Romanos 15
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB
1 Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi."
1 Ora nós, que somos fortes, devemos suportar as fraquezas dos fracos, e não agradar a nós mesmos.
2 Masithi sonke ngabanye simkholise ummelwane kokumlungeleyo, ukuze akheke."
2 Portanto cada um de nós agrade ao seu próximo, visando o que é bom para edificação.
3 Kuba naye uKristu akazikholisanga; wathi, njengokuba kubhaliwe, Iingcikivo zabakungcikivayo zawa phezu kwam."
3 Porque também Cristo não se agradou a si mesmo, mas como está escrito: Sobre mim caíram as injúrias dos que te injuriavam.
4 Kuba izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba."
4 Porquanto, tudo que dantes foi escrito, para nosso ensino foi escrito, para que, pela constância e pela consolação provenientes das Escrituras, tenhamos esperança.
5 Wanga ke uThixo wonyamezelo novuselelo anganinika ukucinga nto-nye phakathi kwenu, ngokukaKristu Yesu;"
5 Ora, o Deus de constância e de consolação vos dê o mesmo sentimento uns para com os outros, segundo Cristo Jesus.
6 ukuze nithi, nimxhelo mnye, engamlomo mnye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu."
6 Para que unânimes, e a uma boca, glorifiqueis ao Deus e Pai de nosso Senhor Jesus Cristo.
7 Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo."
7 Portanto recebei-vos uns aos outros, como também Cristo nos recebeu, para glória de Deus.
8 Ke kaloku ndithi, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqiniseke amadinga akhe koobawo;"
8 Digo pois que Cristo foi feito ministro da circuncisão, por causa da verdade de Deus, para confirmar as promessas feitas aos pais;
9 zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga, Ndilibethele uhadi igama lakho."
9 e para que os gentios glorifiquem a Deus pela sua misericórdia, como está escrito: Portanto eu te louvarei entre os gentios, e cantarei ao teu nome.
10 Kananjalo athi, Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe."
10 E outra vez diz: Alegrai-vos, gentios, juntamente com o povo.
11 Kananjalo, Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga, Niyibonge, nonke nina bantu."
11 E ainda: Louvai ao Senhor, todos os gentios, e louvem-no, todos os povos.
12 Kananjalo uIsaya uthi, Liya kubakho iHlumelo likaYese; Uya kuvela oya kulawula iintlanga; Ziya kuthembela kuye iintlanga."
12 E outra vez, diz também Isaías: Haverá a raiz de Jessé, aquele que se levanta para reger os gentios; nele os gentios esperarão.
13 Wanga ke uThixo wethemba elo anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele."
13 Ora, o Deus de esperança vos encha de todo o gozo e paz na vossa fé, para que abundeis na esperança pelo poder do Espírito Santo.
14 Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, ninako nokululekana."
14 Eu, da minha parte, irmãos meus, estou persuadido a vosso respeito, que vós já estais cheios de bondade, cheios de todo o conhecimento e capazes, vós mesmos, de admoestar-vos uns aos outros.
15 Kodwa ke ndibhalile kuni ngobuganga obukhulu kwezinye iindawo, bazalwana, ngokophindayo ukunikhumbuza ngenxa yobabalo awandibabala ngalo uThixo,"
15 Mas em parte vos escrevo mais ousadamente, como para vos trazer outra vez isto à memória, por causa da graça que por Deus me foi dada,
16 ukuze ndibe ngobusela iintlanga kuYesu Kristu, osebenza ububingeleli ngazo iindaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kungcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele."
16 para ser ministro de Cristo Jesus entre os gentios, ministrando o evangelho de Deus, para que sejam aceitáveis os gentios como oferta, santificada pelo Espírito Santo.
17 Ngoko ndiyazingca, ndikuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo."
17 Tenho, portanto, motivo para me gloriar em Cristo Jesus, nas coisas concernentes a Deus;
18 Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngezinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi, ngamandla emiqondiso nezimanga,"
18 porque não ousarei falar de coisa alguma senão daquilo que Cristo por meu intermédio tem feito, para obediência da parte dos gentios, por palavra e por obras,
19 ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu."
19 pelo poder de sinais e prodígios, no poder do Espírito Santo; de modo que desde Jerusalém e arredores, até a Ilíria, tenho divulgado o evangelho de Cristo;
20 Ndenjenjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye;"
20 deste modo esforçando-me por anunciar o evangelho, não onde Cristo houvera sido nomeado, para não edificar sobre fundamento alheio;
21 kube njengokuba kubhaliwe, kwathiwa, Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona; Nabo bangevanga nto, baya kuqonda."
21 antes, como está escrito: Aqueles a quem não foi anunciado, o verão; e os que não ouviram, entenderão.
22 Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni."
22 Pelo que também muitas vezes tenho sido impedido de ir ter convosco;
23 Ngoku ke ndingasenandawo nje kule mimandla, ndineminyaka ke emininzi ndilangazelela ukuza kuni,"
23 mas agora, não tendo mais o que me detenha nestas regiões, e tendo já há muitos anos grande desejo de ir visitar-vos,
24 xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo."
24 eu o farei quando for à Espanha; pois espero ver-vos de passagem e por vós ser encaminhado para lá, depois de ter gozado um pouco da vossa companhia.
25 Kalokunje ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele."
25 Mas agora vou a Jerusalém para ministrar aos santos.
26 Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile."
26 Porque pareceu bem à Macedônia e à Acaia levantar uma oferta fraternal para os pobres dentre os santos que estão em Jerusalém.
27 Ndithi kwakholeka kubo, kuba kakade banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zifanele ukubabusela ngezizezenyama."
27 Isto pois lhes pareceu bem, como devedores que são para com eles. Porque, se os gentios foram participantes das bênçãos espirituais dos judeus, devem também servir a estes com as materiais.
28 Ngoko, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani."
28 Tendo, pois, concluído isto, e havendo-lhes consignado este fruto, de lá, passando por vós, irei à Espanha.
29 Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu."
29 E bem sei que, quando for visitar-vos, chegarei na plenitude da bênção de Cristo.
30 Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangalo uthando loMoya, ukuba nizame kunye nam ekundithandazeleni kuye uThixo,"
30 Rogo-vos, irmãos, por nosso Senhor Jesus Cristo e pelo amor do Espírito, que luteis juntamente comigo nas vossas orações por mim a Deus,
31 ukuze ndihlangulwe kwabaziingqola kwelakwaYuda, nokuze ulungiselelo lwam olusinga eYerusalem lube nokwamkeleka kakuhle kubo abangcwele,"
31 para que eu seja livre dos rebeldes que estão na Judéia, e que este meu ministério em Jerusalém seja aceitável aos santos;
32 ukuze ndize kuni ndinovuyo, ngokuthanda kukaThixo, siphumzane."
32 a fim de que, pela vontade de Deus, eu chegue até vós com alegria, e possa entre vós recobrar as forças.
33 UThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen."
33 E o Deus de paz seja com todos vós. Amém.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Romanos 15, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.