Marcos 13
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH
1 Kwakubon’ ukuba uyaphuma etempileni, uthi omnye umfundi wakhe kuye, Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?"
1 Quando Jesus estava saindo do pátio do Templo, um discípulo disse: — Mestre, veja que pedras e edifícios impressionantes!
2 Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa."
2 Jesus respondeu:
3 Baye, akubon’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma malungana netempile, bembuza ngasese ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi,"
3 Jesus estava sentado no monte das Oliveiras, olhando para o Templo, quando Pedro, Tiago, João e André lhe perguntaram em particular:
4 Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziza kupheliswa."
4 — Conte para nós quando é que isso vai acontecer. Que sinal haverá para mostrar quando é que todas essas coisas vão começar?
5 Wabaphendula ke uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa bani;"
5 Então Jesus começou a ensiná-los. Ele disse:
6 kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye uKristu, balahlekise into eninzi."
6 Porque muitos vão aparecer fingindo ser eu e dizendo: “Eu sou o
7 Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kuba ezo zinto zimelwe kukuhla, ukanti kona ukuphela akukabikho;"
7 Não tenham medo quando ouvirem o barulho de batalhas ou notícias de guerras. Tudo isso vai acontecer, mas ainda não será o fim.
8 kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko; ziingqaleko ke zenimba ezo."
8 Uma nação vai guerrear contra outra, e um país atacará outro. Em vários lugares haverá tremores de terra e falta de alimentos. Essas coisas serão como as primeiras dores de parto.
9 Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo."
9 — Vocês precisam ter cuidado porque serão presos e levados aos tribunais e serão chicoteados nas
10 Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga."
10 Pois, antes de chegar o fim, o evangelho precisa ser anunciado a todos os povos.
11 Xa sukuba ke benirhola beya kuninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga nto. Into enithe nayinikwa ngelo xa, thethani yona; kuba asinini enithethayo, nguMoya oyiNgcwele."
11 Quando prenderem e entregarem vocês às autoridades, não fiquem preocupados, antes da hora, com o que irão dizer. Quando chegar o momento, digam o que Deus lhes der para dizer. Porque as palavras que disserem não serão de vocês mesmos, mas virão do Espírito Santo.
12 Ke kaloku, umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana, bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise;"
12 Muitos entregarão os seus próprios irmãos para serem mortos, e os pais entregarão os filhos. E os filhos ficarão contra os pais e os matarão.
13 nithiywe ngabantu bonke, ngenxa yegama lam. Ke onyamezelayo kude kube sekupheleni, lowo wosindiswa."
13 Todos odiarão vocês por serem meus seguidores, mas quem ficar firme até o fim será salvo.
14 Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele kuba khona (olesayo makaqiqe), mabathi ngelo xa abo bakwaYuda basabele ezintabeni."
14 E Jesus continuou:
15 Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe."
15 Quem estiver em cima da sua casa, no terraço, que fuja logo e não entre para pegar nada.
16 Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe."
16 E quem estiver no campo, que não volte para casa a fim de buscar as suas roupas.
17 Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!"
17 Ai das mulheres grávidas e das mães com criancinhas naqueles dias!
18 Thandazani ke, ukuze intsabo yenu ingabi khona ebusika."
18 Orem a Deus para que isso não aconteça no inverno.
19 Kuba yona loo mihla iya kuba yimbandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwakalokunje; engasayi kubuya ibekho."
19 Porque naqueles dias haverá um sofrimento tão grande como nunca houve desde que Deus criou o mundo; e nunca mais acontecerá uma coisa igual.
20 Kanjalo ukuba iNkosi ibingayinqamlelanga loo mihla, bekungayi kubakho mntu usindayo; koko ithe ngenxa yabanyulwa ebanyulileyo, yayinqamlela imihla leyo."
20 Porém o Senhor diminuiu esse tempo de sofrimento. Se não fosse assim, ninguém seria salvo. Mas, por causa do povo que Deus escolheu para salvar, esse tempo já foi diminuído.
21 Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukukholwa nguye;"
21 — Portanto, se alguém disser para vocês: “Vejam! O
22 kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka."
22 Porque aparecerão falsos
23 Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili."
23 Prestem atenção! Eu estou lhes dizendo tudo isso, antes que aconteça.
24 Ngaloo mihla, emveni kwayo loo mbandezelo, liya kusuka ilanga lenziwe mnyama, ithi nenyanga ingabukhuphi ubumhlophe bayo;"
24 Jesus disse:
25 zithi neenkwenkwezi zezulu zivuthuluke; athi mamandla asemazulwini azanyazanyiswe."
25 As estrelas cairão do céu, e os poderes do espaço serão abalados.
26 Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli."
26 Então o
27 Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu."
27 Ele mandará os anjos aos quatro cantos da terra e reunirá os escolhidos de Deus de um lado do mundo até o outro.
28 Wufundeni ke kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo."
28 Jesus disse ainda:
29 Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona ezo zinto zisihla, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango."
29 Assim também, quando virem acontecer essas coisas, fiquem sabendo que o tempo está perto, pronto para começar.
30 Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho."
30 Eu afirmo a vocês que isto é verdade: essas coisas vão acontecer antes de morrerem todos os que agora estão vivos.
31 Liya kudlula izulu nehlabathi, ke wona amazwi am akasayi kudlula."
31 O céu e a terra desaparecerão, mas as minhas palavras ficarão para sempre.
32 Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise."
32 E Jesus terminou, dizendo:
33 Lumkani, musani ukulala, thandazani. Kuba anilazi ukuba linini na ixesha elo;"
33 Vigiem e fiquem alertas, pois vocês não sabem quando chegará a hora.
34 njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde."
34 Será como um homem que sai de casa e viaja para longe; mas, antes de ir, dá ordens, distribui o trabalho entre os empregados e manda o porteiro ficar de vigia.
35 Lindani ngoko, ngokuba ningakwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa;"
35 Então vigiem, pois vocês não sabem quando o dono da casa vai voltar; se será à tarde, ou à meia-noite, ou de madrugada, ou de manhã.
36 hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele."
36 Se ele chegar de repente, que não encontre vocês dormindo!
37 Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani."
37 O que eu lhes digo digo a todos: fiquem vigiando!
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Marcos 13, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.