Tito 2
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC
1 Ke wena, thetha izinto eziyifaneleyo imfundiso ephilileyo;"
1 O teu ensinamento, porém, seja conforme à sã doutrina.
2 ukuba amadoda amakhulu abe ziingcathu, andileke, abe nesidima, aphile elukholweni, eluthandweni, elunyamezelweni;"
2 Os mais velhos sejam sóbrios, graves, prudentes, fortes na fé, na caridade, na paciência.
3 ukuba abafazi abakhulu kwangokunjalo babe nesimilo esibafaneleyo, bangabi ngabatyholi; bangazilahleli kwiwayini eninzi; bafundise okuhle;"
3 Assim também as mulheres de mais idade mostrem no seu exterior uma compostura santa, não sejam maldizentes nem intemperantes, mas mestras de bons conselhos.
4 ukuze bayale abafazana ukuba babe nesidima, bawathande amadoda abo, babathande abantwana babo,"
4 Que saibam ensinar as jovens a amarem seus maridos, a quererem bem seus filhos,
5 babe nesidima, babe nyulu, basebenze ezindlwini zabo, babe nokulunga, bawathobele awabo amadoda, ukuze ilizwi likaThixo linganyeliswa."
5 a serem prudentes, castas, cuidadosas da casa, bondosas, submissas a seus maridos, para que a palavra de Deus não seja desacreditada.
6 Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima."
6 Exorta igualmente os moços a serem morigerados,
7 Ezintweni zonke zenze umzekelo wemisebenzi emihle;"
7 e mostra-te em tudo modelo de bom comportamento: pela integridade na doutrina, gravidade,
8 emfundisweni ube ngomsulwa, ngondilekileyo, ngolizwi liphilileyo, lingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani."
8 linguagem sã e irrepreensível, para que o adversário seja confundido, não tendo a dizer de nós mal algum.
9 Amakhoboka wathethele ukuba azithobele iinkosi zawo, abe ngakholekileyo kakuhle ezintweni zonke, engaphiki; angashinti;"
9 Exorta os servos a que sejam submissos a seus senhores e atentos em agradar-lhes. Em lugar de reclamar deles
10 asuke abonakalalise konke ukuthembeka okulungileyo, ukuze ayivathise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke."
10 e defraudá-los, procurem em tudo testemunhar-lhes incondicional fidelidade, para que por todos seja respeitada a doutrina de Deus, nosso Salvador.
11 Kuba lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo;"
11 Manifestou-se, com efeito, a graça de Deus, fonte de salvação para todos os homens.
12 lusiqeqesha ukuze sithi, sikuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku;"
12 Veio para nos ensinar a renunciar à impiedade e às paixões mundanas e a viver neste mundo com toda sobriedade, justiça e piedade,
13 silinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu,"
13 na expectativa da nossa esperança feliz, a aparição gloriosa de nosso grande Deus e Salvador, Jesus Cristo,
14 owazinikela ngenxa yethu, ukuze asikhulule ngokusihlawulela kuko konke ukuchasa umthetho, azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle."
14 que se entregou por nós, a fim de nos resgatar de toda a iniqüidade, nos purificar e nos constituir seu povo de predileção, zeloso na prática do bem.
15 Ezi zinto zithethe, uvuselele, wohlwaye ngawo wonke ummiselo. Makungabikho namnye ukudelayo."
15 Eis o que deves ensinar, pregar e defender com toda a autoridade. E que ninguém te menospreze!
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Tito 2, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.