Mateus 17
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NAA
1 Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros, noYakobi, noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ephakamileyo bebodwa."
1 Seis dias depois, Jesus tomou consigo Pedro e os irmãos Tiago e João e os levou, em particular, a um alto monte.
2 Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya."
2 E Jesus foi transfigurado diante deles. O seu rosto resplandecia como o sol, e as suas roupas se tornaram brancas como a luz.
3 Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye."
3 E eis que lhes apareceram Moisés e Elias, falando com Jesus.
4 Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; ukuba uyathanda, masenze apha iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya."
4 Então Pedro, tomando a palavra, disse a Jesus: — Senhor, bom é estarmos aqui. Se o senhor quiser, farei aqui três tendas: uma para o senhor, outra para Moisés e outra para Elias.
5 Kuthe esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nalo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena."
5 Falava ele ainda, quando uma nuvem luminosa os envolveu; e eis, vindo da nuvem, uma voz que dizia: — Este é o meu Filho amado, em quem me agrado; escutem o que ele diz!
6 Bathi abafundi, bakukuva oko, bawa ngobuso babo, boyika kakhulu."
6 Ao ouvirem aquela voz, os discípulos caíram de bruços, tomados de grande medo.
7 Akufika uYesu wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki."
7 Jesus aproximou-se e tocou neles, dizendo:
8 Bathe ke bakuphakamisa amehlo abo, ababona mntu, yanguYesu yedwa."
8 Então eles, levantando os olhos, não viram mais ninguém, a não ser Jesus.
9 Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu."
9 Ao descerem do monte, Jesus lhes ordenou:
10 Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci?"
10 Mas os discípulos perguntaram a Jesus: — Por que, então, os escribas dizem ser necessário que Elias venha primeiro?
11 Uphendule ke uYesu, wathi kubo, Okunene kufika uEliya tanci, abuye azimise zonke izinto."
11 Jesus respondeu:
12 Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo."
12 Eu, porém, lhes digo que Elias já veio, e não o reconheceram; pelo contrário, fizeram com ele tudo o que quiseram. Assim também o Filho do Homem irá sofrer nas mãos deles.
13 Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi."
13 Então os discípulos entenderam que ele estava se referindo a João Batista.
14 Bakubon’ ukuba bafikile esihlweleni, kweza kuye umntu, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi,"
14 Quando eles chegaram para junto da multidão, um homem se aproximou de Jesus, ajoelhou-se e disse:
15 Nkosi, menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, esiva ubunzima obukhulu; kuba esiwa futhi emlilweni, nasemanzini futhi."
15 — Senhor, tenha pena do meu filho, porque ele tem convulsões e sofre muito; pois muitas vezes cai no fogo e outras tantas cai na água.
16 Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, ababa nako ukumphilisa."
16 Apresentei-o aos seus discípulos, mas eles não puderam curá-lo.
17 Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha."
17 Jesus exclamou:
18 Waza uYesu wayikhalimela, yaphuma kuye idemon; waphiliswa umntwana kwangelo lixa."
18 E Jesus repreendeu o demônio, e este saiu do menino; e, desde aquela hora, o menino ficou curado.
19 Bandula beza abafundi kuYesu bebodwa, bathi, Bekungani na ukuba singabi nako ukuyikhupha thina?"
19 Então os discípulos, aproximando-se de Jesus, perguntaram em particular: — Por que motivo nós não pudemos expulsá-lo?
20 Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela."
20 Jesus respondeu:
21 Olu ke lona uhlobo aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla."
21 [Mas esse tipo de demônio só pode ser expulso por meio de oração e jejum.]
22 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bahleli kwelaseGalili, wathi uYesu kubo, UNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu;"
22 Quando eles estavam reunidos na Galileia, Jesus lhes disse:
23 baya kumbulala, athi ngomhla wesithathu avuke. Baba buhlungu kakhulu."
23 e estes o matarão; mas, ao terceiro dia, ressuscitará. Então os discípulos ficaram muito tristes.
24 Ke, bakubon’ ukuba bafikile eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela imali yetempile, bathi, Umfundisi wenu akayirholi na imali yetempile?"
24 Quando Jesus e os discípulos chegaram a Cafarnaum, os que cobravam o imposto das duas dracmas se dirigiram a Pedro e perguntaram: — O Mestre de vocês não paga as duas dracmas?
25 Athi, Ewe, uyayirhola. Akungena endlwini, uYesu wamphangela, esithi, Uthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? koonyana babo, kwabasemzini, kusini na?"
25 Pedro respondeu: — Claro que paga! Quando Pedro estava entrando em casa, Jesus se adiantou, dizendo:
26 Athi uPetros kuye, Kwabasemzini. Wathi uYesu kuye, Bakhululekile ngoko ke bona oonyana."
26 Quando Pedro respondeu: “Dos estranhos”, Jesus lhe disse:
27 Kodwa ukuze singabakhubekisi, hamba uye elwandle, uphose umlobothi wakho, uthabathe loo ntlanzi ithe yavela tanci. Wothi wakuwunqika umlomo wayo, ufumane ishekele; thabatha yona leyo ubanike, usenzelelela mna nawe."
27 Mas, para que não os escandalizemos, vá ao mar, jogue o anzol e puxe o primeiro peixe que fisgar. Ao abrir a boca do peixe, você encontrará uma moeda. Pegue essa moeda e entregue aos cobradores, para pagar o meu imposto e o seu.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Mateus 17, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.