Mateus 24

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Ephumile uYesu, wemka etempileni; bathe abafundi bakhe beza kumbonisa izakhiwo zetempile."
1 Jesus saiu do pátio do Templo, e, quando já estava indo embora, os seus discípulos chegaram perto dele e chamaram a sua atenção para os edifícios do Templo.
2 Wathi ke uYesu kubo, Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa."
2 Então ele disse:
3 Ke kaloku, akubon’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?"
3 Jesus estava sentado no monte das Oliveiras. Então os discípulos chegaram perto dele e lhe perguntaram em particular: — Conte para nós quando é que isso vai acontecer. Que sinal haverá para mostrar que chegou o tempo de o senhor voltar e de tudo acabar?
4 Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu."
4 Jesus respondeu:
5 Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu, balahlekise into eninzi."
5 Porque muitos vão aparecer fingindo ser eu e dizendo: “Eu sou o
6 Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho."
6 Não tenham medo quando ouvirem o barulho de batalhas ou notícias de guerras. Tudo isso vai acontecer, mas ainda não será o fim.
7 Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo."
7 Uma nação vai guerrear contra outra, e um país atacará outro. Em vários lugares haverá falta de alimentos e tremores de terra.
8 Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba."
8 Essas coisas serão como as primeiras dores de parto.
9 Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam."
9 — Depois vocês serão presos e entregues para serem maltratados e vocês serão mortos. Todos os odiarão por serem meus seguidores.
10 Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane."
10 Nessa época muitos vão abandonar a sua fé e vão trair e odiar uns aos outros.
11 Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi."
11 Então muitos falsos
12 Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi."
12 A maldade vai se espalhar tanto, que o amor de muitos esfriará;
13 Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa."
13 mas quem ficar firme até o fim será salvo.
14 Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela."
14 E a boa notícia sobre o
15 Xa ke ngoko nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (olesayo makaqiqe),"
15 E Jesus continuou:
16 ngelo xesha mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni."
16 Então, os que estiverem na região da Judeia, que fujam para os montes.
17 Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe;"
17 Quem estiver em cima da sua casa, no terraço, que fuja logo e não entre para pegar as suas coisas.
18 nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe."
18 E quem estiver no campo, que não volte para casa a fim de buscar as suas roupas.
19 Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!"
19 Ai das mulheres grávidas e das mães com criancinhas naqueles dias!
20 Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi khona ebusika nangesabatha."
20 Orem a Deus para que vocês não tenham de fugir no inverno ou no sábado .
21 Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo."
21 Porque naqueles dias haverá um sofrimento tão grande como nunca houve desde que Deus criou o mundo; e nunca mais acontecerá uma coisa igual.
22 Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa."
22 Porém Deus diminuiu esse tempo de sofrimento. Se não fosse assim, ninguém seria salvo. Mas, por causa do povo que Deus escolheu para salvar, esse tempo será diminuído.
23 Ngelo xesha, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukuholwa."
23 — Portanto, se alguém disser para vocês: “Vejam! O
24 Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo."
24 Porque aparecerão falsos profetas e falsos messias, que farão milagres e maravilhas para enganar, se possível, até o povo escolhido de Deus.
25 Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili."
25 Prestem atenção! Eu estou lhes dizendo tudo isso, antes que aconteça.
26 Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, Nanko emagumbini, musani ukukholwa."
26 — E, se disserem: “Vejam! Ele está no deserto”, não vão lá. Ou ainda: “Vejam! Ele está escondido aqui”, não acreditem.
27 Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu."
27 Porque, assim como o relâmpago risca o céu, do nascente até o poente, assim será a vinda do
28 Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga."
28 — Onde estiver o corpo de um morto, aí se ajuntarão os urubus.
29 Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe."
29 Jesus disse:
30 Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu."
30 Então o sinal do
31 Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo."
31 A grande trombeta tocará, e ele mandará os seus anjos para os quatro cantos da terra. E os anjos reunirão os escolhidos de Deus de um lado do mundo até o outro.
32 Wufundeni ke umzekeliso kuwo umkhiwane: xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo."
32 Jesus disse ainda:
33 Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango."
33 Assim também, quando virem acontecer essas coisas, fiquem sabendo que o tempo está perto, pronto para começar.
34 Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho."
34 Eu afirmo a vocês que isto é verdade: essas coisas vão acontecer antes de morrerem todos os que agora estão vivos.
35 Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi am akasayi kudlula."
35 O céu e a terra desaparecerão, mas as minhas palavras ficarão para sempre.
36 Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa; azazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa."
36 Jesus continuou, dizendo:
37 Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu."
37 A vinda do
38 Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, bengaqondanga,"
38 Pois, antes do dilúvio, o povo comia e bebia, e os homens e as mulheres casavam, até o dia em que Noé entrou na barca.
39 wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu."
39 Porém não sabiam o que estava acontecendo, até que veio o dilúvio e levou todos. Assim também será a vinda do Filho do Homem.
40 Ngelo xesha ababini boba sentsimini, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe."
40 — Naquele dia dois homens estarão trabalhando na fazenda: um será levado, e o outro, deixado.
41 Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe."
41 Duas mulheres estarão no moinho moendo trigo: uma será levada, e a outra, deixada.
42 Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu."
42 Fiquem vigiando, pois vocês não sabem em que dia vai chegar o seu Senhor.
43 Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe."
43 Lembrem disto: se o dono da casa soubesse quando ia chegar o ladrão, ficaria vigiando e não deixaria que a sua casa fosse arrombada.
44 Ngenxa yoko yibani nilungile nani, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo."
44 Por isso vocês também fiquem vigiando, pois o Filho do Homem chegará na hora em que vocês não estiverem esperando.
45 Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo?"
45 Jesus disse ainda:
46 Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo."
46 Feliz aquele empregado que estiver fazendo isso quando o patrão chegar!
47 Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo."
47 Eu afirmo a vocês que isto é verdade: o patrão vai colocá-lo como encarregado de toda a sua propriedade.
48 Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam ilibele,"
48 Mas, se o empregado for mau, pensará assim: “O meu patrão está demorando muito para voltar.”
49 ayizi, aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke, asele nabanxilayo,"
49 Então começará a bater nos seus companheiros, e a comer, e a beber com os bêbados.
50 iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo, nangelixa angalaziyo,"
50 E o patrão voltará no dia em que o empregado menos espera e na hora que ele não sabe.
51 imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo."
51 Aí o patrão mandará cortar o empregado em pedaços e o condenará a ir para o lugar aonde os hipócritas vão. Ali ele vai chorar e ranger os dentes de desespero.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Mateus 24, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.