1 Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa, Kwendlu kaYakobi ebantwini abantetho ingaziwayo,"
2 UYuda waba yingcwele yakhe, USirayeli waba sisikumkani sakhe."
3 Ulwandle lwabona, lwasaba, IYordan yabuya umva."
4 Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha; Iinduli, njengamatakane omhlambi."
5 Ubunani na, lulwandlendini, ukuba usabe? Wena Yordan, ukuba ubuye umva?"
6 Nina zintaba, ukuba nidlobe njengeenkunzi zeegusha? Nina zinduli, njengamatakane omhlambi?"
7 Wena hlabathi, zibhijabhije ebusweni beNkosi, Ebusweni boThixo kaYakobi;"
8 Uloguqula iliwa libe lidike lamanzi, Iqhwitha libe yimithombo yamanzi."