Marcos 8

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Ngaloo mihla, sakuba sikhulu kakhulu isihlwele, singenanto singayidlayo, wababizela kuye abafundi bakhe uYesu, athi kubo,"
1 Pouco tempo depois, ajuntou-se outra vez uma grande multidão. Como eles não tinham nada para comer, Jesus chamou os discípulos e disse:
2 Ndisikwa yimfesane ngenxa yesihlwele; ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo;"
2 — Estou com pena dessa gente porque já faz três dias que eles estão comigo e não têm nada para comer.
3 ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude."
3 Se eu os mandar para casa com fome, eles vão cair de fraqueza pelo caminho, pois alguns vieram de longe.
4 Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wokuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha?"
4 Os discípulos perguntaram: — Como vamos encontrar, neste lugar deserto, comida que dê para toda essa gente?
5 Wayebabuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe."
5 — Quantos pães vocês têm? — perguntou Jesus. — Sete! — responderam eles.
6 Wasithethela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuze babeke phambi kwabo; babeka ke phambi kwaso isihlwele."
6 Aí Jesus mandou o povo sentar-se no chão. Depois pegou os sete pães e deu graças a Deus. Então os partiu e os entregou aos discípulos, e eles os distribuíram ao povo.
7 Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo."
7 Eles tinham também alguns peixinhos. Jesus deu graças a Deus por eles e mandou que os discípulos os distribuíssem.
8 Badla ke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe."
8 Todos comeram e ficaram satisfeitos; e os discípulos ainda encheram sete cestos com os pedaços que sobraram.
9 Ke kaloku abo babesidla ngathi babemawaka mane; wabandulula."
9 As pessoas que comeram eram mais ou menos quatro mil. Jesus mandou o povo embora,
10 Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta."
10 e, logo depois, subiu no barco com os seus discípulos, e foi para a região de Dalmanuta.
11 Baphuma abaFarisi baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ovela emazulwini, bemlinga."
11 Alguns fariseus chegaram e começaram a falar com Jesus. Eles queriam conseguir alguma prova contra ele e por isso pediram que ele fizesse um milagre para mostrar que o seu poder vinha mesmo de Deus.
12 Encwinile kanzulu ngomoya wakhe, athi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene ndithi kuni, Unakanye ukuba sinikwe umqondiso esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene ndithi kuni, Unakanye ukuba sinikwe umqondiso esi sizukulwana."
12 Jesus deu um grande suspiro e disse:
13 Wabashiya, wabuya wangena emkhombeni, wemka waya ngaphesheya."
13 Então Jesus foi embora. Ele subiu no barco e voltou para o lado leste do lago.
14 Baye belibele ukuphatha izonka; babengenanto banayo emkhombeni, ngaphandle kwesonka esinye."
14 Os discípulos haviam esquecido de levar pão e só tinham um pão no barco.
15 Wabayala esithi, Ligqaleni, nililumkele, igwele labaFarisi, negwele likaHerode."
15 Jesus chamou a atenção deles, dizendo:
16 Baye becamanga besitshono ukuthi, Kungokuba singenazonka."
16 Aí os discípulos começaram a dizer uns aos outros: — Ele está dizendo isso porque não temos pão.
17 Ekwazi oko uYesu, athi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqiqi na, anikaqondi na? Isaqaqadekile na intliziyo yenu?"
17 Jesus ouviu o que eles estavam dizendo e perguntou:
18 Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na?"
18 Vocês têm olhos e não enxergam? Têm ouvidos e não escutam? Não lembram
19 Okuya ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zaye zingaphi na izitya ezizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Zazilishumi elinazibini."
19 dos cinco pães que eu parti para cinco mil pessoas? Quantos cestos cheios de pedaços vocês recolheram? Eles responderam: — Doze.
