Números 22

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Banduluka oonyana bakaSirayeli, baya bamisa ezinkqantsoni zakwaMowabhi phesheya kweYordan, malunga neYeriko."
1 Partiram os filhos de Israel e acamparam nas planícies de Moab, além do Jordão, defronte de Jericó.
2 Wakubona uBhalaki, unyana kaTsipore, konke abekwenzile uSirayeli kuma-Amori."
2 Balac, filho de Sefor, tinha visto tudo o que Israel fizera aos amorreus.
3 UMowabhi wanxunguphala kakhulu ngabantu, ngokuba bebaninzi; wakruquka uMowabhi ngoonyana bakaSirayeli."
3 Moab teve um grande medo desse povo, porque era muito numeroso, e ficou aterrorizado diante dos israelitas.
4 Wathi uMowabhi kumadoda amakhulu akwaMidiyan, Ngoku esi sikhungu siya kukukhotha konke okungeenxa zonke kuthi, njengoko inkomo ilukhothayo uhlaza lwasendle. Ke uBhalaki, unyana kaTsipore, ubengukumkani wamaMowabhi ngelo xesha."
4 E disseram aos anciãos de Madiã: "Essa multidão vai devorar todos os nossos arredores como os bois devoram a erva do campo." Balac, filho de Sefor, reinava então em Moab.
5 Wathuma abathunywa kuBhileham, unyana kaBhehore, ePehore, esemlanjeni welizwe loonyana babantu bakowabo, ukuba bambize bathi, Yabona, kuphume abantu eYiputa; nabo bebugubungele ubuso belizwe, behleli malungana nam."
5 Mandou, pois, mensageiros a Balaão, filho de Beor, em Petor, sobre o rio, na terra dos filhos de Amon, para que o chamassem e lhe dissessem: "Há aqui um povo que saiu do Egito, o qual cobre a face da terra, e estabeleceu-se diante de mim.
6 Khawuze ke, undiqalekisele aba bantu, ngokuba banamandla kunam; mhlawumbi ndingaba nako ukubabulala, ndibagxothe kweli lizwe; ngokuba ndiyazi ukuba omsikelelayo usikelelwe, omqalekisayo uqalekisiwe."
6 Rogo-te que venhas e amaldiçoes esse povo, pois é muito mais poderoso do que eu. Talvez assim eu possa batê-lo e expulsá-lo de minha terra. Eu sei que será bendito o que abençoares e maldito o que amaldiçoares."
7 Ahamba ke amadoda amakhulu akwaMowabhi, namadoda amakhulu akwaMidiyan, eneenkozo zokuvumisa ezandleni zawo, aya kuBhileham, athetha kuye amazwi kaBhalaki."
7 Os anciãos de Moab e de Madiã partiram levando consigo o preço da adivinhação. Chegando junto de Balaão, referiram-lhe as palavras de Balac.
8 Wathi kuwo, Lalani apha ngobu busuku; ndoninika ilizwi, njengoko uYehova aya kuthetha kum. Bahlala ke abathetheli abo bakwaMowabhi noBhileham."
8 Balaão respondeu: "Passai a noite aqui, e dar-vos-ei a resposta que o Senhor me indicar." Ficaram, pois, os chefes de Moab em casa de Balaão.
9 Wafika uThixo kuBhileham, wathi, Angoobani na la madoda anawe apha?"
9 Deus veio a Balaão e disse-lhe: "Quem é essa gente que tens em tua casa?"
10 Wathi uBhileham kuThixo, UBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wamaMowabhi, uthumele kum, esithi,"
10 Balaão respondeu a Deus: "É Balac, filho de Sefor, rei de Moab, que me manda dizer:
11 Yabona, kuphume abantu eYiputa, babugubungela ubuso belizwe; yiza ke undiqalekisele bona, mhlawumbi ndingaba nako ukulwanabo, ndibagxothe."
11 há aqui um povo que saiu do Egito, o qual cobre a superfície da terra. Vem, pois, e amaldiçoa-o. Talvez assim possa eu batê-lo e expulsá-lo da terra."
12 Wathi uThixo kuBhileham, Uze ungahambi nawo, ungabaqalekisi abo bantu, kuba basikelelwe."
12 Disse Deus a Balaão: "Não irás com eles, e não amaldiçoarás esse povo, porque é bendito."
13 Wavuka uBhileham kusasa, wathi kubathetheli bakaBhalaki, Yiyani ezweni lenu; ngokuba uYehova uyala ukundivumela ndihambe nani."
