Números 26

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Kwathi emva kwesibetho eso, wathetha uYehova kuMoses nakuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wathi,"
1 Depois da epidemia, o Senhor disse a Moisés e a Eleazar, filho do sacerdote Arão, o seguinte:
2 Balani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, nithabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, ngokwezindlu zooyise, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli."
2 — Façam a contagem de todos os homens israelitas de vinte anos para cima, família por família, isto é, todos os que já têm idade para o serviço militar. São estes os israelitas que saíram do Egito:
3 UMoses noElazare umbingeleli bathetha nabo ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, besithi,"
3 — ausente —
4 Thabathelani kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses."
4 — ausente —
5 Oonyana bakaSirayeli abaphumayo ezweni lamaYiputa babengaba: kwaRubhen amazibulo kaSirayeli: oonyana bakaRubhen: nguHanoki ozala amaHanoki; nguPalu ozala amaPalu;"
5 A tribo de Rúben (Rúben era o filho mais velho de Jacó): os grupos de famílias de Enoque, Palu,
6 nguHetseron ozala amaHetseron; nguKarmi ozala amaKarmi."
6 Hezrom e Carmi.
7 Yiyo leyo imizalwane yamaRubhen; ababalwayo kuyo babengamashumi amane anamathathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu."
7 Desses grupos de famílias foram contados quarenta e três mil setecentos e trinta homens.
8 Oonyana bakaPalu nguEliyabhi."
8 Os descendentes de Palu eram Eliabe
9 Oonyana bakaEliyabhi nguNemuweli noDatan noAbhiram. Nguloo Datan noAbhiram babizwayo libandla, baphikisana noMoses noAron ebandleni likaKora, ekuphikisaneni kwabo noYehova;"
9 e os seus filhos Nemuel, Datã e Abirão (Datã e Abirão foram escolhidos pelo povo. Eles se revoltaram contra Moisés e Arão e se juntaram com os seguidores de Corá, na revolta contra Deus, o Senhor .
10 waza umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya noKora ekufenikwelo bandla, ekudleni komlilo amadoda angamakhulu omabini, anamanci mahlanu, aba ngumqondiso."
10 A terra se abriu e os engoliu, e eles morreram com Corá e os seus seguidores. O fogo matou duzentos e cinquenta homens, e isso serviu como um aviso para o povo.
11 Ke oonyana bakaKora abafanga."
11 Mas os filhos de Corá não foram mortos.).
12 Oonyana bakaSimon ngokwemizalwane yabo: nguNemuweli ozala amaNemuweli; nguYamin ozala amaYamin; nguYakin ozala amaYakin;"
12 A tribo de Simeão: os grupos de famílias de Nemuel, Jamim, Jaquim,
13 nguZera ozala amaZera; nguSawule ozala amaSawule."
13 Zera e Saul.
14 Yiyo leyo imizalwane yamaSimon: amashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu mabini."
14 Desses grupos de famílias foram contados vinte e dois mil e duzentos homens.
15 Oonyana bakaGadi ngokwemizalwane yabo: nguTsefon ozala amaTsefon; nguHagi ozala amaHagi; nguShuni ozala amaShuni;"
15 A tribo de Gade: os grupos de famílias de Zefom, Hagui, Suni,
16 nguOzeni ozala amaOzeni; nguEri ozala amaEri;"
16 Ozni, Eri,
17 nguArodi ozala ama-Arodi; nguAreli ozala ama-Areli."
17 Arode e Areli.
18 Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaGadi, ngokwababalwayo kubo: amashumi omane amawaka, anamakhulu mahlanu."
18 Desses grupos de famílias foram contados quarenta mil e quinhentos homens.
19 Oonyana bakaYuda nguEre no-Onan; bafa ooEre no-Onan ezweni lakwaKanan."
19 — ausente —
20 Oonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo babengaba: nguShela ozala amaShela; nguPeretse ozala amaPeretse; nguZera ozala amaZera."
20 — ausente —
21 Oonyana bakaPeretse babengaba: nguHetseron ozala amaHetseron; nguHamuli ozala amaHamuli."
21 — ausente —
22 Yiyo leyo imizalwane yakwaYuda, ngokwababalwayo kubo: amashumi asixhenxe anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu."
22 Desses grupos de famílias foram contados setenta e seis mil e quinhentos homens.
23 Oonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo; nguTola ozala amaTola; nguPuwa ozala amaPuwa;"
23 A tribo de Issacar: os grupos de famílias de Tolá, Puva,
24 nguYashubhi ozala amaYashubhi; nguShimron ozala amaShimron."
