Salmos 122

Xhosa Bible (GL_XHOSA)

1 Ingoma yezinyuko. KaDavide. Ndavuya bakuthi kum, Masiye endlwini kaYehova."

2 Iinyawo zethu zifike zema Emasangweni akho, Yerusalem;"

3 Yerusalem, wena wakhiweyo Ngokomzi ohlangeneyo wamnye;"

4 Apho zinyuka ziye khona izizwe, Izizwe zikaYehova; Ibubungqina ke loo nto kwaSirayeli, Ukuba kubulelwe kwigama likaYehova."

5 Kuba khona apho kumiswe iitrone zokugweba, Iitrone zendlu kaDavide."

6 Celelani iYerusalem uxolo; Mababe nokuchulumacha abakuthandayo,"

7 Malube luxolo eludongeni lwakho olurhaqileyo, Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde."

8 Ngenxa yabazalwana bam nowethu, Makhe ndithethe uxolo ngawe."

9 Ngenxa yendlu kaYehova, uThixo wethu, Ndiya kufuna okukulungeleyo."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Salmos 122, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.