Mateus 26

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Kwathi, xa ebewagqibile uYesu onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe,"
1 Quando Jesus acabou de ensinar essas coisas, disse aos discípulos:
2 Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika, aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni."
2 — Vocês sabem que daqui a dois dias vai ser comemorada a
3 Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa;"
3 Os chefes dos sacerdotes e os líderes judeus se reuniram no palácio de Caifás, o Grande Sacerdote ,
4 babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale."
4 e fizeram um plano para prender Jesus em segredo e matá-lo.
5 Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu."
5 Eles diziam: — Não vamos fazer isso durante a festa, para não haver uma revolta no meio do povo.
6 Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa,"
6 — ausente —
7 kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wawagalela phezu kwentloko yakhe, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni."
7 — ausente —
8 Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho?"
8 Ao verem aquilo, os discípulos ficaram zangados e disseram: — Que desperdício!
9 Kuba la mafutha ngekuthengiswe lukhulu ngawo, kwaza kwaphiwa amahlwempu."
9 Esse perfume poderia ter sido vendido por uma fortuna, e o dinheiro, dado aos pobres.
10 Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? Kuba usebenze kum umsebenzi omhle."
10 Mas Jesus, sabendo o que eles diziam, disse:
11 Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; kodwa mna anihleli ninam."
11 Pois os pobres estarão sempre com vocês, mas eu não.
12 Kuba la mafutha aqholiweyo, yena ewathululele emzimbeni wam nje, wenzele ukungcwatywa kwam."
12 O que ela fez foi perfumar o meu corpo para o meu sepultamento.
13 Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye."
13 Eu afirmo a vocês que isto é verdade: em qualquer lugar do mundo onde o
14 Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu,"
14 Então um dos doze discípulos, chamado Judas Iscariotes, foi falar com os chefes dos sacerdotes.
15 wathi, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Bammisela ke amaqhosha esilivere amashumi mathathu."
15 Ele disse: — Quanto vocês me pagam para eu lhes entregar Jesus? E eles lhe pagaram trinta moedas de prata.
16 Waza kwalapho wafuna ithuba elilungileyo lokuze amnikele kubo."
16 E daí em diante Judas ficou procurando uma oportunidade para entregar Jesus.
17 Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ufuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika?"
17 No primeiro dia da Festa dos Pães sem Fermento , os discípulos chegaram perto de Jesus e perguntaram: — Onde é que o senhor quer que a gente prepare o jantar da
18 Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kuwe ipasika nabafundi bam."
18 Ele respondeu:
19 Abafundi benza ke ngoko uYesu abebayaleze ngako, bayilungisa ipasika."
19 Os discípulos fizeram como Jesus havia mandado e prepararam o jantar da Páscoa.
20 Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini."
20 Quando anoiteceu, Jesus e os doze discípulos sentaram para comer.
21 Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, Omnye kuni aba uya kundingcatsha."
21 Durante o jantar Jesus disse:
22 Baza, bebuhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim yini na, Nkosi?"
22 Eles ficaram muito tristes e, um por um, começaram a perguntar: — O senhor não está achando que sou eu; está?
23 Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha."
23 Jesus respondeu:
24 UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhaliweyo ngaye. Kodwa ke, yeha, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu."
24 Pois o
25 Waphendula ke uYuda, lowo wamngcatshayo, wathi, Ingaba ndim yini na, Rabhi? Athi yena kuye, Uselutshilo nawe."
25 Então Judas, o traidor, perguntou: — Mestre, o senhor não está achando que sou eu; está? Jesus respondeu:
26 Bakubon’ ukuba bayadla ke, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo."
26 Enquanto estavam comendo, Jesus pegou o pão e deu graças a Deus. Depois partiu o pão e o deu aos discípulos, dizendo:
27 Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke;"
27 Em seguida, pegou o cálice de vinho e agradeceu a Deus. Depois passou o cálice aos discípulos, dizendo:
28 kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono."
28 porque isto é o meu sangue, que é derramado em favor de muitos para o perdão dos pecados, o sangue que garante a
29 Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumka nini bukaBawo."