24 Jasube e Sinrom.
25 Yiyo leyo imizalwane yakwaIsakare, ngokwababalwayo kubo: anashumi amathandathu anamane amawaka, anamakhulu mathathu."
25 Desses grupos de famílias foram contados sessenta e quatro mil e trezentos homens.
26 Oonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo; nguSerede ozala amaSerede; nguElon ozala amaElon; nguYaleli ozala amaYaleli."
26 A tribo de Zebulom: os grupos de famílias de Serede, Elom e Jaleel.
27 Yiyo leyo imizalwane yamaZebhulon, ngokwababalwayo kubo: amashumi amathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu."
27 Desses grupos de famílias foram contados sessenta mil e quinhentos homens.
28 Oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo nguManase noEfrayim."
28 As tribos de Manassés e Efraim, que eram filhos de José.
29 Oonyana bakaManase: nguMakire ozala amaMakire; uMakire wazala uGiliyadi; nguGiliyadi ozala amaGiliyadi."
29 A tribo de Manassés: Maquir, filho de Manassés, era pai de Gileade, e os seguintes grupos de famílias são descendentes de Gileade:
30 Ngabo aba oonyana bakaGiliyadi: nguIyezere ozala amaIyezere; nguHeleki ozala amaHeleki;"
30 os grupos de famílias de Iezer, Heleque,
31 nguAseriyeli ozala ama-Aseriyeli; nguShekem ozala amaShekem; nguShemida ozala amaShemida;"
31 Asriel, Siquém,
32 nguHefere ozala amaHefere."
32 Semida e Héfer.
33 Ke uTselofehadi, unyana kaHefere, ebengenanyana; waye eneentombi zodwa. Amagama eentombi zikaTselofehadi nguMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa."
33 Zelofeade, filho de Héfer, não tinha filhos; somente filhas. Os nomes das filhas de Zelofeade eram: Macla, Noa, Hogla, Milca e Tirza.
34 Yiyo leyo imizalwane yakwaManase, ngokwababalwayo kubo: amashumi amahlanu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe."
34 Desses grupos de famílias foram contados cinquenta e dois mil e setecentos homens.
35 Ngabo aba oonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo: nguShutela ozala amaShutela; nguBhekere ozala amaBhekere; nguTahan ozala amaTahan."
35 A tribo de Efraim: os grupos de famílias de Sutela, Bequer e Taã.
36 Ngabo aba oonyana bakaShutela: nguEran ozala amaEran."
36 O grupo de famílias de Erã descendia de Sutela.
37 Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaEfrayim, ngokwababalwayo kubo; amashumi omathathu anamabini amawaka, anamakhulu mahlanu. Ngabo abo oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo."
37 Desses grupos de famílias foram contados trinta e dois mil e quinhentos homens. São esses os grupos de famílias descendentes de José.
38 Oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; nguBhela ozala amaBhela; nguAshebhele ozala ama-Ashebhele; nguAhiram ozala ama-Ahiram;"
38 A tribo de Benjamim: os grupos de famílias de Belá, Asbel, Airão,
39 nguShefufam ozala amaShefufam; nguHufam ozala amaHufam."
39 Sufã e Hufã.
40 Oonyana bakaBhela nguArdi noNahaman; nguArdi ozala ama-Ardi; nguNahaman ozala amaNahaman."
40 Os grupos de famílias de Arde e Naamã eram descendentes de Belá.
41 Ngabo abo oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; ababalwayo kubo ngamashumi amane anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu."
41 Desses grupos de famílias foram contados quarenta e cinco mil e seiscentos homens.
42 Ngabo aba oonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo; nguShuham ozala amaShuham. Yiyo leyo imizalwane yakwaDan ngokwemizalwane yabo."
42 A tribo de Dã: o grupo de famílias de Suão,
43 Yonke imizalwane yamaShuham, ngokwababalwayo kubo, ngamashumi omathandathu anamane amawaka, anamakhulu mane."
43 que tinha sessenta e quatro mil e quatrocentos homens.
44 Oonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo: nguImna ozaa amaImna; nguIshwi ozala amaIshwi; nguBheriya ozala amaBheriya."
44 A tribo de Aser: os grupos de famílias de Imna, Isvi e Berias.
45 Koonyana bakaBheriya: nguHebhere ozala amaHebhere; nguMalekiyeli ozaa amaMalekiyeli."
45 Os grupos de famílias de Héber e Malquiel são descendentes de Berias.
46 Igama lentombi ka-Ashere nguSara."
46 A filha de Aser se chamava Sera.
47 Yiyo leyo imizalwane yoonyana baka-Ashere, ngokwababalwayo kubo: ngamashumi omahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mane."
