Romanos 8

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya."
1 De agora em diante, pois, já não há nenhuma condenação para aqueles que estão em Jesus Cristo.
2 Kuba umthetho woMoya wobomi, ndakuba kuKristu Yesu, wandikhulula emthethweni wesono nokufa."
2 A lei do Espírito de Vida me libertou, em Jesus Cristo, da lei do pecado e da morte.
3 Kuba ekukhohlweni komthetho, ekubeni uswele amandla ngayo inyama, uthe uThixo, ethume owakhe uNyana, efana nenyama elawulwa sisono, emthume ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni leyo;"
3 O que era impossível à lei, visto que a carne a tornava impotente, Deus o fez. Enviando, por causa do pecado, o seu próprio Filho numa carne semelhante à do pecado, condenou o pecado na carne,
4 ukuze ibango lomthetho lizaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama; sihambayo ngokoMoya."
4 a fim de que a justiça, prescrita pela lei, fosse realizada em nós, que vivemos não segundo a carne, mas segundo o espírito.
5 Kuba abo bangokwenyama banyamekela izinto zasenyameni; abo ke bangokoMoya banyamekela izinto zaseMoyeni."
5 Os que vivem segundo a carne gostam do que é carnal; os que vivem segundo o espírito apreciam as coisas que são do espírito.
6 Kuba ukunyameka kwenyama ikukufa; ukunyameka ke koMoya bubomi noxolo."
6 Ora, a aspiração da carne é a morte, enquanto a aspiração do espírito é a vida e a paz.
7 Ngokokuba ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo; kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo."
7 Porque o desejo da carne é hostil a Deus, pois a carne não se submete à lei de Deus, e nem o pode.
8 Abo ke bakwinyama, abanakumkholisa uThixo."
8 Os que vivem segundo a carne não podem agradar a Deus.
9 Ke nina anikwinyama; nikuMoya, ukuba kumi okunene uMoya kaThixo ngaphakathi kwenu. Ukuba ke umntu akanaye uMoya kaKristu, akangowakhe lowo."
9 Vós, porém, não viveis segundo a carne, mas segundo o Espírito, se realmente o espírito de Deus habita em vós. Se alguém não possui o Espírito de Cristo, este não é dele.
10 Ukuba ke uKristu ungaphakathi kwenu, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa uMoya ububomi ngenxa yobulungisa."
10 Ora, se Cristo está em vós, o corpo, em verdade, está morto pelo pecado, mas o Espírito vive pela justificação.
11 Ukuba ke uMoya walowo wamvusayo uYesu kwabafileyo, umi ngaphakathi kwenu, yena owamvusayo uKristu kwabafileyo uya kuyenza iphile nemizimba yenu enokufa, ngaye uMoya wakhe omiyo ngaphakathi kwenu."
11 Se o Espírito daquele que ressuscitou Jesus dos mortos habita em vós, ele, que ressuscitou Jesus Cristo dos mortos, também dará a vida aos vossos corpos mortais, pelo seu Espírito que habita em vós.
12 Ngoko ke, bazalwana, singabanetyala; kodwa kungekuyo inyama ukuze siphile ngokwenyama."
12 Portanto, irmãos, não somos devedores da carne, para que vivamos segundo a carne.
13 Kuba xa niphila ngokwenyama, niza kufa; ke ukuba niyazibulala ngoMoya, zife iintlondi zomzimba, nophila."
13 De fato, se viverdes segundo a carne, haveis de morrer; mas, se pelo Espírito mortificardes as obras da carne, vivereis,
14 Kuba bonke abakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo abo."
14 pois todos os que são conduzidos pelo Espírito de Deus são filhos de Deus.
15 Kuba anamkelanga moya wabukhoboka, ukuba nibuye noyike; namkele umoya wokwenziwa oonyana, esidanduluka ngawo sithi, Abha, Bawo."
15 Porquanto não recebestes um espírito de escravidão para viverdes ainda no temor, mas recebestes o espírito de adoção pelo qual clamamos: Aba! Pai!
16 UMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo."
16 O Espírito mesmo dá testemunho ao nosso espírito de que somos filhos de Deus.
17 Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye."
17 E, se filhos, também herdeiros, herdeiros de Deus e co-herdeiros de Cristo, contanto que soframos com ele, para que também com ele sejamos glorificados.
18 Kuba ndigqiba kwelithi, iintlungu zeli xesha lakalokunje azinakulinganiswa nobuqaqawuli obu buza kutyhilwa kuthi."
18 Tenho para mim que os sofrimentos da presente vida não têm proporção alguma com a glória futura que nos deve ser manifestada.
