Romanos 3

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs BKJ

Sair da comparação
1 Ugqithisele ngantoni na ngoko umYuda kwabanye? Kunceda ntoni na ukwaluka?"
1 Que vantagem então tem o judeu? Ou que proveito há na circuncisão?
2 Kukhulu, ngeendlela zonke. Kuba ke, ukuqala, baphathiswa izihlabo zikaThixo."
2 Muita, sob todos os aspectos: Principalmente, porque, foram-lhes confiados os oráculos de Deus.
3 Kuyini na khona, ukuba abathile abakholwanga? Ukungakholwa kwabo kokuphuthisa na ukuthembeka kukaThixo?"
3 E se alguns deles não creram? A sua incredulidade anulará a fidelidade de Deus?
4 Nakanye! UThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuze ube nokugwetyelwa emazwini akho, Weyise ekumangalelweni kwakho."
4 De forma alguma! Sim, que Deus seja verdadeiro, e todo o homem mentiroso; como está escrito: Para que sejas justificado em tuas palavras, e venças quando fores julgado.
5 Ke ukuba ukuswela-kulungisa kwethu kuqondakalisa ubulungisa bukaThixo, sothini na? Uswele ukulungisa na uThixo, lo uhlisa umsindo wakhe? (Ndithetha ngokomntu.)"
5 Mas se a nossa injustiça ressalta a justiça de Deus, o que nós diremos? Seria Deus injusto por tomar a vingança? (eu falo como homem).
6 Nakanye! Oko ubengathini na uThixo ukuligweba ihlabathi?"
6 De forma alguma! Pois então como Deus julgará o mundo?
7 Ke ukuba inyaniso kaThixo iphuphumele ekuthini azukiswe ngobuxoki bam, ndisagwetywa ngani na mna ngokomoni?"
7 Pois, se a minha mentira fez abundar a verdade de Deus para sua glória, por que sou eu ainda julgado também como um pecador?
8 Yini na ukuba singabi sesisithi (ngoko ke sinyeliswayo, ngoko ke abathile bathi, sithi thina), Masenze okubi, ukuze kuvele okulungileyo? abakugwetywa kuyeleleyo."
8 E por que não dizemos (como somos caluniosamente reportados, e como alguns afirmam que dizemos): Façamos o mal, para que venha o bem? A condenação dos tais é justa.
9 Kuthiweni na ke? Sinomkhusane na? Hayi, unakanye! Kuba besesiwamisele ityala amaYuda kwanamaGrike, lokuba baphantsi kwesono bonke;"
9 Então o quê? Somos melhores do que eles? Não, de maneira nenhuma, pois nós já provamos antes que, tanto judeus como gentios, todos eles estão debaixo do pecado,
10 njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Akukho lungisa, hayi, nalinye;"
10 como está escrito: Não há nenhum justo, não, nem um.
11 Akukho uqondayo; Akukho umfunisisayo uThixo!"
11 Não há ninguém que entenda; não há ninguém que busque a Deus.
12 Bonke baphambukile; bephelele, abancedi lutho; Akukho wenza okulungileyo; akukho nokude abe mnye."
12 Todos se desviaram do caminho, e juntamente se tornaram inúteis. Não há quem faça o bem, não há nem um.
13 Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo, Ngeelwimi zabo bamana ukukhohlisa. Ubuhlungu bamaphimpi buphantsi kwemilebe yomlomo wabo."
13 A sua garganta é um sepulcro aberto; com as suas línguas enganam; veneno de áspides está debaixo de seus lábios,
14 Abamlomo uzele kukuqalekisa nobukrakra."
14 cuja boca está cheia de maldição e amargura;
15 Iinyawo zabo zinamendu okuphalaza igazi;"
15 os seus pés são velozes para derramar sangue;
16 Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;"
16 em seus caminhos há destruição e miséria;
17 Nendlela yoxolo abayazanga."
17 e eles não conhecem o caminho da paz;
18 Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo."
18 não há temor de Deus diante de seus olhos.
19 Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo."
19 Ora, nós sabemos que todas as coisas que diz a lei, ela o diz aos que estão debaixo da lei, para que toda a boca se cale, e todo o mundo se torne culpado diante de Deus.
20 Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho."
20 Por isso, pelas obras da lei, nenhuma carne será justificada à sua vista, porque por meio da lei vem o conhecimento do pecado.
21 Ngoku ke kubonakaliswe ubulungisa bukaThixo, kungekho mthetho, bungqinelwa nguwo umthetho nabaprofeti;"
21 Mas agora a justiça de Deus se manifestou sem a lei, tendo o testemunho da lei e dos profetas;
22 ubulungisa ke bukaThixo, obungokukholwa kuYesu Kristu, bube bobabo bonke, buphezu kwabo bonke abakholwayo;"
22 a justiça de Deus, que é pela fé de Jesus Cristo para todos, e sobre todos os que creem; porque não há diferença;
23 kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo;"
23 porque todos pecaram e estão privados da glória de Deus.
24 begwetyelwe ngesisa lubabalo lwakhe ngako ukukhululwa ngentlawulelo ekuYesu Kristu;"
24 Sendo justificados livremente pela sua graça através da redenção que há em Cristo Jesus;
25 athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo;"
25 a quem Deus estabeleceu para ser uma propiciação através da fé no seu sangue, para declarar a sua justiça pela remissão dos pecados que são passados, na paciência de Deus;
26 ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngeli xesha lakalokunje, ukuze abe lilungisa, kwanomgwebeli walowo waselukholweni lukaYesu."
26 para declarar, eu digo, a sua justiça neste tempo, para que ele seja justo e justificador daquele que crê em Jesus.
27 Luphi na ngoko uqhayiso? Luvalelwe ngaphandle. Ngamthetho mni na? Ngowemisebenzi na? Hayi! Ngomthetho wokholo."
27 Onde está então a vanglória? É excluída. Por qual lei? Das obras? Não; mas pela lei da fé.
28 Ngoko ke sigqiba kwelithi, umntu ugwetyelwa ngokholo, kungekho misebenzi yamthetho."
28 Portanto, concluímos que o homem é justificado pela fé sem as obras da lei.
29 Kanene uThixo ungowamaYuda odwa na? Akanguye na noweentlanga? Ewe, ngoweentlanga nazo;"
29 É ele Deus somente dos judeus? Não é ele também dos gentios? Sim, também dos gentios;
30 ekubeni emnye uThixo, oya kugwebela abolwaluko ngokwaselukholweni, nabangengabolwaluko ngalo ukholo."
30 visto que há um só Deus, que justifica a circuncisão pela fé, e a incircuncisão por meio da fé.
31 Umthetho ngoko siyawuphuthisa na ngalo ukholo? Nakanye! Siyawumisa wona umthetho."
31 Anulamos, então, a lei pela fé? De forma alguma! Antes estabelecemos a lei.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Romanos 3, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.