Mateus 20

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB

Sair da comparação
ARIB Almeida Revisada Imprensa Bíblica
1 Kuba ubukumkani bamazulu bufana nomntu ongumninindlu, owaphuma ekuseni, waya kuqesha abasebenzi bokuya esidiliyeni sakhe."
1 Porque o reino dos céus é semelhante a um homem, proprietário, que saiu de madrugada a contratar trabalhadores para a sua vinha.
2 Akuvumelana nabasebenzi ngedenariyo ngemini, wabathuma esidiliyeni sakhe."
2 Ajustou com os trabalhadores o salário de um denário por dia, e mandou-os para a sua vinha.
3 Ephume malunga nelixa lesithathu wabona abanye bemi endaweni yembutho bengasebenzi."
3 Cerca da hora terceira saiu, e viu que estavam outros, ociosos, na praça,
4 Wathi nakwabo, Hambani nani niye esidiliyeni, ndoninika okusukuba kufanelekile. Bahamba ke baya."
4 e disse-lhes: Ide também vós para a vinha, e dar-vos-ei o que for justo. E eles foram.
5 Wabuya waphuma malunga nelixa lesithandathu nelesithoba, wenza kwangokunjalo."
5 Outra vez saiu, cerca da hora sexta e da nona, e fez o mesmo.
6 Ephumile ke malunga nelixa leshumi elinanye, wafumana abanye bemi bengasebenzi; athi kubo, Yini na ukuba nime apha imini iphela ningasebenzi?"
6 Responderam-lhe eles: Porque ninguém nos contratou. Disse-lhes ele: Ide também vós para a vinha.
7 Bathi kuye, Akukho bani usiqeshileyo. Athi kubo, Hambani nani niye esidiliyeni; niya kwamkela okusukuba kufanelekile."
7 Responderam-lhe eles: Porque ninguém nos contratou. Disse-lhes ele: Ide também vós para a vinha.
8 Kwakuhlwa, uthi umninisidiliya egoseni lakhe, Babize abasebenzi, ubamkelise, uqala kwabokugqibela ude uye kwabokuqala."
8 Ao anoitecer, disse o senhor da vinha ao seu mordomo: Chama os trabalhadores, e paga-lhes o salário, começando pelos últimos até os primeiros.
9 Bezile abo bebeqeshwe malunga nelixa leshumi elinanye, bamkela elowo idenariyo."
9 Chegando, pois, os que tinham ido cerca da hora undécima, receberam um denário cada um.
10 Ke kaloku bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into engaphezulu; nabo bamkela elowo idenariyo."
10 Vindo, então, os primeiros, pensaram que haviam de receber mais; mas do mesmo modo receberam um denário cada um.
11 Beyamkele ke, bamrokrela umninindlu,"
11 E ao recebê-lo, murmuravam contra o proprietário, dizendo:
12 besithi, Aba bokugqibela basebenze ilixa lalinye, usuke wabalinganisa nathi, thina sithwele ubunzima nobushushu bemini."
12 Estes últimos trabalharam somente uma hora, e os igualastes a nós, que suportamos a fadiga do dia inteiro e o forte calor.
13 Waphendula ke yena wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na?"
13 Mas ele, respondendo, disse a um deles: Amigo, não te faço injustiça; não ajustaste comigo um denário?
14 Thabatha okwakho uhambe; ndithanda ukumnika lowo wokugqibela kwanjengoko ndikunike ngako."
14 Toma o que é teu, e vai-te; eu quero dar a este último tanto como a ti.
15 Akuvumelekile na ukuba ndenze endikuthandayo ngokukokwam? Iliso lakho likhohlakele na, ngokuba ndilungile mna?"
15 Não me é lícito fazer o que quero do que é meu? Ou é mau o teu olho porque eu sou bom?
16 Ngokunjalo abokugqibela baya kuba ngabokuqala, nabokuqala, baya kuba ngabokugqibela; kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo."
