Romanos 6

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC

Sair da comparação
ARC Almeida Revista e Corrigida 2009
1 Masithini na ngoko? Masihlale sihleli na esonweni, ukuze ubabalo lwande?"
1 Que diremos, pois? Permaneceremos no pecado, para que a graça seja mais abundante?
2 Nakanye! Thina safayo nje kwisono, singathini na ukuba sahlala kuso?"
2 De modo nenhum! Nós que estamos mortos para o pecado, como viveremos ainda nele?
3 Anazi na ukuba thina sonke, sabhaptizelwayo kuKristu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?"
3 Ou não sabeis que todos quantos fomos batizados em Jesus Cristo fomos batizados na sua morte?
4 Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze, njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha."
4 De sorte que fomos sepultados com ele pelo batismo na morte; para que, como Cristo ressuscitou dos mortos pela glória do Pai, assim andemos nós também em novidade de vida.
5 Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe;"
5 Porque, se fomos plantados juntamente com ele na semelhança da sua morte, também o seremos na da sua ressurreição;
6 sikwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono;"
6 sabendo isto: que o nosso velho homem foi com ele crucificado, para que o corpo do pecado seja desfeito, a fim de que não sirvamos mais ao pecado.
7 kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono."
7 Porque aquele que está morto está justificado do pecado.
8 Ukuba ke safa kunye noKristu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye;"
8 Ora, se já morremos com Cristo, cremos que também com ele viveremos;
9 sisazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusamphathi ngabukhosi."
9 sabendo que, havendo Cristo ressuscitado dos mortos, já não morre; a morte não mais terá domínio sobre ele.
10 Kuba ukufa awakufayo, wakufa kwisono kwaba kanye; ubomi ke abudlayo, ubudlela kuThixo."
10 Pois, quanto a ter morrido, de uma vez morreu para o pecado; mas, quanto a viver, vive para Deus.
11 Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu."
11 Assim também vós considerai-vos como mortos para o pecado, mas vivos para Deus, em Cristo Jesus, nosso Senhor.
12 Ngoko isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, ukuze nisilulamele ngokwenza iinkanuko zawo."
12 Não reine, portanto, o pecado em vosso corpo mortal, para lhe obedecerdes em suas concupiscências;
13 Kanjalo amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswela-bulungisa; manizinikele ngokwenu kuThixo, ngokwabaphile babengabafileyo, niwanikele kuThixo amalungu enu, ukuba abe ziintonga zobulungisa."
13 nem tampouco apresenteis os vossos membros ao pecado por instrumentos de iniquidade; mas apresentai-vos a Deus, como vivos dentre mortos, e os vossos membros a Deus, como instrumentos de justiça.
14 Kuba isono asiyi kuniphatha ngabukhosi; kuba aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo."
14 Porque o pecado não terá domínio sobre vós, pois não estais debaixo da lei, mas debaixo da graça.
15 Kuthiweni na ngoko? Sone na, kuba singephantsi kwamthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!"
15 Pois quê? Pecaremos porque não estamos debaixo da lei, mas debaixo da graça? De modo nenhum!
16 Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye ukuba ngabakhonzi bokumlulamela, ningabakhonzi ngoku kulowo nimlulamelayo: nokokuba ningabesono, nisingise ekufeni, nokokuba ningabolulamo, nisingise ebulungiseni?"
16 Não sabeis vós que a quem vos apresentardes por servos para lhe obedecer, sois servos daquele a quem obedeceis, ou do pecado para a morte, ou da obediência para a justiça?
17 Makubulelwe ke kuThixo, ukuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo;"
17 Mas graças a Deus que, tendo sido servos do pecado, obedecestes de coração à forma de doutrina a que fostes entregues.
18 nathi, nakuba nikhululwe ke kuso isono, nakhonziswa kubo ubulungisa."
18 E, libertados do pecado, fostes feitos servos da justiça.
19 Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba, njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho: ngokunjalo kalokunje, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke."
19 Falo como homem, pela fraqueza da vossa carne; pois que, assim como apresentastes os vossos membros para servirem à imundícia e à maldade para a maldade, assim apresentai agora os vossos membros para servirem à justiça para a santificação.
20 Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa."
20 Porque, quando éreis servos do pecado, estáveis livres da justiça.
21 Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sazo kukufa."
21 E que fruto tínheis, então, das coisas de que agora vos envergonhais? Porque o fim delas é a morte.
22 Kaloku ke, nikhululwe nje kuso isono, naza nakhonziswa kuThixo, ninaso isiqhamo senu sokuba ningcwaliseke; isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade."
22 Mas, agora, libertados do pecado e feitos servos de Deus, tendes o vosso fruto para santificação, e por fim a vida eterna.
23 Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu."
23 Porque o salário do pecado é a morte, mas o dom gratuito de Deus é a vida eterna, por Cristo Jesus, nosso Senhor.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Romanos 6, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.