Romanos 10
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC
1 Bazalwana, inkolelo yeyam intliziyo, nesikhungo sam kuye uThixo, ngenxa yamaSirayeli, sesokuba asindiswe."
1 Irmãos, o bom desejo do meu coração e a oração a Deus por Israel é para sua salvação.
2 Kuba ndiyabangqinela ukuba banokumzondelela uThixo, koko bengamzondeleli ngokokwazi okukuko."
2 Porque lhes dou testemunho de que têm zelo de Deus, mas não com entendimento.
3 Kuba bathe, bengabazi ubulungisa bukaThixo, befuna nokumisa obabo ubulungisa, ababululamela ubulungisa bukaThixo."
3 Porquanto, não conhecendo a justiça de Deus e procurando estabelecer a sua própria justiça, não se sujeitaram à justiça de Deus.
4 Kuba intsingiselo yomthetho nguKristu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo."
4 Porque o fim da lei é Cristo para justiça de todo aquele que crê.
5 Kuba uMoses ubulungisa basemthethweni uthi ukububhala, Umntu ozenzileyo ezi zinto uya kuphila zizo."
5 Ora, Moisés descreve a justiça que é pela lei, dizendo: O homem que fizer estas coisas viverá por elas.
6 Ke bona obaselukholweni ubulungisa buthetha ngolu hlobo, Musa ukuthi entliziyweni yakho, Ngubani na oya kunyuka aye emazulwini ukuba ahlise uKristu?"
6 Mas a justiça que é pela fé diz assim: Não digas em teu coração: Quem subirá ao céu (isto é, a trazer do alto a Cristo)?
7 nokuthi, Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni, ukuba anyuse uKristu kwabafileyo?"
7 Ou: Quem descerá ao abismo (isto é, a tornar a trazer dentre os mortos a Cristo)?
8 Buthini na ke? Buthi, Ilizwi eli likufuphi kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho: elo ke lilizwi lokholo, eli sivakalisa lona."
8 Mas que diz? A palavra está junto de ti, na tua boca e no teu coração; esta é a palavra da fé, que pregamos,
9 Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa."
9 a saber: Se, com a tua boca, confessares ao Senhor Jesus e, em teu coração, creres que Deus o ressuscitou dos mortos, serás salvo.
10 Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; avume ke ngomlomo, ukuze asindiswe."
10 Visto que com o coração se crê para a justiça, e com a boca se faz confissão para a salvação.
11 Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa."
11 Porque a Escritura diz: Todo aquele que nele crer não será confundido.
12 Kuba akukho kwahluka kwamYuda namGrike; kuba ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo."
12 Porquanto não há diferença entre judeu e grego, porque um mesmo é o Senhor de todos, rico para com todos os que o invocam.
13 Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa."
13 Porque todo aquele que invocar o nome do Senhor será salvo.
14 Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga?"
14 Como, pois, invocarão aquele em quem não creram? E como crerão naquele de quem não ouviram? E como ouvirão, se não há quem pregue?
15 Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli? Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!"
15 E como pregarão, se não forem enviados? Como está escrito: Quão formosos os pés dos que anunciam a paz, dos que anunciam coisas boas!
16 Abazilulamelanga ke bonke iindaba ezilungileyo, kuba uIsaya uthi, Nkosi, ngubani na owakholwayo ludaba lwethu?"
16 Mas nem todos obedecem ao evangelho; pois Isaías diz: Senhor, quem creu na nossa pregação?
17 Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo."
17 De sorte que a fé é pelo ouvir, e o ouvir pela palavra de Deus.
18 Ingaba kodwa, abevanga na? Ehla wena! Intlokoma yabo yaphuma, yaya kulo lonke ihlabathi, Namazwi abo aya eziphelweni zelimiweyo."
18 Mas digo: Porventura, não ouviram? Sim, por certo, pois por toda a terra saiu a voz deles, e as suas palavras até aos confins do mundo.
19 Ndithi, Kodwa ubengazi na uSirayeli? Ukuqala, uMoses uthi, Mna ndiya kunikhweletisa ngabangeluhlanga, Ndiya kunicaphukisa ngohlanga olungenangqondo."
19 Mas digo: Porventura, Israel não o soube? Primeiramente, diz Moisés: Eu vos meterei em ciúmes com aqueles que não são povo, com gente insensata vos provocarei à ira.
20 Ke yena uIsaya akanqwanqwi; uthi, Ndifunyenwe ngababengandifuni, Ndaba nokubonakala kwababengandibuzi."
20 E Isaías ousadamente diz: Fui achado pelos que me não buscavam, fui manifestado aos que por mim não perguntavam.
21 Ke ngokubhekisele kuSirayeli uthi, Imini yonke izandla zam ndizolulele kubantu abangevayo, abaphikayo."
21 Mas contra Israel diz: Todo o dia estendi as minhas mãos a um povo rebelde e contradizente.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Romanos 10, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.