Mateus 5
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NAA
1 Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe."
1 Ao ver as multidões, Jesus subiu ao monte. Ele se assentou e os seus discípulos se aproximaram dele.
2 Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi,"
2 Então ele passou a ensiná-los. Jesus disse:
3 Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo."
3 — Bem-aventurados
4 Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona."
4 — Bem-aventurados
5 Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona."
5 — Bem-aventurados os mansos,
6 Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona."
6 — Bem-aventurados
7 Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona."
7 — Bem-aventurados
8 Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona."
8 — Bem-aventurados
9 Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona."
9 — Bem-aventurados
10 Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo."
10 — Bem-aventurados
11 Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam."
11 — Bem-aventurados são vocês quando, por minha causa, os insultarem e os perseguirem, e, mentindo, disserem todo mal contra vocês.
12 Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu."
12 Alegrem-se e exultem, porque é grande a sua recompensa nos céus; pois assim perseguiram os profetas que viveram antes de vocês.
13 Niyityuwa yehlabathi nina; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Ayisalungele nto, kukulahlwa phandle kuphela, inyathelwe ngabantu."
13 — Vocês são o sal da terra; ora, se o sal vier a ser insípido, como lhe restaurar o sabor? Para nada mais presta senão para, lançado fora, ser pisado pelos homens.
14 Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala;"
14 — Vocês são a luz do mundo. Não se pode esconder uma cidade situada no alto de um monte.
15 kananjalo abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; basibeka esiphathweni saso, sikhanyisele bonke abasendlwini."
15 Nem se acende uma lamparina para colocá-la debaixo de um cesto, mas num lugar adequado onde ilumina bem todos os que estão na casa.
16 Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini."
16 Assim brilhe também a luz de vocês diante dos outros, para que vejam as boas obras que vocês fazem e glorifiquem o Pai de vocês, que está nos céus.
17 Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa."
17 — Não pensem que vim revogar a Lei ou os Profetas; não vim para revogar, mas para cumprir.
18 Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke."
18 Porque em verdade lhes digo: até que o céu e a terra passem, nem um i ou um til jamais passará da Lei, até que tudo se cumpra.
19 Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu."
19 Aquele, pois, que desrespeitar um destes mandamentos, ainda que dos menores, e ensinar os outros a fazer o mesmo, será considerado mínimo no Reino dos Céus; aquele, porém, que os observar e ensinar, esse será considerado grande no Reino dos Céus.
20 Kuba ndithi kuni, Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bamazulu."
20 Porque eu afirmo que, se a justiça de vocês não exceder em muito a dos escribas e fariseus, jamais entrarão no Reino dos Céus.
21 Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; wothi othe wabulala, abe sisisulu somgwebo."
21 — Vocês ouviram o que foi dito aos antigos: “Não mate.” E ainda: “Quem matar estará sujeito a julgamento.”
22 Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw’ ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; othe ke, Siyathandini, woba sisisulu sesihogo somlilo."
22 Eu, porém, lhes digo que todo aquele que se irar contra o seu irmão estará sujeito a julgamento; e quem insultar o seu irmão estará sujeito a julgamento do tribunal; e quem o chamar de tolo estará sujeito ao inferno de fogo.
23 Ngoko xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe,"
23 Portanto, se você estiver trazendo a sua oferta ao altar e lá se lembrar que o seu irmão tem alguma coisa contra você,
24 wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho."
24 deixe diante do altar a sua oferta e vá primeiro reconciliar-se com o seu irmão; e então volte e faça a sua oferta.
25 Lungisana kamsinya nokumangaleleyo, usesendleleni naye; hleze ummangaleli lowo akunikele emgwebini, aze umgwebi akunikele kumsila, uze uphoswe entolongweni."
25 — Entre em acordo sem demora com o seu adversário, enquanto você está com ele a caminho, para que o adversário não entregue você ao juiz, o juiz entregue você ao oficial de justiça, e você seja jogado na prisão.
26 Inene ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela."
26 Em verdade lhe digo que você não sairá dali enquanto não pagar o último centavo.
27 Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi."
27 — Vocês ouviram o que foi dito: “Não cometa adultério.”
28 Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe."
28 Eu, porém, lhes digo: todo o que olhar para uma mulher com intenção impura, já cometeu adultério com ela no seu coração.