29 Eu afirmo a vocês que nunca mais beberei deste vinho até o dia em que beber com vocês um vinho novo no
30 Bakuba bevume ingoma yokudumisa, baphuma baya eNtabeni yemiNquma."
30 Então eles cantaram canções de louvor e foram para o monte das Oliveiras.
31 Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi."
31 E Jesus disse aos discípulos:
32 Kodwa emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili."
32 Mas, depois que eu ressuscitar, irei adiante de vocês para a Galileia.
33 Waphendula ke uPetros wathi kuye, Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna."
33 Então Pedro disse a Jesus: — Eu nunca abandonarei o senhor, mesmo que todos o abandonem.
34 Wathi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, Kwangobu busuku, ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu."
34 Mas Jesus lhe disse:
35 Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho nabo bonke abafundi."
35 Pedro respondeu: — Eu nunca vou dizer que não o conheço, mesmo que eu tenha de morrer com o senhor! E todos os outros discípulos disseram a mesma coisa.
36 Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane; athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya."
36 Jesus foi com os discípulos para um lugar chamado Getsêmani e lhes disse:
37 Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu."
37 Então Jesus foi, levando consigo Pedro e os dois filhos de Zebedeu. Aí ele começou a sentir uma grande tristeza e aflição
38 Aze athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde nam."
38 e disse a eles:
39 Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho."
39 Ele foi um pouco mais adiante, ajoelhou-se, encostou o rosto no chão e orou:
40 Uyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye?"
40 Depois voltou e encontrou os três discípulos dormindo. Então disse a Pedro:
41 Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile."
41 Vigiem e orem para que não sejam tentados. É fácil querer resistir à tentação; o difícil mesmo é conseguir.
42 Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho."
42 Pela segunda vez Jesus foi e orou, dizendo:
43 Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo."
43 Ele voltou de novo e encontrou os discípulos dormindo. Eles estavam com sono e não conseguiam ficar com os olhos abertos.
44 Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi."
44 Jesus tornou a sair de perto deles e orou pela terceira vez, dizendo as mesmas palavras.
45 Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni."
45 Então voltou até onde os discípulos estavam e perguntou:
46 Vukani, sihambe; yabonani, usondele lowo undinikelayo."
46 Levantem-se, e vamos embora. Vejam! Aí vem chegando o homem que está me traindo!
47 Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu."
47 Jesus ainda estava falando, quando chegou Judas, um dos doze discípulos. Vinha com ele uma grande multidão armada com espadas e porretes, que tinha sido mandada pelos chefes dos sacerdotes e pelos líderes judeus.
48 Ke kaloku, wayethe lowo umnikelayo wabanika umqondiso, esithi, Endithe ndamanga, nguye lowo; mbambeni."
48 O traidor tinha combinado com eles um sinal. Ele tinha dito: “Prendam o homem que eu beijar, pois é ele.”
49 Wafika ke kwaoko kuYesu, wathi, Aa, Rabhi! Wamanga nokumanga."
49 Judas foi até perto de Jesus e disse: — Mestre, que a paz esteja com o senhor! E o beijou.
50 Wathi ke uYesu kuye, Wethu! Ukho ngani na? Bandula ukuza, bamsa izandla uYesu, bambamba."
50 Jesus respondeu: Então eles chegaram, prenderam Jesus e o amarraram.
51 Wesuka omnye wabo babenoYesu, wolula isandla, warhola ikrele lakhe, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe."
51 Mas um dos que estavam ali com Jesus tirou a espada, atacou um empregado do Grande Sacerdote e cortou uma orelha dele.
52 Aze athi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele."
52 Aí Jesus disse:
53 Uba andinako na ngoku ukumbongoza uBawo, andikhuphele imikhosi yezithunywa zezulu engaphezu kweshumi elinamibini?"
53 Você não sabe que, se eu pedisse ajuda ao meu Pai, ele me mandaria agora mesmo doze exércitos de anjos?
54 Bezingathini na ke oko ukuzaliseka izibhalo ezithi, kumele ukuba kube nje?"
54 Mas, nesse caso, como poderia se cumprir aquilo que as
55 Ngalo elo lixa wathi uYesu kwindimbane, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngathi niphumele isihange? Bendihleli nani imihla ngemihla, ndifundisa etempileni, anandibamba."
