Romanos 2
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs BKJ
1 Kungoko ndithi, Akunakuziphendulela, mntundini ugwebayo, nokuba ungubani; kuba ngokugweba omnye, uzigweba kwawena; kuba wena ugwebayo wenza kwaezo zinto."
1 Portanto, tu és indesculpável, ó homem, qualquer um que julgas; pois no que tu julgas a outro, a ti mesmo te condenas, pois tu que julgas, fazes as mesmas coisas.
2 Siyazi ke ukuba isigwebo sikaThixo siwa ngokwenyaniso phezu kwabo bazenzayo izinto ezinjalo."
2 Mas nós temos a certeza de que o julgamento de Deus é segundo a verdade contra os que cometem tais coisas.
3 Ucinga na ke, mntundini ugweba abo bazenzayo izinto ezinjalo, ube usenza kwazona nawe, ukuthi, uya kusisaba na wena isigwebo sikaThixo?"
3 E tu, ó homem, que julgas os que fazem tais coisas, pensas que, fazendo-as tu, escaparás do julgamento de Deus?
4 Okanye uyabudela na ubutyebi bobubele bakhe, nonyamezelo, nokuzeka kade umsindo; ungazi ukuba ububele bukaThixo bukusa enguqukweni?"
4 Ou desprezas tu as riquezas da sua benignidade, e paciência e longanimidade, não sabendo que a benignidade de Deus te leva ao arrependimento?
5 Ke uthi, ngokuba lukhuni kwakho, nentliziyo yakho engenanguquko, uziqwebele ingqumbo, ngemini yengqumbo nokutyhilwa komgwebo onobulungisa kaThixo;"
5 Mas, segundo a tua dureza e teu coração impenitente, entesouras para ti mesmo ira para o dia da ira e da revelação do justo julgamento de Deus;
6 oya kuvuza ulowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe:"
6 o qual retribuirá a cada homem segundo os seus atos;
7 abo bathi ngokomonde emsebenzini olungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali, abavuze ngobomi obungunaphakade;"
7 vida eterna aos que perseverando em fazer o bem, procuram glória, honra e imortalidade.
8 ke kwabo beyelenqe, bangayithambeliyo inyaniso, basuke bathambele intswela-bulungisa, kuya kubakho umsindo nengqumbo,"
8 Mas indignação e ira aos que são contenciosos, e não obedecem à verdade, mas obedecem à injustiça;
9 imbandezelo noxinaniso emphefumlweni wabantu bonke abasebenza okubi, kowomYuda ukuqala, kwanakowomGrike;"
9 tribulação e angústia sobre toda a alma do homem que faz o mal; primeiramente do judeu e também do gentio;
10 kubekho uzuko ke, nembeko, noxolo, kubantu bonke abasebenza okulungileyo, kumYuda ukuqala, kwanakumGrike."
10 mas glória, honra e paz a todo homem que pratica o bem; primeiramente ao judeu e também ao gentio;
11 Kuba kuThixo akukho kukhetha buso."
11 porque não há acepção de pessoas para Deus.
12 Kuba bonke abonileyo bengenamthetho, baya kutshabalala ngokunjalo bengenamthetho; nabo bonke abonileyo benomthetho, baya kugwetywa ngomthetho;"
12 Porque todos os que pecaram sem lei, também perecerão sem lei; e todos os que pecaram na lei, serão julgados pela lei;
13 kuba asingabanela ukuba ngabaphulaphuli bawo umthetho, abangamalungisa kuThixo; ngabenzi bawo umthetho abaya kugwetyelwa."
13 (porque os que ouvem a lei não são justos diante de Deus, mas os praticantes da lei serão justificados.
14 Kuba xa abeentlanga bathi, bengenamthetho, benze ngemvelo okomthetho, abo, bengenamthetho nje, bangumthetho kubo ngokwabo:"
14 Porque quando os gentios, que não têm lei, fazem naturalmente as coisas contidas na lei, não tendo eles lei, são a lei para si mesmos;
15 bona bawubonakalalisayo umsebenzi womthetho, ubhalwe ezintliziyweni zabo, sibe isazela sabo singqinelana nawo, zibe izicamango zabo zimangalelana, ziphathe kuziphendulela."
