Números 1
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH
1 Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, ententeni yokuhlangana, ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ngomnyaka wesibini wokuphuma kwabo ezweni laseYiputa, esithi,"
1 No segundo ano depois da saída dos israelitas do Egito, no dia primeiro do segundo mês, o Senhor Deus falou com Moisés no deserto do Sinai, na Tenda Sagrada . Ele disse:
2 Thabathani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ngokwemizalwane yabo ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama yonke into eyindoda, ngokwentloko yayo."
2 — Você e Arão devem fazer a contagem do povo de Israel por grupos de famílias e por famílias.
3 Nothabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe ninyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli; nibabale emlibeni ngokwemikhosi yabo, wena noAron;"
3 Façam a lista de todos os homens de vinte anos para cima, isto é, todos os que já têm idade para o serviço militar.
4 kubekho nani indoda esizweni ngasinye, indoda eyintloko yendlu kayise."
4 Vocês chamarão um chefe de grupo de famílias de cada tribo para ajudá-los. São estes os nomes dos homens que vão ajudar vocês: Esses foram os chefes de tribo escolhidos no meio do povo de Israel para representar os seus grupos de famílias.
5 Ngawo la amagama amadoda aya kuma nani: kwaRubhen: uElitsure unyana kaShediyure;"
5 — ausente —
6 kwaSimon: uShelumiyeli unyana kaTsurishadayi;"
6 — ausente —
7 kwaYuda: uNashon unyana ka-Aminadabhi;"
7 — ausente —
8 kwaIsakare: uNathaniyeli unyana kaTsuhare;"
8 — ausente —
9 kwaZebhulon: uEliyabhi unyana kaHelon;"
9 — ausente —
10 koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim: uElishama unyana ka-Amihudi; kwaManase: uGamaliyeli unyana kaPedatsure;"
10 — ausente —
11 kwaBhenjamin: uAbhidan unyana kaGidiyoni;"
11 — ausente —
12 kwaDan: uAhiyezere unyana ka-Amishadayi;"
12 — ausente —
13 kwa-Ashere: uPagiyeli unyana kaOkran;"
13 — ausente —
14 kwaGadi: uEliyasafu unyana kaDehuweli;"
14 — ausente —
15 kwaNafetali: uAhira unyana kaEnan."
15 — ausente —
16 Ngabo abo babizwe libandla, abazizikhulu zezizwe zooyise, abaziintloko zamawaka akwaSirayeli bona."
16 — ausente —
17 OoMoses noAron bawathabatha loo madoda ahleliweyo ngamagama."
17 — ausente —
18 Balibizela ndawonye lonke ibandla ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ukuba baxele ukuzalwa kwabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, ngokweentloko zabo."
18 — ausente —
19 Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses, wababala entlango yaseSinayi."
19 Assim, a contagem no deserto do Sinai foi feita como o Senhor havia ordenado a Moisés. Os homens de vinte anos para cima, que tinham idade para o serviço militar, foram registrados pelo seu nome, cada um no seu grupo de famílias e na sua família. Começaram pela tribo de Rúben, o filho mais velho de Jacó. A soma total das tribos foi a seguinte: Da tribo de Rúben, quarenta e seis mil e quinhentos homens.
20 Koonyana bakaRubhen, owamazibulo kaSirayeli, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke abaphuma umkhosi:"
20 — ausente —
21 abalwayo kubo besizwe sakwaRubhen, baba ngamashumi amane anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu."
21 — ausente —
22 Koonyana bakaSimon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ababalwa kubo ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke baphuma umkhosi;"
22 — ausente —
23 ababalwayo kubo besizwe sakwaSimon, baba ngamashumi amahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu."
23 — ausente —
24 Koonyana bakaGadi, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:"
24 — ausente —
25 ababalwayo kubo besizwe sakwaGadi, baba ngamashumi amane anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu."
25 — ausente —
26 Koonyana bakaYuda, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:"
26 — ausente —
27 ababalwayo kubo besizwe sakwaYuda, baba ngamashumi asixhenxe anamane amawaka, anamakhulu mathandathu."
27 — ausente —
28 Koonyana bakaIsakare, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:"
28 — ausente —
29 ababalwayo kubo besizwe sakwaIsakare, baba ngamashumi amahlanu anamane amawaka, anamakhulu mane."