47 Desses grupos de famílias foram contados cinquenta e três mil e quatrocentos homens.
48 Oonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo: nguGatseli ozala amaGatseli; nguGuni ozala amaGuni;"
48 A tribo de Naftali: os grupos de famílias de Jazeel, Guni,
49 nguYetsere ozala amaYetsere; nguShilem ozala amaShilem."
49 Jezer e Silém.
50 Yiyo leyo imizalwane yakwaNafetali ngokwemizalwane yabo; ababaliweyo kubo ngamashumi omane anamahlanu amawaka, anamakhulu mane."
50 Desses grupos de famílias foram contados quarenta e cinco mil e quatrocentos homens.
51 Ngabo abo ababalwayo koonyana bakaSirayeli: ngamakhulu omathandathu amawaka anawaka-nye, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu."
51 O número total dos homens israelitas era de seiscentos e um mil setecentos e trinta homens.
52 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,"
52 O Senhor Deus disse a Moisés:
53 Malabelwe ezo zizwe ilizwe, libe lilifa lazo ngenani lamagama."
53 — Divida a terra entre as tribos, conforme o tamanho delas. Divida por sorteio e dê as partes maiores para as tribos maiores; e as partes menores, para as tribos menores.
54 Esininzi wolenza lininzi ilifa laso, esincinane wolenza lincinane ilifa laso; eso sinikwe ilifa ngokwababalwayo kuso."
54 — ausente —
55 Kodwa ilizwe malabiwe ngeqashiso, balidle ilifa ngokwamagama ezizwe zooyise;"
55 — ausente —
56 labiwe ilifa lazo ngokweqashiso, phakathi kwesininzi nesincinane."
56 — ausente —
57 Ngabo aba ababalwayo kubaLevi ngokwemizalwane yabo; nguGershon ozala amaGershon; nguKehati ozala amaKehati; nguMerari ozala amaMerari."
57 A tribo de Levi era formada pelos grupos de famílias de Gérson, Coate e Merari.
58 Yiyo le imizalwane yabaLevi: ngumzalwane wamaLibheni, ngumzalwane wamaHebron, ngumzalwane wamaMaheli, ngumzalwane wamaMushi, ngumzalwane wamaKora. UKehati wazala uAmram."
58 Os grupos de famílias de Libni, Hebrom, Mali, Musi e Corá eram descendentes de Levi. Coate era o pai de Anrão.
59 Igama lomka-Amram nguYokebhede, intombi kaLevi, eyazalelwa uLevi eYiputa; yamzalela uAmram ooAron noMoses, noMiriyam udade wabo."
59 A mulher de Anrão era Joquebede, filha de Levi; ela havia nascido no Egito. Joquebede deu a Anrão dois filhos: Arão e Moisés, e uma filha, chamada Míriam.
60 UAron wazalelwa uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare."
60 Arão tinha quatro filhos: Nadabe, Abiú, Eleazar e Itamar.
61 Bafa ooNadabhi noAbhihu ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova."
61 Porém Nadabe e Abiú morreram quando ofereceram a Deus, o Senhor , fogo que não era sagrado.
62 Ababalwayo kubo baba ngamashumi omabini anamathathu amawaka, yonke into eyindoda, bethabathela kumntwana onyanga-nye benyusa; kuba bebengabalwanga phakathi koonyana bakaSirayeli; ngokuba bebengenalifa phakathi koonyana bakaSirayeli."
62 Foram contados vinte e três mil levitas do sexo masculino, de um mês de idade para cima. Eles foram contados separadamente dos outros israelitas porque não receberam nenhuma propriedade em Israel.
63 Ngabo abo babalwayo nguMoses noElazare umbingeleli, ababebabala oonyana bakaSirayeli ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko."
63 São esses os que foram contados por Moisés e pelo sacerdote Eleazar, que fizeram a contagem dos israelitas nas planícies de Moabe, na beira do rio Jordão, na altura de Jericó, que ficava no outro lado do rio.
64 Ke kwabo kube kungasekho mntu wababebalwe ngooMoses noAron umbingeleli, abababalayo oonyana bakaSirayeli entlango yeSinayi."
64 Entre esses da segunda contagem não havia nenhum dos que tinham sido contados por Moisés e pelo sacerdote Arão, quando fizeram a primeira contagem dos israelitas no deserto do Sinai.
65 Ngokuba uYehova ebethe kubo, Mabafele bona entlango kanye. Akwasala namnye ke kubo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun."
65 O Senhor Deus tinha dito que todos eles certamente morreriam no deserto; e todos morreram, menos Calebe, filho de Jefoné, e Josué, filho de Num.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Números 26, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.