Romanos 11

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Ngoko ke ndithi, UThixo ubagibile na abantu bakhe? Nakanye! Kuba nam lo ndingumSirayeli wasembewini ka-Abraham, wesizwe sikaBhenjamin."
1 Pergunto, então: Acaso rejeitou Deus o seu povo? De maneira alguma. Pois eu mesmo sou israelita, descendente de Abraão, da tribo de Benjamim.
2 UThixo akabagibanga bona abantu bakhe, abebazi ngenxa engaphambili. Okanye aniyazi na indawo ethetha ngoEliya esibhalweni, ukumangalela kwakhe amaSirayeli kuThixo, esithi,"
2 Deus não repeliu o seu povo, que ele de antemão distinguiu! Desconheceis o que narra a Escritura, no episódio de Elias, quando este se queixava de Israel a Deus:
3 Nkosi, abaprofeti bakho ababulele, nezibingelelo zakho azichithile; mna ndisele ndedwa; afuna ke ubomi bam?"
3 Senhor, mataram vossos profetas, destruíram vossos altares. Fiquei apenas eu, e ainda procuram tirar-me a vida {I Rs 19,10}?
4 Sisuka esikaThixo isihlabo sithini na kuye? Sithi, Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, angagobanga dolo kuBhahali wona."
4 Que lhe respondeu a voz divina? Reservei para mim sete mil homens, que não dobraram o joelho diante de Baal {I Rs 19,18}.
5 Ngokunjalo ke ngoko, nakweli xesha lakalokunje, kukho amasalela ngokonyulo lobabalo."
5 É o que continua a acontecer no tempo presente: subsiste um resto, segundo a eleição da graça.
6 Ukuba ke kungobabalo, akusengamisebenzi; okanye ubabalo alungebi saba lubabalo."
6 E se é pela graça, já não o é pelas obras; de outra maneira, a graça cessaria de ser graça.
7 Kuthiweni na ngoko? Kuthiwe, Khona oko akungxameleyo amaSirayeli akakufumananga; ke abanyuliweyo bakufumana, bathi ke abanye baqaqadekiswa;"
7 Conseqüência? Que Israel não conseguiu o que procura. Os escolhidos, estes sim, o conseguiram. Quanto aos mais, foram obcecados,
8 njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UThixo ubanike umoya wokuqoba, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwaba yimini yanamhla."
8 como está escrito: Deus lhes deu um espírito de torpor, olhos para que não vejam e ouvidos para que não ouçam, até o dia presente {Dt 29,3}.
9 Kanjalo uDavide uthi, Isithebe sabo masibe sisibatha, nesihogo sokubambisa, Nesikhubekiso, nesiphindezelo kubo:"
9 Davi também o diz: A mesa se lhes torne em laço, em armadilha, em ocasião de tropeço, em justo castigo!
10 Makenziwe abe mnyama amehlo abo, ukuba bangaboni; Nomhlana wabo wugobe amaxa onke."
10 A vista se lhes obscureça para não verem! Dobra-lhes o espinhaço sem cessar {Sl 68,23s}!
11 Ndithi ngoko, Bakhubeka ukuze bawe na? Nakanye! Kuthe ngesiphoso sabo, usindiso lwafika kuzo iintlanga, ukuze zibakhweletise."
11 Pergunto ainda: Tropeçaram acaso para cair? De modo algum. Mas sua queda, tornando a salvação acessível aos pagãos, incitou-os à emulação.
12 Ukuba ke isiphoso sabo siba bubutyebi behlabathi, nokuncipha kwabo kuba bubutyebi beentlanga, yobeka phi na inzaliseko yabo?"
12 Ora, se o seu pecado ocasionou a riqueza do mundo, e a sua decadência a riqueza dos pagãos, que não fará a sua conversão em massa?!
13 Kuba ndithetha kuni, zintlanga. Ekubeni okunene mna ndingumpostile weentlanga, ndiyaluzukisa ulungiselelo lwam;"
13 Declaro-o a vós, homens de origem pagã: como apóstolo dos pagãos, eu procuro honrar o meu ministério,
14 ukuba ndingade ndibakhweletise abenyama yam, ndisindise inxenye yabo."
14 com o intuito de, eventualmente, excitar à emulação os homens da minha raça e salvar alguns deles.
15 Kuba xa ukulahlwa kwabo kuluxolelaniso lwehlabathi, koba yintoni na ukwamkelwa kwabo? Akububomi obuphuma kwabafileyo, yini na?"
15 Porque, se de sua rejeição resultou a reconciliação do mundo, qual será o efeito de sua reintegração, senão uma ressurreição dentre os mortos?
16 Ukuba ke intlahlela ingcwele, ikwanjalo nentlama; ukuba ke ingcambu ingcwele, akwanjalo namasebe."
16 Se as primícias são santas, também a massa o é; e se a raiz é santa, os ramos também o são.
17 Ke ukuba inxenye yamasebe yaxhuzulwa, wathi ke wena, ungumnquma wasendle nje, wamiliselwa phakathi kwawo, waba lidlelane nengcambu nokutyeba komnquma:"
17 Se alguns dos ramos foram cortados, e se tu, oliveira selvagem, foste enxertada em seu lugar e agora recebes seiva da raiz da oliveira,
18 musa ukuwaqhayisela amasebe; ke ukuba uyawaqhayisela, yazi ukuba asinguwe oyithweleyo ingcambu; yingcambu ethwele wena."