13 Levantando-se Balaão pela manhã, disse aos chefes enviados por Balac: "Voltai para a vossa terra, pois o Senhor me proibiu de ir convosco."
14 Besuka ke abathetheli bakwaMowabhi, baya kuBhalaki, bathi, Walile uBhileham ukuza nathi."
14 Os chefes de Moab retomaram o caminho e voltaram para junto de Balac: "Balaão, disseram-lhe eles, recusou vir conosco."
15 Waphinda uBhalaki, wathuma abathetheli bebaninzi, bebekekile kunabo."
15 Balac mandou-lhe de novo outros chefes, mais numerosos e mais importantes que os primeiros.
16 Bafika ke kuBhileham, bathi kuye, Utsho uBhalaki, unyana kaTsipore, ukuthi, Musa ukukha unqandwe nto ukuza kum;"
16 Chegados junto a Balaão, disseram-lhe: "Eis a mensagem de Balac, filho de Sefor: rogo-te que não recuses vir ter comigo.
17 kuba ukukuzukisa kona ndiya kukuzukisa kunene, ndikwenze konke ondixelela kona; khawuze undiqalekisele aba bantu."
17 Cumular-te-ei de honras e farei tudo o que me disseres. Vem amaldiçoar esse povo."
18 Waphendula uBhileham, wathi kubakhonzi bakaBhalaki, Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andinako ukuwugqitha umlomo kaYehova, uThixo wam, ndenze okuncinane nokuba kokukhulu."
18 "Ainda que o vosso senhor me desse a sua casa cheia de prata e de ouro, respondeu Balaão aos servos de Balac, eu não poderia transgredir a ordem do Senhor meu Deus, nem pouco nem muito, no que quer que seja.
19 Khanihlale apha ke nani ngobu busuku, udide ndiyazi into aya kuyongeza uYehova, ayithethe kum."
19 Todavia, passai ainda esta noite aqui, para que eu saiba o que o Senhor me responderá ainda desta vez."
20 Wafika uThixo kuBhileham ebusuku, wathi kuye, Ukuba la madoda afike kuwe eza kukubiza, suka uhambe nawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze wenze lona lodwa."
20 Deus veio a Balaão durante a noite e disse-lhe: "Já que essa gente te veio chamar, levanta-te e vai com eles. Mas só farás o que eu te disser."
21 Wavuka uBhileham kusasa, wayibopha imazi yakhe ye-esile, wahamba nabathetheli abo bakwaMowabhi."
21 Balaão levantou-se de manhã, selou sua jumenta, e partiu com os chefes de Moab.
22 Wavutha umsindo kaThixo, ngokuba wahambayo. Sema isithunywa sikaYehova endleleni ukuba simchase. Wayekhwele e-esileni lakhe, enamadodana akwakhe omabini."
22 O Senhor irritou-se com sua partida, e o anjo do Senhor pôs-se-lhe no caminho como obstáculo. Balaão cavalgava em sua jumenta, acompanhado de seus dois servos.
23 Iesile lasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele laso ngesandla saso, lathi gu bucala iesile endleleni, laya entsimini. UBhileham walibetha iesile, elisongela endleleni."
23 A jumenta, vendo o anjo do Senhor postado no caminho, com uma espada desembainhada na mão, desviou-se e seguiu pelo campo; o adivinho a fustigava para fazê-la voltar ao caminho.
24 Sema isithunywa sikaYehova engxingweni yezidiliya, iludonga ngapha, iludonga ngapha."
24 Então o anjo do Senhor pôs-se num caminho estreito que passava por entre as vinhas, com um muro de cada lado.
25 Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lagudla udonga, lalugudla unyawo lukaBhileham ngodonga; waphinda walibetha."
25 Vendo-o, a jumenta coseu-se com o muro, ferindo contra ele o pé de Balaão, que a fustigou de novo.
26 Saphinda sagqitha isithunywa sikaYehova, sema endaweni exineneyo, apho bekungekho ndlela yakucezela ekunene nasekhohlo."
26 O anjo do Senhor deteve-se de novo mais adiante em uma passagem estreita, onde não havia espaço para se desviar nem para a direita nem para a esquerda.
27 Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lasadalala phantsi koBhileham. Wavutha umsindo kaBhileham, walibetha iesile ngentonga."
27 A jumenta, ao vê-lo, deitou-se debaixo de Balaão, o qual, encolerizado, a fustigava mais fortemente com seu bastão.
28 Wawuvula ke uYehova umlomo we-esile, lathi kuBhileham, Ndikwenze ntoni na, ukuba undibethe lamaxesha mathathu?"
28 Então o Senhor abriu a boca da jumenta, que disse a Balaão: "Que te fiz eu? Por que me bateste já três vezes?"
29 Wathi uBhileham kwiesile, Kungokuba ufekethe ngam; akwaba bendiphethe ikrele ngesandla sam; inene, ngendikubulele ngoku!"
