Números 30
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVI
1 Wathetha uMoses kwiintloko zezizwe zoonyana bakaSirayeli, esithi, Lilo eli ilizwi awise umthetho ngalo uYehova:"
1 Moisés disse aos chefes das tribos de Israel: "É isto que o Senhor ordena:
2 Xa athe umntu wabhambathisa isibhambathiso kuYehova, nokuba ufunge isifungo sokuwubopha umphefumlo wakhe ngokuzikhanyeza, makangalihlambeli ilizwi lakhe; makenze ngokwento yonke ephume emlonyeni wakhe."
2 Quando um homem fizer um voto ao Senhor ou um juramento que o obrigar a algum compromisso, não poderá quebrar a sua palavra, mas terá que cumprir tudo o que disse.
3 Xa ithe inkazana yabhambathisa isibhambathiso kuYehova, nokuba ithe yazibopha ngokuzikhanyeza, isendlwini kayise, isebuncinaneni bayo;"
3 "Quando uma moça que ainda vive na casa de seu pai fizer um voto ao Senhor ou obrigar-se por um compromisso
4 wasiva uyise isibhambathiso sayo nokuzikhanyeza kwayo, ebophe ngako umphefumlo wayo, wathi cwaka uyise kuyo: mazime zonke izibhambathiso zayo; nokuzikhanyeza kwayo konke, ebophe umphefumlo wayo ngako, makume."
4 e seu pai souber do voto ou compromisso, mas nada lhe disser, então todos os votos e cada um dos compromissos a que se obrigou serão válidos.
5 Ukuba uthe uyise wayithiba ngomhla wokuziva kwakhe izibhambathiso zayo zonke, nokuzikhanyeza kwayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, akuyi kuma; uYehova woyixolela, ngokuba eyithibile uyise."
5 Mas, se o pai a proibir quando souber do voto, nenhum dos votos ou dos compromissos a que se obrigou será válido; o Senhor a livrará porque o seu pai a proibiu.
6 Ke ukuba ithe yenda inesibhambathiso, nokuba inokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayongako,"
6 "Se ela se casar depois de fazer um voto ou depois de seus lábios proferirem uma promessa precipitada pela qual se obriga a si mesma
7 yeva indoda, yathi cwaka kuyo ngomhla wokuva kwayo, mazime izibhambathiso zayo; nokuzikhanyeza kwayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, makume."
7 e o seu marido o souber, mas nada lhe disser no dia em que ficar sabendo, então os seus votos ou compromissos a que ela se obrigou serão válidos.
8 Ukuba indoda yayo ithe yayithiba ngomhla wokuva kwayo, yasaphula isibhambathiso sayo esiphezu kwayo, nokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayo ngako: uYehova woyixolela."
8 Mas, se o seu marido a proibir quando o souber, anulará o voto que a obriga ou a promessa precipitada pela qual ela se obrigou, e o Senhor a livrará.
9 Isibhambathiso somhlolokazi nesowaliweyo, yonke into abophe umphefumlo wakhe ngayo, mayime phezu kwakhe."
9 "Qualquer voto ou compromisso assumido por uma viúva ou por uma mulher divorciada será válido.
10 Ukuba umfazi uthe wenza isibhambathiso esendlwini yendoda yakhe, nokuba uthe wabopha umphefumlo wakhe ngokuzikhanyeza ngesifungo,"
10 "Se uma mulher que vive com o seu marido fizer um voto ou obrigar-se por juramento a um compromisso
11 yeva indoda yakhe, yathi cwaka kuye, ayamthiba, mazime zonke izibhambathiso zakhe; makume ukuzikhanyeza kwakhe, abophe ngako umphefumlo wakhe."
11 e o seu marido o souber, mas nada lhe disser e não a proibir, então todos os votos ou compromissos pelos quais ela se obrigou serão válidos.
12 Ukuba ithe indoda yakhe yakwaphula mpela ngomhla wokuva kwayo, yonke into ephume emlonyeni wakhe ngezibhambathiso zakhe, nangokuzikhanyeza komphefumlo wakhe, mayingemi; indoda yakhe iyaphule, uYehova womxolela."
12 Mas, se o seu marido os anular quando deles souber, então nenhum dos votos ou compromissos que saíram de seus lábios será válido. Seu marido os anulou, e o Senhor a livrará.
13 Zonke izibhambathiso, nezifungo zonke zokuzikhanyeza, zokuthoba umphefumlo, indoda yakhe ingazimisa, indoda yakhe ingazaphula."
13 O marido poderá confirmar ou anular qualquer voto ou qualquer compromisso que a obrigue a humilhar-se a si mesma.
14 Ukuba indoda yakhe ithe cwaka, yathi tu kuye imihla ngemihla, iyazimisa zonke izibhambathiso zakhe, nokuzikhanyeza kwakhe konke okuphezu kwakhe iya kukumisa; ngokuba yathi cwaka kuye ngomhla wokuva kwayo."
14 Mas, se o marido nada lhe disser a respeito disso até o dia seguinte, com isso confirma todos os seus votos ou compromissos que a obrigam. Ele os confirma por nada lhe dizer quando os ouviu.
15 Ukuba ithe yakwaphula mpela emva kokuva kwayo, yobuthwala ubugwenxa bakhe."
15 Se, contudo, ele os anular algum tempo depois de ouvi-los, ele sofrerá as conseqüências de sua iniqüidade".
16 Yiyo leyo imimiselo, uYehova awamwisela umthetho ngayo uMoses, phakathi kwendoda nomkayo, phakathi koyise nentombi yakhe, isebuncinaneni bayo, isendlwini kayise."
16 São essas as ordenanças que o Senhor deu a Moisés a respeito do relacionamento entre um homem e sua mulher, e entre um pai e sua filha moça que ainda vive na casa do pai.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Números 30, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.