Mateus 23
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC
1 Waza uYesu wathetha kwisihlwele nakubafundi bakhe,"
1 Então, falou Jesus à multidão e aos seus discípulos,
2 esithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses."
2 dizendo: Na cadeira de Moisés, estão assentados os escribas e fariseus.
3 Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi."
3 Observai, pois, e praticai tudo o que vos disserem; mas não procedais em conformidade com as suas obras, porque dizem e não praticam.
4 Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo."
4 Pois atam fardos pesados e difíceis de suportar, e os põem sobre os ombros dos homens; eles, porém, nem com o dedo querem movê-los.
5 Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ngokunga bangabonwa ngabantu; bawenze banzi amaqhaga abo ezikhumbuzo, bayandise imiqukumbelo yeengubo zabo."
5 E fazem todas as obras a fim de serem vistos pelos homens, pois trazem largos filactérios, e alargam as franjas das suas vestes,
6 Kananjalo bathanda izilili zobukhulu ezidlweni, kwanezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu,"
6 e amam os primeiros lugares nas ceias, e as primeiras cadeiras nas sinagogas,
7 nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa ngabantu kuthiwe, Rabhi, Rabhi."
7 e as saudações nas praças, e o
8 Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana."
8 Vós, porém, não queirais ser chamados Rabi, porque um só é o vosso Mestre,
9 Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini."
9 E a ninguém na terra chameis vosso pai, porque um só é o vosso Pai, o qual
10 Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu."
10 Nem vos chameis mestres, porque um só é o vosso Mestre,
11 Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu."
11 Porém o maior dentre vós será vosso servo.
12 Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nosukuba ezithoba uya kuphakanyiswa."
12 E o que a si mesmo se exaltar será humilhado; e o que a si mesmo se humilhar será exaltado.
13 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene."
13 Mas ai de vós, escribas e fariseus, hipócritas! Pois que fechais aos homens o Reino dos céus; e nem vós entrais, nem deixais entrar aos que estão entrando.
14 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; ngenxa yoko niya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo."
14 Ai de vós, escribas e fariseus, hipócritas! Pois que devorais as casas das viúvas, sob pretexto de prolongadas orações; por isso, sofrereis mais rigoroso juízo.
15 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze nokuba mnye ongena ebuYudeni; nithi, xa athe wazuzeka, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani."
15 Ai de vós, escribas e fariseus, hipócritas! Pois que percorreis o mar e a terra para fazer um prosélito; e, depois de o terdes feito, o fazeis filho do inferno duas vezes mais do que vós.
16 Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala."
16 Ai de vós, condutores cegos! Pois que dizeis: Qualquer que jurar pelo templo, isso nada é; mas o que jurar pelo ouro do templo, esse é devedor.
17 Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na?"
17 Insensatos e cegos! Pois qual é maior: o ouro ou o templo, que santifica o ouro?
18 Kanjalo nina nithi, Othe wafunga isibingelelo, akunto oko; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwaso, unetyala."
18 E aquele que jurar pelo altar,
19 Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na?"
19 Insensatos e cegos! Pois qual é maior: a oferta ou o altar, que santifica a oferta?
20 Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso."
20 Portanto, o que jurar pelo altar jura por ele e por tudo o que sobre ele
21 Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo."
21 E o que jurar pelo templo jura por ele e por aquele que nele habita.
22 Nalowo uwafungayo amazulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo."
22 E o que jurar pelo céu jura pelo trono de Deus e por aquele que está assentado nele.
23 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nedile nekumin, kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi."
23 Ai de vós, escribas e fariseus, hipócritas! Pois que dais o dízimo da hortelã, do endro e do cominho e desprezais o mais importante da lei, o juízo, a misericórdia e a fé; deveis, porém, fazer essas coisas e não omitir aquelas.
24 Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, ke baginye inkamela."
24 Condutores cegos! Coais um mosquito e engolis um camelo.
25 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ke ngaphakathi kuzele kukuphanga nokungazeyisi."
25 Ai de vós, escribas e fariseus, hipócritas! Pois que limpais o exterior do copo e do prato, mas o interior está cheio de rapina e de iniquidade.
26 MFarisindini uyimfama, hlambulula tanci okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze kuthi okungaphandle kwazo kuhlambuluke nako."
26 Fariseu cego! Limpa primeiro o interior do copo e do prato, para que também o exterior fique limpo.
27 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nifana namangcwaba aqatywe ifutha, athi abonakale emahle okunene ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nokungcola konke."
27 Ai de vós, escribas e fariseus, hipócritas! Pois que sois semelhantes aos sepulcros caiados, que por fora realmente parecem formosos, mas interiormente estão cheios de ossos de mortos e de toda imundícia.
28 Ngokukwanjalo nani ngaphandle okunene nibonakala kubantu ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasene nomthetho."
28 Assim, também vós exteriormente pareceis justos aos homens, mas interiormente estais cheios de hipocrisia e de iniquidade.
29 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa,"
29 Ai de vós, escribas e fariseus, hipócritas! Pois que edificais os sepulcros dos profetas e adornais os monumentos dos justos
30 nithi, Ukuba sasikho thina ngemihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti."
30 e dizeis: Se existíssemos no tempo de nossos pais, nunca nos associaríamos com eles para
31 Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti."
31 Assim, vós mesmos testificais que sois filhos dos que mataram os profetas.
32 Wuzaliseni kambe nani umlinganisela wooyihlo."
32 Enchei vós, pois, a medida de vossos pais.
33 Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuwusaba umgwebo wesihogo?"
33 Serpentes, raça de víboras! Como escapareis da condenação do inferno?
34 Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; niya kuthi inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni, nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi;"
34 Portanto, eis que eu vos envio profetas, sábios e escribas; e
35 ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni apha, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBherekiya, enambulalela phakathi kwendawo engcwele nesibingelelo."
35 para que sobre vós caia todo o sangue justo, que foi derramado sobre a terra, desde o sangue de Abel, o justo, até ao sangue de Zacarias, filho de Baraquias, que matastes entre o santuário e o altar.
36 Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana."
36 Em verdade vos digo que todas essas
37 Yerusalem, Yerusalem, wena ubabulalayo abaprofeti, ubagibisele ngamatye abo bathunywe kuwe, kufuthi kangakanani na ndithande ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma!"
37 Jerusalém, Jerusalém, que matas os profetas e apedrejas os que te são enviados! Quantas vezes quis eu ajuntar os teus filhos, como a galinha ajunta os seus pintos debaixo das asas, e tu não quiseste!
38 Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize."
38 Eis que a vossa casa vos ficará deserta.
39 Kuba ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi."
39 Porque eu vos digo que, desde agora, me não vereis Bendito o que vem em nome do Senhor!
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Mateus 23, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.