16 Assim os últimos serão primeiros, e os primeiros serão últimos.
17 Ke kaloku enyuka uYesu esiya eYerusalem, wabathabatha abafundi abalishumi elinababini babodwa endleleni, wathi kubo,"
17 Estando Jesus para subir a Jerusalém, chamou à parte os doze e no caminho lhes disse:
18 Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem, waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubo ababingeleli abakhulu nababhali. Baya kumgweba ukuba afe,"
18 Eis que subimos a Jerusalém, e o Filho do homem será entregue aos principais sacerdotes e aos escribas, e eles o condenarão à morte,
19 bamnikele kuzo iintlanga ukuba zidlale ngaye, zimtyakatye, zimbethelele emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke."
19 e o entregarão aos gentios para que dele escarneçam, e o açoitem e crucifiquem; e ao terceiro dia ressuscitará.
20 Ngelo xesha kweza kuye unina woonyana bakaZebhedi, enoonyana bakhe, equbuda, ecela into kuye."
20 Aproximou-se dele, então, a mãe dos filhos de Zebedeu, com seus filhos, ajoelhando-se e fazendo-lhe um pedido.
21 Wathi ke yena kuye, Uthanda ntoni na? Athi kuye, Yitsho baze aba nyana bam bobabini bahlale, omnye ngasekunene kwakho, omnye ngasekhohlo, ebukumkanini bakho."
21 Perguntou-lhe Jesus: Que queres? Ela lhe respondeu: Concede que estes meus dois filhos se sentem, um à tua direita e outro à tua esquerda, no teu reino.
22 Uphendule ke uYesu wathi, Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiza kuyisela mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi kuye, Sinako."
22 Jesus, porém, replicou: Não sabeis o que pedis; podeis beber o cálice que eu estou para beber? Responderam-lhe: Podemos.
23 Athi kubo. Okunene indebe yam niya kuyisela, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukuhlala ngasekunene kum, nangasekhohlo kum, asikwam ukupha ngako; kophiwa abo kulungiselwe bona nguBawo."
23 Então lhes disse: O meu cálice certamente haveis de beber; mas o sentar-se à minha direita e à minha esquerda, não me pertence concedê-lo; mas isso é para aqueles para quem está preparado por meu Pai.
24 Bekuvile ke oko abalishumi, babacaphukela abo bazalwana bobabini."
24 E ouvindo isso os dez, indignaram-se contra os dois irmãos.
25 Ke kaloku uYesu, ebabizele kuye, wathi, Niyazi ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nabo bazizikhulu benza ngegunya kuzo."
25 Jesus, pois, chamou-os para junto de si e lhes disse: Sabeis que os governadores dos gentios os dominam, e os seus grandes exercem autoridades sobre eles.
26 Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;"
26 Não será assim entre vós; antes, qualquer que entre vós quiser tornar-se grande, será esse o que vos sirva;
27 nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkonzi wenu;"
27 e qualquer que entre vós quiser ser o primeiro, será vosso servo;
28 kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi."
28 assim como o Filho do homem não veio para ser servido, mas para servir, e para dar a sua vida em resgate de muitos.
29 Bakubon’ ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu."
29 Saindo eles de Jericó, seguiu-o uma grande multidão;
30 Nanko kuhleli iimfama zimbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide."
30 e eis que dois cegos, sentados junto do caminho, ouvindo que Jesus passava, clamaram, dizendo: Senhor, Filho de Davi, tem compaixão de nós.
31 Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide."
31 E a multidão os repreendeu, para que se calassem; eles, porém, clamaram ainda mais alto, dizendo: Senhor, Filho de Davi, tem compaixão de nós.
32 Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na?"
32 E Jesus, parando, chamou-os e perguntou: Que quereis que vos faça?
33 Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu."
33 Disseram-lhe eles: Senhor, que se nos abram os olhos.
34 Wasikwa ke yimfesane uYesu, wawachukumisa amehlo azo; zaba nokubona kwaoko ngamehlo azo, zamlandela."
34 E Jesus, movido de compaixão, tocou-lhes os olhos, e imediatamente recuperaram a vista, e o seguiram.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Mateus 20, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.