15 os quais mostram a obra da lei escrita em seus corações, testificando também a sua consciência, e os seus pensamentos, ou acusando-os, ou defendendo-os),
16 Kuya kuba njalo mhlenikweni uThixo aya kuzigweba izinto ezifihlakeleyo zabantu, ngokweendaba zam ezilungileyo ngoYesu Kristu."
16 no dia em que Deus julgar por meio de Jesus Cristo os segredos dos homens, conforme o meu evangelho.
17 Uyabona, wena unegama lokuba ungumYuda, wayame ngomthetho; uqhayisa ngoThixo;"
17 Eis que tu que és chamado de judeu, e descansas na lei, e te vanglorias em Deus;
18 uyakwazi ukuthanda kwakhe; uzicikida izinto ezahlukeneyo, uwutyelwe umthetho;"
18 e conheces a sua vontade, e aprovas as coisas mais excelentes, sendo instruído pela lei;
19 kananjalo wena ukholose ngokuthi uNokeli weemfama, ulukhanyiselo lwabo basebumnyameni,"
19 e confias que tu és guia dos cegos, luz dos que estão em trevas,
20 umluleki wabaswele ukuqonda, umfundisi weentsana, onesimilo sokwazi nesenyaniso emthethweni."
20 instrutor dos insensatos, mestre de crianças, que tens a forma do conhecimento e da verdade na lei.
21 Ndithi, wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi? Wena ke uvakalisa ukuthi, makungebiwa, uyeba?"
21 Tu, pois, que ensinas a outro, não te ensinas a ti mesmo? Tu, que pregas que um homem não deve furtar, tu furtas?
22 Wena ke uthi, makungakrexezwa, uyakrexeza? Wena ke ukruqukileyo zizithixo, uphanga iitempile?"
22 Tu, que dizes que um homem não deve cometer adultério, tu cometes adultério? Tu, que abominas os ídolos, tu cometes sacrilégio?
23 Wena ke uqhayisa ngomthetho, uyamhlazisa uThixo ngokugqitha umthetho?"
23 Tu, que te vanglorias na lei, por meio da infração da lei tu desonras a Deus?
24 Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kwazo iintlanga, njengoko kubhaliweyo."
24 Porque o nome de Deus é blasfemado entre os gentios por causa de vós, como está escrito.
25 Kuba ulwaluko luyanceda okunene, ukuba uyawenza umthetho; kodwa ukuba ungumgqithi womthetho, ulwaluko lwakho lusuke lwaba kukungaluki."
25 Porque a circuncisão é verdadeiramente proveitosa se tu guardares a lei; mas se tu és transgressor da lei, a tua circuncisão se torna em incircuncisão.
26 Ngoko ke, ukuba ongalukileyo uthi azigcine izimiselo zomthetho, akuyi kuthi na ukungaluki kwakhe kubalelwe ekuthini kukwaluka?"
26 Portanto, se o incircunciso guardar a justiça da lei, não será sua incircuncisão julgada como circuncisão?
27 Kuthi ukungaluki, oko kwasemvelweni, ngokuwuzalisa umthetho, kukugwebe wena ungumgqithi-mthetho, noko unesibhalo nolwaluko?"
27 E se a incircuncisão que é por natureza, cumpre a lei, julgar-te-á a ti, que pela letra e circuncisão és transgressor da lei?
28 Kuba umYuda asingulowo unguye ngokwangaphandle, nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni;"
28 Porque não é judeu o que o é exteriormente, nem é esta circuncisão, que é exteriormente na carne.
29 umYuda ngulowo wasemfihlekweni, nolwaluko lolwentliziyo ngomoya, kungengantetho: yena ukudunyiswa kwakhe kungaphumi bantwini, kuphuma kuThixo."
29 Mas é judeu o que o é no interior, e a circuncisão é a do coração, no espírito, e não na letra; cujo louvor não é de homens, mas de Deus.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Romanos 2, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.