Mateus 9

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Engenile ke emkhombeni, wawela, Weza kufika emzini wakowabo."
1 Jesus entrou num barco, voltou para o lado oeste do lago e chegou à sua cidade .
2 Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. UYesu, elubona ukholo lwabo, wathi kuye onedumbe, Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho."
2 Então algumas pessoas trouxeram um paralítico deitado numa cama. Jesus viu que eles tinham fé e disse ao paralítico:
3 Besuka ababhali abathile, bathi phakathi kwabo, Lo uyanyelisa."
3 Aí alguns mestres da Lei começaram a pensar: — Este homem está
4 UYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezikhohlakeleyo ezintliziyweni zenu?"
4 Porém Jesus sabia o que eles estavam pensando e disse:
5 Kuba okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe?"
5 O que é mais fácil dizer ao paralítico: “Os seus pecados estão perdoados” ou “Levante-se e ande”?
6 Kodwa ukuze nazi ukuba unalo igunya emhlabeni uNyana woMntu lokuxolela izono (selesithi konedumbe), Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho."
6 Pois vou mostrar a vocês que eu, o Então disse ao paralítico:
7 Wavuka ke, wemka waya endlwini yakhe."
7 O homem se levantou e foi para casa.
8 Zikubonile ke oko izihlwele, zamangaliswa, zamzukisa uThixo, obanike abantu igunya elingaka."
8 Quando o povo viu isso, ficou com medo e louvou a Deus por dar esse poder a seres humanos.
9 Edlula apho, uYesu wabona umntu ehleli endaweni yerhafu, okuthiwa nguMateyu; athi kuye, Ndilandele, Wesuka ke, wamlandela."
9 Jesus saiu dali e, no caminho, viu um cobrador de impostos, chamado Mateus, sentado no lugar onde os impostos eram pagos. Jesus lhe disse: Mateus se levantou e foi com ele.
10 Kwathi, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni endlwini, kwabonakala into eninzi yababuthi berhafu naboni, yeza yahlala ndawonye noYesu nabafundi bakhe."
10 Mais tarde, enquanto Jesus estava jantando na casa de Mateus, muitos cobradores de impostos e outras pessoas de má fama chegaram e sentaram-se à mesa com Jesus e os seus discípulos.
11 Bakukubona oko abaFarisi, bathi kubafundi bakhe, Kungani na ukuba umfundisi wenu adle nababuthi berhafu naboni?"
11 Alguns fariseus viram isso e perguntaram aos discípulos: — Por que é que o mestre de vocês come com os cobradores de impostos e com outras pessoas de má fama?
12 Ekuvile ke uYesu oko, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo."
12 Jesus ouviu a pergunta e respondeu:
13 Khaniye nifunde ukuba kukuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo; kuba andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke."
13 Vão e procurem entender o que quer dizer este trecho das
14 Baza bafika kuye abafundi bakaYohane, besithi, Kungani na ukuba sizile ukudla kaninzi, thina nabaFarisi, kanti bona abafundi bakho abakuzili?"
14 Então os discípulos de João Batista chegaram perto de Jesus e perguntaram: — Por que é que nós e os
15 Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukukhedama, lo gama umyeni asenabo? Kodwa kuya kufika mihla awothi asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila."
15 Jesus respondeu:
16 Akukho ke ubeka isiziba somchako omtsha engutyeni endala; kuba eso sifakiweyo siyakrazula engutyeni, sibe sibi ngokunye isikroba."
16 — Ninguém usa um retalho de pano novo para remendar uma roupa velha; pois o remendo novo encolhe e rasga a roupa velha, aumentando o buraco.
17 Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwenjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale iintsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha, zigcinakale ezo nto zombini."
17 Ninguém põe vinho novo em
18 Akubon’ ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, nanko kusiza umphathi, waqubuda kuye, esithi, Intombi yam ibhubhe ngoku; yiza ubeke isandla sakho phezu kwayo, yophila."
18 Enquanto Jesus estava falando ao povo, um chefe religioso chegou perto dele, ajoelhou-se e disse: — A minha filha morreu agora mesmo! Venha e ponha as mãos sobre ela para que viva de novo.