55 Depois Jesus disse para aquela gente:
56 Oku ke konke kwenzeke, ukuze zizaliseke izibhalo zabaprofeti. Basuka bonke abafundi bamshiya, babaleka."
56 Mas tudo isso está acontecendo para se cumprir o que os Então todos os discípulos abandonaram Jesus e fugiram.
57 Abo ke bambambayo uYesu, bamrholela kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona ababhali namadoda amakhulu."
57 Os homens que prenderam Jesus o levaram até a casa do Grande Sacerdote Caifás, onde estavam reunidos alguns mestres da Lei e alguns líderes judeus.
58 Ke kaloku uPetros wayemlandela, ebekele kude, kwada kwaya entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. Engene ngaphakathi, wahlala phantsi namadindala, ukuba abone isiphelo."
58 Pedro seguiu Jesus de longe até o pátio da casa do Grande Sacerdote. Entrou e sentou-se com os guardas para ver como aquilo ia terminar.
59 Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; ababufumananga;"
59 Os chefes dos sacerdotes e todo o Conselho Superior estavam procurando alguma acusação falsa contra Jesus a fim de o condenar à morte.
60 nangona afikayo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini,"
60 Mas não puderam encontrar nada contra ele, embora muitos se levantassem para dizer mentiras a respeito dele. Afinal dois homens se apresentaram
61 athi, Lo wathi, Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu."
61 e disseram: — Este homem afirmou: “Eu posso destruir o Templo de Deus e construí-lo de novo em três dias.”
62 Wesuka wema umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Akuphenduli nto na? Bangqina ntoni na aba ngawe?"
62 Aí o Grande Sacerdote se levantou e perguntou a Jesus: — Você não vai se defender desta acusação?
63 Wahlala yena uYesu wathi tu. Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, unyana kaThixo."
63 Mas Jesus ficou calado. Então o Grande Sacerdote tornou a perguntar: — Em nome do Deus vivo, eu exijo que você diga para nós: você é o
64 Athi uYesu kuye, Uselutshilo nawe. Ke ndithi kuni, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu."
64 Jesus respondeu:
65 Waza umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, esithi, Unyelisile; sisawafunelani na amangqina? Yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe; nithini na nina?"
65 Aí o Grande Sacerdote rasgou as suas próprias roupas e disse: — Ele
66 Baphendula ke bona bathi, Unetyala lokuba afe."
66 Então, o que resolvem? Eles responderam: — Ele é culpado e deve morrer!
67 Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye bammonxoza,"
67 Em seguida cuspiram no rosto de Jesus e deram bofetadas nele. E os que batiam nele
68 besithi, Siprofetele, wena Kristu; ubethwe ngubani na?"
68 diziam: — Ei, Messias, adivinhe para nós quem foi que bateu em você!
69 Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili."
69 Pedro estava sentado lá fora no pátio, quando uma das empregadas chegou perto dele e disse: — Você também estava com Jesus da Galileia.
70 Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo."
70 Mas ele negou diante de todos, dizendo: — Eu não sei do que é que você está falando.
71 Kuthe ke, ephume waya esangweni, sambona esinye; sithi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete."
71 Depois foi para a entrada do pátio. Outra empregada o viu e disse às pessoas que estavam ali: — Ele estava com Jesus de Nazaré.
72 Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu."
72 Pedro negou outra vez, respondendo: — Juro que não conheço esse homem!
73 Kwathi ke kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba nokuthetha kwakho kuyakudiza."
73 Pouco depois, os que estavam ali chegaram perto de Pedro e disseram: — O seu modo de falar mostra que, de fato, você também é um deles.
74 Waza waqala ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu. Yasuka yalila kwaoko inkuku."
74 Então Pedro disse: — Juro que não conheço esse homem! Que Deus me castigue se não estou dizendo a verdade! Naquele instante o galo cantou,
75 Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Ephume phandle, walila ngokukrakra."
75 e Pedro lembrou que Jesus lhe tinha dito: “Antes que o galo cante, você dirá três vezes que não me conhece.” Então Pedro saiu dali e chorou amargamente.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Mateus 26, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.