeya yomnqophiso kaThixo."
6 Os sacerdotes Benaia e Jaaziel estavam continuamente com trombetas, perante a arca da Aliança de Deus.
7 Waza ngaloo mini uDavide wabamisela kuqala ooAsafu nabazalwana bakhe ukubulela kuYehova:"
7 Naquele dia, foi que Davi encarregou, pela primeira vez, a Asafe e a seus irmãos de celebrarem com hinos o Senhor .
8 Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, Yazisani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo."
8 Rendei graças ao Senhor , invocai o seu nome, fazei conhecidos, entre os povos, os seus feitos.
9 Vumani kuye, mbetheleni uhadi, Xoxani ngemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo."
9 Cantai-lhe, cantai-lhe salmos; narrai todas as suas maravilhas.
10 Qhayisani ngegama lakhe elingcwele, Mayivuye intliziyo yabamngxameleyo uYehova."
10 Gloriai-vos no seu santo nome; alegre-se o coração dos que buscam o
11 Mfuneni uYehova namandla akhe, Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke."
11 Buscai o Senhor e o seu poder, buscai perpetuamente a sua presença.
12 Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo, awayenzayo, Izimanga zakhe nezigwebo zomlomo wakhe,"
12 Lembrai-vos das maravilhas que fez, dos seus prodígios e dos juízos dos seus lábios,
13 Mbewu kaSirayeli, yomkhonzi wakhe, Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe."
13 vós, descendentes de Israel, seu servo, vós, filhos de Jacó, seus escolhidos.
14 NguYehova, nguThixo wethu yena; Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe."
14 Ele é o Senhor , nosso Deus; os seus juízos permeiam toda a terra.
15 Khumbulani ngonaphakade umnqophiso wakhe, Ilizwi awalimisela izizukulwana eziliwaka,"
15 Lembra-se perpetuamente da sua aliança, da palavra que empenhou para mil gerações;
16 Awanqophisana ngalo noAbraham; Nokufunga kwakhe kuIsake;"
16 da aliança que fez com Abraão e do juramento que fez a Isaque;
17 Nokumisa kwakhe ukuba kube ngummiselo kuYakobi, Kube ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;"
17 o qual confirmou a Jacó por decreto e a Israel, por aliança perpétua,
18 Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan, Libe licandelo lelifa lenu,"
18 dizendo: Dar-vos-ei a terra de Canaã como quinhão da vossa herança.
19 Nisengamadoda ambalwa, Nibancinane, ningabaphambukeli kulo."
19 Então, eram eles em pequeno número, pouquíssimos e forasteiros nela;
20 Bahamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga; Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu."
20 andavam de nação em nação, de um reino para um povo.
21 Akavumela mntu ukuba abacudise, Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo,"
21 A ninguém permitiu que os oprimisse; antes, por amor deles, repreendeu a reis,
22 Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam, Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam."
22 dizendo: Não toqueis nos meus ungidos, nem maltrateis os meus profetas.
23 Vumani kuYehova, nonke hlabathi, Shumayelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe iimini ngeemini."
23 Cantai ao Senhor , todas as terras; proclamai a sua salvação, dia após dia.
24 Balisani ezintlangeni zonke uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo."
24 Anunciai entre as nações a sua glória, entre todos os povos, as suas maravilhas,
25 Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene; Uyoyikeka ngaphezu koothixo bonke,"
25 porque grande é o Senhor e mui digno de ser louvado, temível mais do que todos os deuses.
26 Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu."
26 Porque todos os deuses dos povos são ídolos; o
27 Yindili nobungangamela phambi kwakhe, Ngamandla novuyo endaweni yakhe engcwele."
27 Glória e majestade estão diante dele, força e formosura, no seu santuário.
28 Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe, Mnikeni uYehova uzuko namandla."
28 Tributai ao Senhor , ó famílias dos povos, tributai ao
29 Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Zisani umnikelo, nime phambi kwakhe; Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele."
29 Tributai ao Senhor a glória devida ao seu nome; trazei oferendas e entrai nos seus átrios; adorai o
30 Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi; Elimiweyo liya kuzinza ngoko, lingashukumi."
