Salmos 98

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Umhobe. Vumani kuYehova ingoma entsha, Ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo; Simzuzele uloyiso isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe engcwele."

2 Ulwazisile uYehova usindiso lwakhe, Ubutyhilile emehlweni eentlanga ubulungisa bakhe."

3 Ukhumbule inceba yakhe nokunyanisa kwakhe kwindlu kaSirayeli; Zilubonile zonke iziphelo zehlabathi usindiso loThixo wethu."

4 Dumani kuYehova, nonke hlabathi, Gqobhokelani ekumemeleleni, nibethe uhadi."

5 Mbetheleni uhadi uYehova, Uhadi nelizwi lengoma;"

6 Ngamaxilongo nezwi lesigodlo Dumani phambi koKumkani uYehova."

7 Malugqume ulwandle nenzaliseko yalo, Elimiweyo nabemi balo."

8 Imilambo mayibethe izandla, Zimemelele kunye iintaba"

9 Phambi koYehova, ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Izizwe ngokuthe tye."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Salmos 98, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.