29 — ausente —
30 Koonyana bakaZebhulon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:"
30 — ausente —
31 ababalwayo kubo besizwe sakwaZebhulon, baba ngamashumi amahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulu mane."
31 — ausente —
32 Koonyana bakaYosefu: koonyana bakaEfrayim: inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:"
32 — ausente —
33 ababalwayo kubo besizwe sakwaEfrayim, baba ngamashumi amane amawaka, anamakhulu mahlanu."
33 — ausente —
34 Koonyana bakaManase, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:"
34 — ausente —
35 ababalwayo kubo besizwe sakwaManase, baba ngamashumi amathathu anamabini amawaka, anamakhulu mabini."
35 — ausente —
36 Koonyana bakaBhenjamin, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwenzindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:"
36 — ausente —
37 ababalwayo kubo besizwe sakwaBhenjamin, baba ngamashumi amathathu anamahlanu amawaka, anamakhulu mane."
37 — ausente —
38 Koonyana bakaDan, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:"
38 — ausente —
39 ababalwayo kubo besizwe sakwaDan, baba ngamashumi amathandathu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe."
39 — ausente —
40 Koonyana baka-Ashere, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke baphuma umkhosi:"
40 — ausente —
41 ababalwayo kubo besizwe sakwa-Ashere, baba ngamashumi amane analinye amawaka, anamakhulu mahlanu."
41 — ausente —
42 Koonyana bakaNafetali, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:"
42 — ausente —
43 ababalwayo kubo besizwe sakwaNafetali, baba ngamashumi amahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mane."
43 — ausente —
44 Ngabo abo babalwayo, babalwayo nguMoses, noAron, nezikhulu zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini, iyileyo indoda ibalelwa indlu kayise."
44 — ausente —
45 Bonke ababalwayo boonyana bakaSirayeli ngokwezindlu zooyise, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli:"
45 — ausente —
46 bonke ababalwayo baba ngamakhulu amathandathu amawaka, anamawaka mathathu, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu."
46 — ausente —
47 Ke bona abaLevi, ngokwesizwe sezindlu zooyise, ababalelwanga phakathi kwabo."
47 Mas os levitas não foram registrados com as outras tribos ,
48 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,"
48 pois o Senhor tinha dito a Moisés o seguinte:
49 Kodwa sona isizwe sakwaLevi uze ungasibali; ungalithabathi inani laso phakathi koonyana bakaSirayeli."
49 — Quando você fizer a contagem dos homens com idade para o serviço militar, deixe de fora os homens da tribo de Levi.
50 Wena ke abaLevi uze ubenze bavelele umnquba wesingqino nempahla yawo yonke, nento yonke ekuwo, bawuthwale umnquba nempahla yawo yonke, balungiselele kuwo, bamise iintente zabo ngeenxa zonke emnqubeni."
50 Mas ponha os levitas para cuidarem da Tenda Sagrada e de todos os seus móveis e objetos. Eles carregarão a Tenda e todo o seu equipamento, farão ali o serviço religioso e acamparão ao redor dela.
51 Ekundulukeni komnquba wowiswa ngabaLevi; ekumisweni komnquba wophakanyiswa ngabaLevi; owasemzini osondelayo kuwo makabulawe."
51 Quando a Tenda tiver de ser transportada, os levitas a desarmarão e, quando for preciso acampar de novo, eles a armarão outra vez. Quem não for levita e chegar perto da Tenda deverá ser morto.
52 Oonyana bakaSirayeli bomisa elowo intente yakhe eminqubeni yakowabo, elowo ebhanileni yakowabo, ngokwemikhosi yabo."
52 Os outros israelitas ficarão cada um no seu próprio acampamento, perto da sua própria bandeira, de acordo com o seu grupo.
53 AbaLevi bona bozimisa ezabo ngeenxa zonke emnqubeni wesingqino, ukuze kungezi burhalarhume phezu kwebandla loonyana bakaSirayeli, basigcine abaLevi isigxina somnquba wesingqino."
53 Mas os levitas acamparão ao redor da Tenda para guardá-la a fim de que ninguém chegue perto, e assim eu não fique irado com o povo de Israel.
54 Benza ke oonyana bakaSirayeli; njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo."
54 E o povo fez tudo como o Senhor havia ordenado a Moisés.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Números 1, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.