Romanos 12

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB

Sair da comparação
ARIB Almeida Revisada Imprensa Bíblica
1 Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni."
1 Rogo-vos pois, irmãos, pela compaixão de Deus, que apresenteis os vossos corpos como um sacrifício vivo, santo e agradável a Deus, que é o vosso culto racional.
2 Kanjalo ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu, ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo."
2 E não vos conformeis a este mundo, mas transformai-vos pela renovação da vossa mente, para que experimenteis qual seja a boa, agradável, e perfeita vontade de Deus.
3 Kuba ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo nalowo umlinganiso wokholo."
3 Porque pela graça que me foi dada, digo a cada um dentre vós que não tenha de si mesmo mais alto conceito do que convém; mas que pense de si sobriamente, conforme a medida da fé que Deus, repartiu a cada um.
4 Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye kuKristu, sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye."
4 Pois assim como em um corpo temos muitos membros, e nem todos os membros têm a mesma função,
5 Sinezibabalo nje ke ezahlukahlukileyo, ngokobabalo esababalwa ngalo,"
5 assim nós, embora muitos, somos um só corpo em Cristo, e individualmente uns dos outros.
6 nokuba sinokuprofeta, masiprofete ngokomlinganiselo wokholo;"
6 De modo que, tendo diferentes dons segundo a graça que nos foi dada, se é profecia, seja ela segundo a medida da fé;
7 nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo;"
7 se é ministério, seja em ministrar; se é ensinar, haja dedicação ao ensino;
8 nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabayo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile."
8 ou que exorta, use esse dom em exortar; o que reparte, faça-o com liberalidade; o que preside, com zelo; o que usa de misericórdia, com alegria.
9 Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo."
9 O amor seja não fingido. Aborrecei o mal e apegai-vos ao bem.
10 Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani;"
10 Amai-vos cordialmente uns aos outros com amor fraternal, preferindo-vos em honra uns aos outros;
11 mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani;"
11 não sejais vagarosos no cuidado; sede fervorosos no espírito, servindo ao Senhor;
12 mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani;"
12 alegrai-vos na esperança, sede pacientes na tribulação, perseverai na oração;
13 mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni."
13 acudi aos santos nas suas necessidades, exercei a hospitalidade;
14 Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi."
14 abençoai aos que vos perseguem; abençoai, e não amaldiçoeis;
15 Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo."
15 alegrai-vos com os que se alegram; chorai com os que choram;
16 Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu."
16 sede unânimes entre vós; não ambicioneis coisas altivas mas acomodai-vos às humildes; não sejais sábios aos vossos olhos;
17 Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okuhle emehlweni abantu bonke."
17 a ninguém torneis mal por mal; procurai as coisas dignas, perante todos os homens.
18 Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke."
18 Se for possível, quanto depender de vós, tende paz com todos os homens.
19 Musani ukuziphindezelela, zint’anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi."
19 Não vos vingueis a vós mesmos, amados, mas dai lugar à ira de Deus, porque está escrito: Minha é a vingança, eu retribuirei, diz o Senhor.
20 Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo."
20 Antes, se o teu inimigo tiver fome, dá-lhe de comer; se tiver sede, dá-lhe de beber; porque, fazendo isto amontoarás brasas de fogo sobre a sua cabeça.
21 Musa ukweyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo."
21 Não te deixes vencer do mal, mas vence o mal com o bem.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Romanos 12, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.