29 Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni."
29 — Se o seu olho direito leva você a tropeçar, arranque-o e jogue-o fora. Pois é preferível você perder uma parte do seu corpo do que ter o corpo inteiro lançado no inferno.
30 Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni."
30 E, se a sua mão direita leva você a tropeçar, corte-a e jogue-a fora. Pois é preferível você perder uma parte do seu corpo do que o corpo inteiro ir para o inferno.
31 Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana."
31 — Também foi dito: “Aquele que repudiar a sua mulher deve dar-lhe uma carta de divórcio.”
32 Ke mna ndithi kuni, Othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza."
32 Eu, porém, lhes digo: quem repudiar a sua mulher, exceto em caso de relações sexuais ilícitas, a expõe a se tornar adúltera; e aquele que casar com a repudiada comete adultério.
33 Kanjalo nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungafungi buxoki; wakuthi uzifeze eNkosini izifungo zakho."
33 — Vocês também ouviram o que foi dito aos antigos: “Não faça juramento falso, mas cumpra rigorosamente para com o Senhor o que você jurou.”
34 Ke mna ndithi kuni, Maningakhe nifunge nto; nokuba lizulu, ngokuba yitrone kaThixo;"
34 Eu, porém, lhes digo: não jurem de modo nenhum; nem pelo céu, por ser o trono de Deus;
35 nokuba lihlabathi eli, ngokuba sisihlalo seenyawo zakhe; nokuba yiYerusalem, ngokuba ngumzi woKumkani omkhulu."
35 nem pela terra, por ser estrado de seus pés; nem por Jerusalém, por ser a cidade do grande Rei.
36 Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenamandla okwenza nalunye unwele lube mhlophe, nokuba lube mnyama."
36 Não jure pela sua cabeça, porque você não pode fazer com que um só cabelo fique branco ou preto.
37 Ilizwi lenu ke malibe nguewe, ewe; nguhayi, hayi. Okugqithe koko ke kuvela kokungendawo."
37 Que a palavra de vocês seja: Sim, sim; não, não. O que passar disto vem do Maligno.
38 Nivile ukuba kwathiwa, Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo."
38 — Vocês ouviram o que foi dito: “Olho por olho, dente por dente.”
39 Ke mna ndithi kuni, Maningasunduzani nokungendawo; yithi osukuba ekutywakraza esidleleni sakho sokunene, umguqulele nesinye eso."
39 Eu, porém, lhes digo: Não resistam ao perverso. Se alguém lhe der um tapa na face direita, ofereça-lhe também a face esquerda.
40 Nalowo ufuna ukukumangalela, akuhluthe ingubo yangaphantsi, myekele neyokwaleka."
40 Se alguém quer processar você e tirar-lhe a túnica, deixe que leve também a capa.
41 Nosukuba ekunyanzelela imayile enye, hamba naye zibe mbini."
41 Se alguém obrigar você a andar uma milha, vá com ele duas.
42 Mphe lowo ukucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungamnikeli umva."
42 Dê a quem lhe pede e não volte as costas ao que quer lhe pedir emprestado.
43 Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho."
43 — Vocês ouviram o que foi dito: “Ame o seu próximo e odeie o seu inimigo.”
44 Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise;"
44 Eu, porém, lhes digo: amem os seus inimigos e orem pelos que perseguem vocês,
45 ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo."
45 para demonstrarem que são filhos do Pai de vocês, que está nos céus. Porque ele faz o seu sol nascer sobre maus e bons e vir chuvas sobre justos e injustos.
46 Kuba xa nithe nathanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Abenzi kwaloo nto yini na nababuthi berhafu?"
46 Porque, se vocês amam aqueles que os amam, que recompensa terão? Os publicanos também não fazem o mesmo?
47 Naxa nithe nabulisa abazalwana benu bodwa, yintoni na egqithiseleyo eniyenzayo? Abenjenjalo yini na nababuthi berhafu?"
47 E, se saudarem somente os seus irmãos, o que é que estão fazendo de mais? Os gentios também não fazem o mesmo?
48 Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile."
48 Portanto, sejam perfeitos como é perfeito o Pai de vocês, que está no céu.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Mateus 5, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.