Romanos 5
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC
1 Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;"
1 Sendo, pois, justificados pela fé, temos paz com Deus por nosso Senhor Jesus Cristo;
2 esaba nako ngaye ukuthi singene ngokholo kolu lubabalo simiyo kulo, siqhayise ngokuthemba uzuko lukaThixo."
2 pelo qual também temos entrada pela fé a esta graça, na qual estamos firmes; e nos gloriamos na esperança da glória de Deus.
3 Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo;"
3 E não somente isto, mas também nos gloriamos nas tribulações, sabendo que a tribulação produz a paciência;
4 unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; ukucikideka ke kusebenza ithemba;"
4 e a paciência, a experiência; e a experiência, a esperança.
5 ithemba ke alidanisi, ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo."
5 E a esperança não traz confusão, porquanto o amor de Deus está derramado em nosso coração pelo Espírito Santo que nos foi dado.
6 Kuba uKristu uthe, sakubon’ ukuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo."
6 Porque Cristo, estando nós ainda fracos, morreu a seu tempo pelos ímpios.
7 Kuba kungangenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo;"
7 Porque apenas alguém morrerá por um justo; pois poderá ser que pelo bom alguém ouse morrer.
8 ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele."
8 Mas Deus prova o seu amor para conosco em que Cristo morreu por nós, sendo nós ainda pecadores.
9 Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo."
9 Logo, muito mais agora, sendo justificados pelo seu sangue, seremos por ele salvos da ira.
10 Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, sixolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe."
10 Porque, se nós, sendo inimigos, fomos reconciliados com Deus pela morte de seu Filho, muito mais, estando já reconciliados, seremos salvos pela sua vida.
11 Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje uxolelaniso olo."
11 E não somente isto, mas também nos gloriamos em Deus por nosso Senhor Jesus Cristo, pelo qual agora alcançamos a reconciliação.
12 Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo;"
12 Pelo que, como por um homem entrou o pecado no mundo, e pelo pecado, a morte, assim também a morte passou a todos os homens, por isso que todos pecaram.
13 kuba kude kwakho umthetho, kukho isono ehlabathini, sibe ke isono singabalelwa mntwini kungekho mthetho."
13 Porque até à lei estava o pecado no mundo, mas o pecado não é imputado não havendo lei.
14 Ukufa ke kwalawula, kuthabathela kuAdam kwezisa kuMoses, nakwabo bangonanga ngokufana nesigqitho sika-Adam, oyintsobi yalowo ubeza kubakho."
14 No entanto, a morte reinou desde Adão até Moisés, até sobre aqueles que não pecaram à semelhança da transgressão de Adão, o qual é a figura daquele que havia de vir.
15 Sisuke isiphoso asaba njengoko sinjalo sona isibabalo. Kuba, xa abaninzi aba bafa sisiphoso salowo mnye, kokukhona ubabalo lukaThixo, nesipho esingobabalo olu lwalo mntu mnye, uYesu Kristu, saphuphumela kubo abaninzi aba."
15 Mas não é assim o dom gratuito como a ofensa; porque, se, pela ofensa de um, morreram muitos, muito mais a graça de Deus e o dom pela graça, que é de um só homem, Jesus Cristo, abundou sobre muitos.
16 Kanjalo sona isipho asinjengokuba kwaba njalo ngalowo mnye wonayo. Kuba okunene isigwebo seza ngenxa yalowo mnye, sesa ekugwetyweni; ke sona isibabalo seza ngenxa yeziphoso ezininzi, sesa ekugwetyelweni."
16 E não foi assim o dom como a ofensa, por um só que pecou; porque o juízo veio de uma só ofensa, na verdade, para condenação, mas o dom gratuito veio de muitas ofensas para justificação.
17 Kuba, xa kwathi ngesiphoso salowo mnye ukufa kwalawula ngalowo mnye, kokukhona baya kuthi aba bakwamkelayo ukuphuphuma kobabalo, noko kuphiwa ubulungisa, babe nokulawula ebomini ngaye lo umnye, uYesu Kristu."
17 Porque, se, pela ofensa de um só, a morte reinou por esse, muito mais os que recebem a abundância da graça e do dom da justiça reinarão em vida por um só, Jesus Cristo.
18 Ngoko ke, njengokuba kwathi ngasiphoso sinye kwabakho ukugwetywa kwabo bonke abantu, ngokunjalo kothi nangesenzo esinye sobulungisa, kubekho ukugwetyelwa ubomi kubo bonke abantu."
18 Pois assim como por uma só ofensa veio o juízo sobre todos os homens para condenação, assim também por um só ato de justiça veio a graça sobre todos os homens para justificação de vida.
19 Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva komntu omnye lowo, abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kuya kuthi, nangokuva komnye lo, abaninzi benziwe amalungisa."
19 Porque, como, pela desobediência de um só homem, muitos foram feitos pecadores, assim, pela obediência de um, muitos serão feitos justos.
20 Ke kaloku umthetho wangena nawo, ukuze isiphoso sande; ke apho sandayo isono, lwaphuphuma ngakumbi ubabalo;"
20 Veio, porém, a lei para que a ofensa abundasse; mas, onde o pecado abundou, superabundou a graça;
21 ukuze, njengokuba isono saba nokulawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lube nokulawula ngobulungisa, luse ebomini obungunaphakade, ngaye uYesu Kristu, iNkosi yethu."
21 para que, assim como o pecado reinou na morte, também a graça reinasse pela justiça para a vida eterna, por Jesus Cristo, nosso Senhor.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Romanos 5, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.