29 Porque zombaste de mim, respondeu ele. Ah, se eu tivesse uma espada na mão! Ter-te-ia já matado!"
30 Lathi iesile kuBhileham, Andililo iesile lakho na okhwela kulo, kuseloko wabakhoyo unanamhla? Ndiqhelile na ukwenjenje kuwe? Wathi, Hayi."
30 A jumenta replicou: "Acaso não sou eu a tua jumenta, a qual montaste até o dia de hoje? Tenho eu porventura o costume de proceder assim contigo?" "Não", respondeu ele.
31 Wawavula uYehova amehlo kaBhileham, wasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele lasongesandla saso. Wathoba waqubuda ngobuso bakhe."
31 Então o Senhor abriu os olhos de Balaão, e ele viu o anjo do Senhor que estava no caminho com a espada desembainhada na mão. Inclinou-se e prostrou-se com a face por terra.
32 Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Ulibethele ntoni na iesile lakho la maxesha mathathu? Yabona, kuphume mna ukuza kukuchasa; ngokuba ekuboneni kwam le ndlela iseyelisela."
32 "Por que, disse-lhe o anjo do Senhor, feriste três vezes a tua jumenta? Eu vim opor-me a ti, porque segues um caminho que te leva ao precipício.
33 Landibona iesile, lacezela phaya kum la maxesha omathathu; koko lacezela phaya ngenxa yam, okanye ngendikubulele ngoku wena, ndalisindisa lona."
33 Vendo-me, a tua jumenta desviou-se por três vezes diante de mim. Se ela não o tivesse feito, ter-te-ia já matado, e ela ficaria viva."
34 Wathi uBhileham kwisithunywa sikaYehova, Ndonile, kuba bendingazi ukuba wena uze kundimela endleleni; ngoku, ukuba kubi emehlweni akho, ndobuya."
34 Balaão disse ao anjo do Senhor: "Pequei. Eu não sabia que estavas postado no caminho para deter-me. Se minha viagem te desagrada, voltarei."
35 Sathi isithunywa sikaYehova kuBhileham, Hamba namadoda lawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze uthethe lona lodwa. Wahamba ke uBhileham nabathetheli bakaBhalaki."
35 "Segue esses homens, respondeu-lhe o anjo do Senhor, mas cuida de só proferir as palavras que eu te disser." E Balaão partiu com os chefes de Balac.
36 Weva uBhalaki ukuba uBhileham uyeza. Waphuma waya kumhlangabeza emzini wakwaMowabhi osemdeni waseArnon, ekupheleni komda."
36 Quando Balac soube de sua chegada, subiu-lhe ao encontro até a cidade de Moab, na fronteira do Arnon, na extremidade daquela terra,
37 Wathi uBhalaki kuBhileham, Andikuthumelanga na ndiqinisile ukuba ndikubize? Yini na ukuba ungezi kum? Ndihleli nje, andinako na ukukuzukisa?"
37 e disse-lhe: "Mandei mensageiros chamar-te. Por que não vieste logo? Não posso eu tratar-te com honras?"
38 Wathi uBhileham kuBhalaki, Uyabona, ndifikile kuwe; ndinako na ke ngoku ukuthetha into eyiyo? Ilizwi alibekayo uThixo emlonyeni wam, ndiya kuthetha lona."
38 "Eis-me aqui, respondeu Balaão; mas agora ser-me-á possível dizer algo de mim mesmo? Só direi o que Deus me puser na boca, nada mais."
39 Wahamba uBhileham noBhalaki, bafika eKiriyati-hutsoti."
39 E partiram os dois para Quiriat-Chutsot.
40 Wabingelela uBhalaki iinkomo nempahla emfutshane, wathumela kuBhileham nakubathetheli ababenaye."
40 Balac imolou em sacrifício bois e ovelhas, dos quais mandou algumas porções a Balaão e aos chefes que o acompanhavam.
41 Kwathi ngomso, uBhalaki wamthabatha uBhileham, wamnyusa wamsa ezigangeni zikaBhahali. Wabona khona wada wesa ekupheleni kwabantu."
41 No dia seguinte pela manhã, Balac tomou consigo o adivinho e levou-o a Bamot-Baal, de onde se podiam ver as últimas linhas do acampamento de Israel.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Números 22, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.