Romanos 7

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC

Sair da comparação
ARC Almeida Revista e Corrigida 2009
1 Anazi na, bazalwana (kuba ndithetha kwabawaziyo umthetho), ukuba umthetho umphatha ngobukhosi umntu ngexesha lonke adla ubomi ngalo?"
1 Não sabeis vós, irmãos (pois que falo aos que sabem a lei), que a lei tem domínio sobre o homem por todo o tempo que vive?
2 Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho kwindoda yakhe, lo gama idla ubomi; ukuba ke ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophe endodeni."
2 Porque a mulher que está sujeita ao marido, enquanto ele viver, está-lhe ligada pela lei; mas, morto o marido, está livre da lei do marido.
3 Ngoko ke, ukuba uthe waba kuyimbi indoda, yakubon’ ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi. Ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile kuwo umthetho, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda."
3 De sorte que, vivendo o marido, será chamada adúltera se for doutro marido; mas, morto o marido, livre está da lei e assim não será adúltera se for doutro marido.
4 Ngoko ke, bazalwana bam, nani n’abulawa nafa kuwo umthetho ngawo umzimba kaKristu, ukuba nibe kuwumbi, kulowo ke wavuswa kwabafileyo, ukuze sixakathe isiqhamo kuThixo thina."
4 Assim, meus irmãos, também vós estais mortos para a lei pelo corpo de Cristo, para que sejais doutro, daquele que ressuscitou de entre os mortos, a fim de que demos fruto para Deus.
5 Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, okube kuxhokonxwa ngawo umthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ekuxakatha isiqhamo esisa ekufeni."
5 Porque, quando estávamos na carne, as paixões dos pecados, que são pela lei, operavam em nossos membros para darem fruto para a morte.
6 Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho, safayo nje kwesasibanjwe kuko, ngokokude sikhonze sinobutsha bomoya, singakhonzi sinobudala bomthetho obhaliweyo."
6 Mas, agora, estamos livres da lei, pois morremos para aquilo em que estávamos retidos; para que sirvamos em novidade de espírito, e não na velhice da letra.
7 Sithini na ke? Umthetho usisono na? Nakanye! Ke ngendingasazanga isono, ukuba bekungengamthetho; kuba nenkanuko ngendingayazanga, ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi, Uze ungakhanuki."
7 Que diremos, pois? É a lei pecado? De modo nenhum! Mas eu não conheci o pecado senão pela lei; porque eu não conheceria a concupiscência, se a lei não dissesse: Não cobiçarás.
8 Isono ke sizuze ithuba ngawo umthetho, sasebenza ngaphakathi kwam yonke inkanuko; kuba, kungekho mthetho, isono sifile."
8 Mas o pecado, tomando ocasião pelo mandamento, despertou em mim toda a concupiscência: porquanto, sem a lei, estava morto o pecado.
9 Mna ke bendifudula ndiphilile, ungekho umthetho; uthe ke wakufika umthetho, sabuya saphila isono, ndafa ke mna;"
9 E eu, nalgum tempo, vivia sem lei, mas, vindo o mandamento, reviveu o pecado, e eu morri;
10 waza umthetho obumiselwe ubomi, wafumaneka kum inguwona usingisa ekufeni."
10 e o mandamento que era para vida, achei eu que me era para morte.
11 Kuba isono sithe, sizuze ithuba ngawo umthetho, sandilukuhla, saza ngawo sandibulala."
11 Porque o pecado, tomando ocasião pelo mandamento, me enganou e, por ele, me matou.
12 Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile."
12 Assim, a lei é santa; e o mandamento, santo, justo e bom.
13 Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Nakanye! Saye sisisono; ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngoko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo."
13 Logo, tornou-se-me o bom em morte? De modo nenhum! Mas o pecado, para que se mostrasse pecado, operou em mim a morte pelo bem, a fim de que pelo mandamento o pecado se fizesse excessivamente maligno.
14 Kuba siyazi ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono."
14 Porque bem sabemos que a lei é espiritual; mas eu sou carnal, vendido sob o pecado.
15 Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza;"
15 Porque o que faço, não o aprovo, pois o que quero, isso não faço; mas o que aborreço, isso faço.
16 ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle."
16 E, se faço o que não quero, consinto com a lei, que é boa.
17 Ngoko ke ayisendim osebenza oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam."
17 De maneira que, agora, já não sou eu que faço isto, mas o pecado que habita em mim.
18 Kuba ndiyazi ukuba ngaphakathi kwam, oko kukuthi enyameni yam, akumi okulungileyo; kuba ukuthanda kukho ukubakho oku kum; ke kona ukukusebenza okuhle andikufumani."
18 Porque eu sei que em mim, isto é, na minha carne, não habita bem algum; e, com efeito, o querer está em mim, mas não consigo realizar o bem.
19 Kuba okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza."
19 Porque não faço o bem que quero, mas o mal que não quero, esse faço.
20 Ukuba ke endingakuthandiyo mna, ndenza khona oko, ayisendim okusebenzayo"
20 Ora, se eu faço o que não quero, já o não faço eu, mas o pecado que habita em mim.
21 oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam."
21 Acho, então, esta lei em mim: que, quando quero fazer o bem, o mal está comigo.
22 Ndifumana ngoko lo mthetho kum, ukuba kuthi, ndifuna ukukwenza okuhle, kusuke kubekho okubi kum."
22 Porque, segundo o homem interior, tenho prazer na lei de Deus.
23 Kuba ndikholene nomthetho kaThixo ngokomntu ongaphakathi; kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am."
23 Mas vejo nos meus membros outra lei que batalha contra a lei do meu entendimento e me prende debaixo da lei do pecado que está nos meus membros.
24 Athi ke mna, mntu uludwayi! Azi, ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba woku kufa?"
24 Miserável homem que eu sou! Quem me livrará do corpo desta morte?
25 Ndiyabulela kuThixo ngoYesu Kristu, iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo; kodwa ngayo inyama ndikhonza umthetho wesono."
25 Dou graças a Deus por Jesus Cristo, nosso Senhor. Assim que eu mesmo, com o entendimento, sirvo à lei de Deus, mas, com a carne, à lei do pecado.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Romanos 7, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.