Mateus 15

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARA

Sair da comparação
ARA Almeida Revista e Atualizada 1993
1 Bafike oko kuYesu abaseYerusalem ababhali nabaFarisi, besithi,"
1 Então, vieram de Jerusalém a Jesus alguns fariseus e escribas e perguntaram:
2 Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? Kuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka."
2 Por que transgridem os teus discípulos a tradição dos anciãos? Pois não lavam as mãos, quando comem.
3 Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu?"
3 Ele, porém, lhes respondeu: Por que transgredis vós também o mandamento de Deus, por causa da vossa tradição?
4 Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela okubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa."
4 Porque Deus ordenou:
5 Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile: akasayi kuba sambeka uyise nokuba ngunina."
5 Mas vós dizeis: Se alguém disser a seu pai ou a sua mãe: É oferta ao Senhor aquilo que poderias aproveitar de mim;
6 Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu."
6 esse jamais honrará a seu pai ou a sua mãe. E, assim, invalidastes a palavra de Deus, por causa da vossa tradição.
7 Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi,"
7 Hipócritas! Bem profetizou Isaías a vosso respeito, dizendo:
8 Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, Bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; Kanti intliziyo yabo ikude lee kum;"
8 Este povo honra-me com os lábios, mas o seu coração está longe de mim.
9 Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu."
9 E em vão me adoram, ensinando doutrinas que são preceitos de homens.
10 Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani, niqonde."
10 E, tendo convocado a multidão, lhes disse: Ouvi e entendei:
11 Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu."
11 não é o que entra pela boca o que contamina o homem, mas o que sai da boca, isto, sim, contamina o homem.
12 Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo zwi bakhubeka?"
12 Então, aproximando-se dele os discípulos, disseram: Sabes que os fariseus, ouvindo a tua palavra, se escandalizaram?
13 Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa."
13 Ele, porém, respondeu: Toda planta que meu Pai celestial não plantou será arrancada.
14 Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini."
14 Deixai-os; são cegos, guias de cegos. Ora, se um cego guiar outro cego, cairão ambos no barranco.
15 Waphendula ke uPetros wathi kuye, Sixelele lo mzekeliso."
15 Então, lhe disse Pedro: Explica-nos a parábola.
16 Wathi ke yena uYesu, Anikabi nakuqonda na nani nangoku?"
16 Jesus, porém, disse: Também vós não entendeis ainda?
17 Anikaqiqi na, ukuba konke okungena emlonyeni kusinga esiswini, ize kulahlelwe endaweni esese?"
17 Não compreendeis que tudo o que entra pela boca desce para o ventre e, depois, é lançado em lugar escuso?
18 Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zizo ezo ezimenza inqambi umntu."
18 Mas o que sai da boca vem do coração, e é isso que contamina o homem.
19 Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa."
19 Porque do coração procedem maus desígnios, homicídios, adultérios, prostituição, furtos, falsos testemunhos, blasfêmias.
20 Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu."
20 São estas as coisas que contaminam o homem; mas o comer sem lavar as mãos não o contamina.
21 Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon."
21 Partindo Jesus dali, retirou-se para os lados de Tiro e Sidom.
22 Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. Akamphendula ke nelizwi eli."
22 E eis que uma mulher cananeia, que viera daquelas regiões, clamava: Senhor, Filho de Davi, tem compaixão de mim! Minha filha está horrivelmente endemoninhada.
23 Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule, ngokuba usilandela ekhala."
23 Ele, porém, não lhe respondeu palavra. E os seus discípulos, aproximando-se, rogaram-lhe: Despede-a, pois vem clamando atrás de nós.
24 Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa."
24 Mas Jesus respondeu: Não fui enviado senão às ovelhas perdidas da casa de Israel.
25 Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndisize."
25 Ela, porém, veio e o adorou, dizendo: Senhor, socorre-me!
26 Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni."
26 Então, ele, respondendo, disse: Não é bom tomar o pão dos filhos e lançá-lo aos cachorrinhos.
27 Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo."
27 Ela, contudo, replicou: Sim, Senhor, porém os cachorrinhos comem das migalhas que caem da mesa dos seus donos.
28 Waza ke waphendula uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe njengokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa."
28 Então, lhe disse Jesus: Ó mulher, grande é a tua fé! Faça-se contigo como queres. E, desde aquele momento, sua filha ficou sã.
29 Esukile apho, uYesu weza ngaselwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi khona."
29 Partindo Jesus dali, foi para junto do mar da Galileia; e, subindo ao monte, assentou-se ali.
30 Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa;"
30 E vieram a ele muitas multidões trazendo consigo coxos, aleijados, cegos, mudos e outros muitos e os largaram junto aos pés de Jesus; e ele os curou.
31 zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli."
31 De modo que o povo se maravilhou ao ver que os mudos falavam, os aleijados recobravam saúde, os coxos andavam e os cegos viam. Então, glorificavam ao Deus de Israel.
32 Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuthi ke ndibandulule bengadlanga andikuthandi, hleze batyhafe endleleni."
32 E, chamando Jesus os seus discípulos, disse: Tenho compaixão desta gente, porque há três dias que permanece comigo e não tem o que comer; e não quero despedi-la em jejum, para que não desfaleça pelo caminho.
33 Bathi kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apha izonka ezingade zihluthise izihlwele ezingakanana?"
33 Mas os discípulos lhe disseram: Onde haverá neste deserto tantos pães para fartar tão grande multidão?
34 Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzana ezimbalwa."
34 Perguntou-lhes Jesus: Quantos pães tendes? Responderam: Sete e alguns peixinhos.
35 Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni."
35 Então, tendo mandado o povo assentar-se no chão,
36 Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele."
36 tomou os sete pães e os peixes, e, dando graças, partiu, e deu aos discípulos, e estes, ao povo.
37 Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe zizele."
37 Todos comeram e se fartaram; e, do que sobejou, recolheram sete cestos cheios.
38 Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amane amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana."
38 Ora, os que comeram eram quatro mil homens, além de mulheres e crianças.
39 Ezindulule izihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala."
39 E, tendo despedido as multidões, entrou Jesus no barco e foi para o território de Magadã.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Mateus 15, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.