Marcos 5
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARA
1 Bafika phesheya kolwandle kummandla wabaseGadara."
1 Entrementes, chegaram à outra margem do mar, à terra dos gerasenos.
2 Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo, ephuma emangcwabeni,"
2 Ao desembarcar, logo veio dos sepulcros, ao seu encontro, um homem possesso de espírito imundo,
3 obehlala emangcwabeni apho. Kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane;"
3 o qual vivia nos sepulcros, e nem mesmo com cadeias alguém podia prendê-lo;
4 ngenxa yokuba wayebotshwe futhi ngamakhamandela nangemixokelelwane, asuke ayijace yena imixokelelwane, awakroboze namakhamandela; kwaye kungekho bani unamandla okumdambisa."
4 porque, tendo sido muitas vezes preso com grilhões e cadeias, as cadeias foram quebradas por ele, e os grilhões, despedaçados. E ninguém podia subjugá-lo.
5 Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezijeca ngamatye."
5 Andava sempre, de noite e de dia, clamando por entre os sepulcros e pelos montes, ferindo-se com pedras.
6 Uthe ke akumbona UYesu ekude, wagidima, waya waqubuda kuye,"
6 Quando, de longe, viu Jesus, correu e o adorou,
7 wakhala ngezwi elikhulu, wathi, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi."
7 exclamando com alta voz: Que tenho eu contigo, Jesus, Filho do Deus Altíssimo? Conjuro-te por Deus que não me atormentes!
8 Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo."
8 Porque Jesus lhe dissera: Espírito imundo, sai desse homem!
9 Wayembuza esithi, Ungubani na wena igama? Waphendula esithi, NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi."
9 E perguntou-lhe: Qual é o teu nome? Respondeu ele: Legião é o meu nome, porque somos muitos.
10 Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe."
10 E rogou-lhe encarecidamente que os não mandasse para fora do país.
11 Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla."
11 Ora, pastava ali pelo monte uma grande manada de porcos.
12 Zambongoza zonke iidemon, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo."
12 E os espíritos imundos rogaram a Jesus, dizendo: Manda-nos para os porcos, para que entremos neles.
13 Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho."
13 Jesus o permitiu. Então, saindo os espíritos imundos, entraram nos porcos; e a manada, que era cerca de dois mil, precipitou-se despenhadeiro abaixo, para dentro do mar, onde se afogaram.
14 Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na."
14 Os porqueiros fugiram e o anunciaram na cidade e pelos campos. Então, saiu o povo para ver o que sucedera.
15 Bafike kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika."
15 Indo ter com Jesus, viram o endemoninhado, o que tivera a legião, assentado, vestido, em perfeito juízo; e temeram.
16 Abo babeyibonile le nto babacokisela, ukuba kuthekeni na kobephethwe ziidemon; kwanokweehagu."
16 Os que haviam presenciado os fatos contaram-lhes o que acontecera ao endemoninhado e acerca dos porcos.
17 Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo."
17 E entraram a rogar-lhe que se retirasse da terra deles.
18 Akubon’ ukuba ungene emkhombeni, wathi lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye."
18 Ao entrar Jesus no barco, suplicava-lhe o que fora endemoninhado que o deixasse estar com ele.
19 Kodwa uYesu akamvumelanga. Usuke wathi kuye, Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba engaka kuwe."
19 Jesus, porém, não lho permitiu, mas ordenou-lhe: Vai para tua casa, para os teus. Anuncia-lhes tudo o que o Senhor te fez e como teve compaixão de ti.
20 Wemka, waqala ukuzivakalisa eDekapoli oko zingako ukuba zinkulu izinto uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke."
20 Então, ele foi e começou a proclamar em Decápolis tudo o que Jesus lhe fizera; e todos se admiravam.
21 Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho."