19 Wesuka uYesu wamlandela, kwanabafundi bakhe."
19 Então Jesus foi com ele, e os seus discípulos também foram.
20 Nanko kusiza ntokazi ithile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini; yafika ngasemva yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe;"
20 Certa mulher, que fazia doze anos que estava com uma hemorragia, veio por trás de Jesus e tocou na barra da capa dele.
21 kuba ibisithi ngaphakathi kwayo, Ukuba ndithe ndachukumisa ingubo yakhe nje kodwa, ndophiliswa."
21 Pois ela pensava assim: “Se eu apenas tocar na capa dele, ficarei curada.”
22 Wajika uYesu, wayibona, wathi, Ntombi yam, yomelela, ukholo lwakho lukusindisile. Yasindiswa loo ntokazi kwangelo lixa."
22 Jesus virou, viu a mulher e disse: E naquele momento a mulher ficou curada.
23 Uthe akufika uYesu endlwini yomphathi, wazibona iingwali nabantu abaninzi bephithizela;"
23 Depois Jesus foi para a casa do chefe religioso. Quando viu os que tocavam música fúnebre e viu a multidão numa confusão geral,
24 athi kubo, Khwelelani; kuba intombazana ayifile, ilele. Basuka bamwa ngentsini."
24 disse: Então começaram a caçoar dele.
25 Uthe ke bakukhutshelwa phandle abantu, wangena, wayibamba ngesandla, yaza yavuka intombazana leyo."
25 Logo que a multidão saiu, Jesus entrou no quarto em que a menina estava, pegou-a pela mão, e ela se levantou.
26 Lwaza lwaphuma udumo lwale nto, lwaya kuwo wonke loo mhlaba."
26 E a notícia a respeito disso se espalhou por toda aquela região.
27 Kuthe ke akuba edlula apho uYesu, walandelwa ziimfama ezimbini, zidanduluka, zisithi, Senzele inceba, nyana kaDavide."
27 Jesus saiu daquele lugar, e no caminho dois cegos começaram a segui-lo, gritando: —
28 Zithe, akungena ke endlwini, zeza kufika kuye iimfama; athi kuzo uYesu, Niyakholwa na ukuba ndinako ukukwenza oko? Zithe kuye, Ewe, Nkosi."
28 Assim que Jesus entrou em casa, os cegos chegaram perto dele. Então ele perguntou: — Sim, senhor! Nós cremos! — responderam eles.
29 Wandula ukuwachukumisa amehlo azo, esithi, Ngokokholo lwenu makwenzeke kuni."
29 Jesus tocou nos olhos deles e disse:
30 Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingaziwa mntu le nto."
30 E os olhos deles ficaram curados. Aí Jesus ordenou com severidade:
31 Kodwa zona zaphuma, zalubhengeza udumo lwakhe kuwo wonke loo mhlaba."
31 Porém eles foram embora e espalharam as notícias a respeito de Jesus por toda aquela região.
32 Ke kaloku zakubon’ ukuba ziyaphuma, kwabonakala kuziswa kuye umntu osisidenge, ophethwe yidemon."
32 Quando eles foram embora, algumas pessoas levaram a Jesus um homem que não podia falar porque estava dominado por um demônio.
33 Kwathi, yakukhutshwa idemon, sathetha isidenge; zamangaliswa izihlwele, zisithi, Akuzanga kubonwe okunje kwaSirayeli."
33 Logo que o demônio foi expulso, o homem começou a falar. Todos ficaram admirados e afirmavam: — Nunca vimos em Israel uma coisa assim!
34 Ke bona abaFarisi babesithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon."
34 Mas os fariseus diziam: — O chefe dos demônios é quem dá a esse homem poder para expulsar demônios.
35 Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini."
35 Jesus andava visitando todas as cidades e povoados. Ele ensinava nas sinagogas , anunciava a boa notícia sobre o Reino e curava todo tipo de enfermidades e doenças graves das pessoas.
36 Wathi, akuzibona izihlwele, wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi."
36 Quando Jesus viu a multidão, ficou com muita pena daquela gente porque eles estavam aflitos e abandonados, como ovelhas sem pastor.
37 Aze athi kubafundi bakhe, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa."
37 Então disse aos discípulos:
38 Khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo."
38 Peçam ao dono da plantação que mande mais trabalhadores para fazerem a colheita.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Mateus 9, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.