19 Kuba ukulangazelela kwendalo kulinde ukutyhileka koonyana bakaThixo."
19 Por isso, a criação aguarda ansiosamente a manifestação dos filhos de Deus.
20 Kuba indalo yalulanyiselwa kokungelutho, kungengakuvuma kwayo, kungenxa yowayilulamisayo,"
20 Pois a criação foi sujeita à vaidade {não voluntariamente, mas por vontade daquele que a sujeitou},
21 inethemba lokuba nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo."
21 todavia com a esperança de ser também ela libertada do cativeiro da corrupção, para participar da gloriosa liberdade dos filhos de Deus.
22 Kuba siyazi ukuba yonke indalo iyancwina, inenimba kunye, unangoku."
22 Pois sabemos que toda a criação geme e sofre como que dores de parto até o presente dia.
23 Asiyiyo ke yodwa; sisuka nathi, banayo intlahlela yoMoya, thina aba ke ngokwethu, sincwine ngaphakathi kwethu, silinde ukwenziwa oonyana; inkululeko yomzimba wethu ke leyo."
23 Não só ela, mas também nós, que temos as primícias do Espírito, gememos em nós mesmos, aguardando a adoção, a redenção do nosso corpo.
24 Kuba sasindiselwa ethembeni; ke ithemba elise libonwa asithemba; kuba oko akubonayo umntu, angaba usakuthembeleni na?"
24 Porque pela esperança é que fomos salvos. Ora, ver o objeto da esperança já não é esperança; porque o que alguém vê, como é que ainda o espera?
25 Ukuba ke sithembe ukuzuza oko singakuboniyo, sikulinda kakhulu, sinomonde."
25 Nós que esperamos o que não vemos, é em paciência que o aguardamos.
26 Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla; kuba esingakuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo."
26 Outrossim, o Espírito vem em auxílio à nossa fraqueza; porque não sabemos o que devemos pedir, nem orar como convém, mas o Espírito mesmo intercede por nós com gemidos inefáveis.
27 Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo."
27 E aquele que perscruta os corações sabe o que deseja o Espírito, o qual intercede pelos santos, segundo Deus.
28 Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe."
28 Aliás, sabemos que todas as coisas concorrem para o bem daqueles que amam a Deus, daqueles que são os eleitos, segundo os seus desígnios.
29 Ngokuba abo wabaziyo ngenxa engaphambili, wabamisela ngenxa engaphambili ukuba bafane nomfanekiselo woNyana wakhe, ukuze abe ngowamazibulo kubazalwana abaninzi."
29 Os que ele distinguiu de antemão, também os predestinou para serem conformes à imagem de seu Filho, a fim de que este seja o primogênito entre uma multidão de irmãos.
30 Abo ke wabamisayo ngenxa engaphambili, wabuya wababiza bona; waza abo wababizayo, wabuya wabagwebela bona; abo ke wabagwebelayo, wabuya wabazukisa nokubazukisa bona."
30 E aos que predestinou, também os chamou; e aos que chamou, também os justificou; e aos que justificou, também os glorificou.
31 Sithini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo?"
31 Que diremos depois disso? Se Deus é por nós, quem será contra nós?
32 Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye?"
32 Aquele que não poupou seu próprio Filho, mas que por todos nós o entregou, como não nos dará também com ele todas as coisas?
33 Ngubani na oya kumangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo?"
33 Quem poderia acusar os escolhidos de Deus? É Deus quem os justifica.
34 Ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo?"
34 Quem os condenará? Cristo Jesus, que morreu, ou melhor, que ressuscitou, que está à mão direita de Deus, é quem intercede por nós!
35 Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na?"
35 Quem nos separará do amor de Cristo? A tribulação? A angústia? A perseguição? A fome? A nudez? O perigo? A espada?
36 Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yakho sibulawa imini yonke; Sibalelwe ekuthini sizizimvu zokuxhelwa."
36 Realmente, está escrito: Por amor de ti somos entregues à morte o dia inteiro; somos tratados como gado destinado ao matadouro {Sl 43,23}.
37 Kanti ke kwezo zinto zonke, sisuka soyise sigqithisele, ngaye owasithandayo."
37 Mas, em todas essas coisas, somos mais que vencedores pela virtude daquele que nos amou.
38 Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo,"
38 Pois estou persuadido de que nem a morte, nem a vida, nem os anjos, nem os principados, nem o presente, nem o futuro, nem as potestades,
39 nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu."
39 nem as alturas, nem os abismos, nem outra qualquer criatura nos poderá apartar do amor que Deus nos testemunha em Cristo Jesus, nosso Senhor.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Romanos 8, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.