18 não te envaideças nem menosprezes os ramos. Pois, se te gloriares, sabe que não és tu que sustentas a raiz, mas a raiz a ti.
19 Uya kuthi ngoko, Axhuzulwa amasebe, ukuze mna ndimiliselwe."
19 Dirás, talvez: Os ramos foram cortados para que eu fosse enxertada.
20 Utyaphile; axhuzulwa ngokungakholwa, ke wena umi ngokholo; musa ukukratsha, yoyika."
20 Sem dúvida! É pela incredulidade que foram cortados, ao passo que tu é pela fé que estás firme. Não te ensoberbeças, antes teme.
21 Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo."
21 Se Deus não poupou os ramos naturais, bem poderá não poupar a ti.
22 Khawububone ke ububele nobukhali bukaThixo; ubukhali okunene kwabo bawayo; kodwa kuwe, ububele, ukuba uthe wahlala kobo bubele; okanye wogawulwa nawe lo."
22 Considera, pois, a bondade e a severidade de Deus: severidade para com aqueles que caíram, bondade para contigo, suposto que permaneças fiel a essa bondade; do contrário, também tu serás cortada.
23 Nabo ke, ukuba abathanga bahlale ekungakholweni, bomiliselwa; kuba uThixo unako ukubuya abamilisele."
23 E eles, se não persistirem na incredulidade, serão enxertados; pois Deus é poderoso para enxertá-los de novo.
24 Kuba wena, xa wagawulwa kumnquma ongowasendle ngokwemvelo, waza wamiliselwa ngokunxamnye nemvelo komhle umnquma: bobeka phi na aba bangamasebe ngokwemvelo, ukumiliselwa kwabo kowabo umnquma?"
24 Se tu, cortada da oliveira de natureza selvagem, contra a tua natureza foste enxertada em boa oliveira, quanto mais eles, que são naturais, poderão ser enxertados na sua própria oliveira!
25 Kuba andithandi, bazalwana, ukuba ningayazi le mfihlelo, ukuze ningabi ziingqondi ngokwenu: le yokuba ukuqaqadeka kuwahlele amaSirayeli ngenxenye, ide ingene inzaliseko yazo iintlanga;"
25 Não quero, irmãos, que ignoreis este mistério, para que não vos gabeis de vossa sabedoria: esta cegueira de uma parte de Israel só durará até que haja entrado a totalidade dos pagãos.
26 aze ngokunjalo ke wonke uSirayeli asindiswe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuvela eZiyon uMhlanguli, Akusonge kumke kwaYakobi ukungahloneli Thixo."
26 Então Israel em peso será salvo, como está escrito: Virá de Sião o libertador, apartará de Jacó a impiedade.
27 Nguwo ke lo umnqophiso wam nabo, Xa ndithe ndazisusa izono zabo."
27 E esta será a minha aliança com eles, quando eu tirar os seus pecados {Is 59,20s; 27,9}.
28 Okunene ngokweendaba ezilungileyo, baziintshaba ngenxa yenu; kodwa ngokonyulo, ngabaziintanda ngenxa yoobawo."
28 Se, quanto ao Evangelho, eles são inimigos de Deus, para proveito vosso, quanto à eleição eles são muito queridos por causa de seus pais.
29 Kuba azinabuyambo izibabalo ezi, nobizo olu lukaThixo."
29 Pois os dons e o chamado de Deus são irrevogáveis.
30 Kuba, njengokuba nani benifudula ningamvi uThixo, ngoku ke nenzelwe inceba kukungeva kwabo abo;"
30 Assim como vós antes fostes desobedientes a Deus, e agora obtivestes misericórdia com a desobediência deles,
31 kwangokunjalo, nabo ababanga namvo ngoku, ukuze ngokwenzelwa kwenu inceba, benzelwe nabo inceba."
31 assim eles são incrédulos agora, em conseqüência da misericórdia feita a vós, para que eles também mais tarde alcancem, por sua vez, a misericórdia.
32 Kuba uThixo ubavalele ndawonye entsweleni-kuva bonke, ukuze abenzele inceba bonke."
32 Deus encerrou a todos esses homens na desobediência para usar com todos de misericórdia.
33 Hayi, ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazi kukaThixo! Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeki iindlela zakhe!"
33 Ó abismo de riqueza, de sabedoria e de ciência em Deus! Quão impenetráveis são os seus juízos e inexploráveis os seus caminhos!
34 Kuba ngubani na oyazileyo ingqiqo yeNkosi? Ngubani na khona othe waba ngumcebisi wayo?"
34 Quem pode compreender o pensamento do Senhor? Quem jamais foi o seu conselheiro?
35 Ngubani na khona owayinikayo ngenxa engaphambili, kwaza kwabuyekezwa kuye?"
35 Quem lhe deu primeiro, para que lhe seja retribuído?
36 Ngokuba ziphuma kuyo ke, zikho ngayo, zikholo yona, zonke ezo zinto. Malube kuyo uzuko, kude kube ngunaphakade. Amen."
36 Dele, por ele e para ele são todas as coisas. A ele a glória por toda a eternidade! Amém.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Romanos 11, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.