20 Okuya ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke, Zazisixhenxe."
20 Jesus perguntou outra vez: Eles responderam: — Sete.
21 Wayesithi kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?"
21 Então Jesus perguntou:
22 Uthi aze kufika eBhetesayida; bazise imfama kuye, bambongoze ukuba ayichukumise."
22 Depois Jesus e os discípulos chegaram ao povoado de Betsaida. Algumas pessoas trouxeram um cego e pediram a Jesus que tocasse nele.
23 Uthe, eyibambe ngesandla imfama, wayirholela ngaphandle komzi; watshica emehlweni ayo, wabeka izandla phezu kwayo, wayibuza ukuba ibona nto na?"
23 Ele pegou o cego pela mão e o levou para fora do povoado. Então cuspiu, passou a saliva nos olhos do homem, pôs a mão sobre ele e perguntou:
24 Yaza yakhangela phezulu yathi, Ndiyababona abantu; kuba ndibanakana behamba, ngathi yimithi."
24 O homem olhou e disse: — Vejo pessoas; elas parecem árvores, mas estão andando.
25 Wabuya wazibeka izandla phezu kwamehlo ayo, wayikhangelisa phezulu; yabuya yaphila, yababona bonke kakuhle."
25 Jesus pôs outra vez as mãos sobre os olhos dele. Dessa vez o cego olhou firme e ficou curado; aí começou a ver tudo muito bem.
26 Uthi ayithumele endlwini yayo, esithi, Uze ungangeni kuwo umzi, ungathethi nakubani kuwo umzi."
26 Em seguida, Jesus mandou o homem para casa e ordenou:
27 Waphuma uYesu nabafundi bakhe, waya emizini yaseKesareya kaFilipu; waye endleleni ebabuza abafundi bakhe, esithi kubo, Kuthiwa ngabantu ndingubani na mna?"
27 Depois Jesus e os seus discípulos foram para os povoados que ficam perto de Cesareia de Filipe. No caminho, ele lhes perguntou:
28 Baphendula ke bona ngokuthi, Bathi unguYohane umbhaptizi; abanye bathi unguEliya; bambi ke bathi ungomnye wabaprofeti."
28 Os discípulos responderam: — Alguns dizem que o senhor é João Batista; outros, que é Elias; e outros, que é um dos
29 Athi yena kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Aphendule ke uPetros athi kuye, Wena unguye uKristu."
29 — E vocês? Quem vocês dizem que eu sou? — perguntou Jesus. — O senhor é o
30 Wabakhalimela ukuba bangaxeleli bani ngaye."
30 Então Jesus proibiu os discípulos de contarem isso a qualquer pessoa.
31 Waqala ukubafundisa, okokuba uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi emveni kweentsuku ezintathu abuye avuke."
31 Jesus começou a ensinar os discípulos, dizendo: — O
32 Elo zwi wayelithetha ngokungafihlisiyo. UPetros wamthabathela kuye, waqala ukumkhalimela."
32 Jesus dizia isso com toda a clareza. Então Pedro o levou para um lado e começou a repreendê-lo.
33 Uthe ke yena, ejikile, wabakhangela abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, esithi, Suka uye emva kwam, Sathana; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekele ezabantu."
33 Jesus virou-se, olhou para os discípulos e repreendeu Pedro, dizendo:
34 Esibizele kuye isihlwele, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele ke."
34 Aí Jesus chamou a multidão e os discípulos e disse:
35 Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa."
35 Pois quem põe os seus próprios interesses em primeiro lugar nunca terá a vida verdadeira; mas quem esquece a si mesmo por minha causa e por causa do
36 Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ngumphefumlo wakhe?"
36 O que adianta alguém ganhar o mundo inteiro, mas perder a vida verdadeira?
37 Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?"
37 Pois não há nada que poderá pagar para ter de volta essa vida.
38 Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele."
38 Portanto, se nesta época de incredulidade e maldade alguém tiver vergonha de mim e dos meus ensinamentos, então o Filho do Homem, quando vier na

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Marcos 8, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.