21 Tendo Jesus voltado no barco, para o outro lado, afluiu para ele grande multidão; e ele estava junto do mar.
22 Kubonakele kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; athi akumbona, awe ezinyaweni zakhe,"
22 Eis que se chegou a ele um dos principais da sinagoga, chamado Jairo, e, vendo-o, prostrou-se a seus pés
23 ambongoze kunene, esithi, Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila."
23 e insistentemente lhe suplicou: Minha filhinha está à morte; vem, impõe as mãos sobre ela, para que seja salva, e viverá.
24 Wesuka wahamba naye; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile."
24 Jesus foi com ele. Grande multidão o seguia, comprimindo-o.
25 Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini,"
25 Aconteceu que certa mulher, que, havia doze anos, vinha sofrendo de uma hemorragia
26 eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu:"
26 e muito padecera à mão de vários médicos, tendo despendido tudo quanto possuía, sem, contudo, nada aproveitar, antes, pelo contrário, indo a pior,
27 yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe;"
27 tendo ouvido a fama de Jesus, vindo por trás dele, por entre a multidão, tocou-lhe a veste.
28 kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa."
28 Porque, dizia: Se eu apenas lhe tocar as vestes, ficarei curada.
29 Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho."
29 E logo se lhe estancou a hemorragia, e sentiu no corpo estar curada do seu flagelo.
30 UYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam?"
30 Jesus, reconhecendo imediatamente que dele saíra poder, virando-se no meio da multidão, perguntou: Quem me tocou nas vestes?
31 Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na ondichukumisileyo?"
31 Responderam-lhe seus discípulos: Vês que a multidão te aperta e dizes: Quem me tocou?
32 Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto."
32 Ele, porém, olhava ao redor para ver quem fizera isto.
33 Ithe ke intokazi leyo, isoyika, igubha, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi kuye, yamxelela inyaniso yonke."
33 Então, a mulher, atemorizada e tremendo, cônscia do que nela se operara, veio, prostrou-se diante dele e declarou-lhe toda a verdade.
34 Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho."
34 E ele lhe disse: Filha, a tua fé te salvou; vai-te em paz e fica livre do teu mal.
35 Kuthi esathetha yena, kufike abakulomphathi wendlu yesikhungu, besithi, Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na uMfundisi?"
35 Falava ele ainda, quando chegaram alguns da casa do chefe da sinagoga, a quem disseram: Tua filha já morreu; por que ainda incomodas o Mestre?
36 Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena."
36 Mas Jesus, sem acudir a tais palavras, disse ao chefe da sinagoga: Não temas, crê somente.
37 Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi."
37 Contudo, não permitiu que alguém o acompanhasse, senão Pedro e os irmãos Tiago e João.
38 Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu."
38 Chegando à casa do chefe da sinagoga, viu Jesus o alvoroço, os que choravam e os que pranteavam muito.
39 Akungena uthi kubo, Yini na ukuba niphithizele nilile? Akafile umntwana, ulele."
39 Ao entrar, lhes disse: Por que estais em alvoroço e chorais? A criança não está morta, mas dorme.
40 Basuka bamwa ngentsini. Athi akubakhupha bona bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana."
40 E riam-se dele. Tendo ele, porém, mandado sair a todos, tomou o pai e a mãe da criança e os que vieram com ele e entrou onde ela estava.
41 Ambambe ngesandla umntwana, athi kuye, Talita, kumi; oko kukuthi, ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka!"
41 Tomando-a pela mão, disse: Talitá cumi!, que quer dizer: Menina, eu te mando, levanta-te!
42 Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba; kuba ibiminyaka ilishumi elinamibini izelwe. Bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu."
42 Imediatamente, a menina se levantou e pôs-se a andar; pois tinha doze anos. Então, ficaram todos sobremaneira admirados.
43 Wabayala kakhulu ukuba kungaziwa mntu oku; watsho nokuthi, mayiphiwe idle."
43 Mas Jesus ordenou-lhes expressamente que ninguém o soubesse; e mandou que dessem de comer à menina.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Marcos 5, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.