30 Tremei diante dele, todas as terras, pois ele firmou o mundo para que não se abale.
31 Malivuye izulu, ligcobe ihlabathi, Makuthiwe ezintlangeni, UYehova ngukumkani."
31 Alegrem-se os céus, e a terra exulte; diga-se entre as nações: Reina o
32 Malugqume ulwandle nokuzala kwalo; Malidlamke ilizwe, nento yonke ekulo,"
32 Ruja o mar e a sua plenitude; folgue o campo e tudo o que nele há.
33 Ize imemelele imithi yehlathi phambi koYehova; Ngokuba esiza kuligweba ihlabathi."
33 Regozijem-se as árvores do bosque na presença do porque vem a julgar a terra.
34 Bulelani kuYehova ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
34 Rendei graças ao Senhor , porque ele é bom; porque a sua misericórdia dura para sempre.
35 Yithini, Sisindise, Thixo osisindisayo, Usibuthe, usihlangule ezintlangeni, Ukuze sibulele igama lakho elingcwele, Sizingce ngendumiso yakho."
35 E dizei: Salva-nos, ó Deus da nossa salvação, ajunta-nos e livra-nos das nações, para que rendamos graças ao teu santo nome e nos gloriemos no teu louvor.
36 Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, Kususela kwaphakade, kude kuse ephakadeni! Bathi ke bonke abantu, Amen, bamdumisa uYehova."
36 Bendito seja o Senhor , Deus de Israel, desde a eternidade até a eternidade. E todo o povo disse: Amém! E louvou ao
37 Wabashiya apho phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova ooAsafu nabazalwana bakhe, ukuba balugiselele phambi kwetyeya ngamaxesha onke, ngokwento yemini ngangemini yayo;"
37 Então, Davi deixou ali diante da arca da Aliança do Senhor a Asafe e a seus irmãos, para ministrarem continuamente perante ela, segundo se ordenara para cada dia;
38 noo-Obhedi-edom nabazalwana babo, bemashumi mathandathu anesibhozo; uObhedi-edom, unyana kaYedutun, noHosa bengabamasango."
38 também deixou a Obede-Edom com seus irmãos, em número de sessenta e oito; a Obede-Edom, filho de Jedutum, e a Hosa, para serem porteiros;
39 UTsadoki umbingeleli, nabazalwana bakhe abangababingeleli, babephambi komnquba kaYehova esigangeni esiseGibheyon,"
39 e deixou a Zadoque, o sacerdote, e aos sacerdotes, seus irmãos, diante do tabernáculo do Senhor , num lugar alto de Gibeão,
40 ukuba banyuse amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sedini elinyukayo amaxesha onke, kusasa nangokuhlwa, njengako konke okubhaliweyo emyalelweni kaYehova, awawumisela amaSirayeli."
40 para oferecerem continuamente ao Senhor os holocaustos sobre o altar dos holocaustos, pela manhã e à tarde; e isto segundo tudo o que está escrito na Lei que o Senhor ordenara a Israel.
41 Babenabo ooHeman noYedutun, nabanye abanyulwa, abo babekhankanywe ngamagama, ukuba babulele kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;"
41 E com eles deixou a Hemã, a Jedutum e os mais escolhidos, que foram nominalmente designados para louvarem o Senhor , porque a sua misericórdia dura para sempre.
42 benooHeman noYedutun, benamaxilongo, namacangci, abo benza isandi beneempahla zokuvuma zikaThixo; oonyana bakaYedutun bengabamasango."
42 Com eles, pois, estavam Hemã e Jedutum, que faziam ressoar trombetas, e címbalos, e instrumentos de música de Deus; os filhos de Jedutum eram porteiros.
43 Bahamba bonke abantu, elowo waya endlwini yakhe; wabuya ke uDavide, weza kusikelela indlu yakhe."
43 Então, se retirou todo o povo, cada um para sua casa; e tornou Davi, para abençoar a sua casa.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Crônicas 16, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.