Marcos 12
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NAA
1 Waqala ukuthi kubo ngemizekeliso, Umntu watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye."
1 Depois Jesus começou a falar-lhes por parábola:
2 Wathi ngelona xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso."
2 No tempo da colheita, mandou um servo para que recebesse dos lavradores a sua parte dos frutos da vinha.
3 Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha."
3 Mas os lavradores o agarraram, espancaram e o despacharam de mãos vazias.
4 Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula bemhlazisile."
4 De novo, enviou-lhes outro servo, e eles bateram na cabeça dele e o insultaram.
5 Wabuya wathuma omnye; lowo bambulala. Wathuma nabanye babaninzi, inxenye beyityabula, inxenye beyibulala."
5 Mandou ainda outro servo, e a este mataram. Muitos outros lhes enviou, dos quais espancaram uns e mataram outros.
6 Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam."
6 — Restava-lhe ainda um: o seu filho amado. Por fim, mandou o filho, pensando: “O meu filho eles respeitarão.”
7 Ke bona abo balimi bathi phakathi kwabo, Yindlalifa lo; yizani simbulale, ilifa libe lelethu."
7 Mas os tais lavradores disseram entre si: “Este é o herdeiro; venham, vamos matá-lo, e a herança será nossa.”
8 Bamthabatha ke, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya."
8 E, agarrando o filho, mataram-no e o lançaram fora da vinha.
9 Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso."
9 — Que fará, pois, o dono da vinha? Virá, exterminará aqueles lavradores e entregará a vinha a outros.
10 Anisilesanga na esi sibhalo sithi, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo;"
10 Vocês ainda não leram este trecho da Escritura:
11 Kwavela eNkosini oku, Kungummangaliso emehlweni ethu?"
11 Isto procede do Senhor
12 Baya befuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka."
12 E procuravam prender Jesus, porque entenderam que ele havia contado essa parábola contra eles; mas temiam o povo. Então eles o deixaram e foram embora.
13 Bathi bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha."
13 E enviaram a Jesus alguns dos fariseus e dos herodianos, para que o apanhassem em alguma palavra.
14 Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo uyifundisa ngenene. Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, kusini na? Sinikele, singanikeli, kusini na?"
14 Chegando, disseram-lhe: — Mestre, sabemos que o senhor é verdadeiro e não se importa com a opinião dos outros, porque não olha a aparência das pessoas, mas, segundo a verdade, ensina o caminho de Deus; é lícito pagar imposto a César ou não? Devemos ou não devemos pagar?
15 Ke kaloku yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo, ndiyibone."
15 Mas Jesus, percebendo a hipocrisia deles, respondeu:
16 Bayizisa ke. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo?"
16 Eles trouxeram. E Jesus lhes perguntou: Eles responderam: — De César.
17 Bathi ke kuye, NgokaKesare. Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Bamangaliswa nguye."
17 Então Jesus disse: E muito se admiraram dele.
18 Kweza kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; babuza kuye besithi,"
18 Então alguns saduceus, que dizem não haver ressurreição, aproximaram-se de Jesus e lhe perguntaram:
19 Mfundisi, uMoses wasibhalela, wathi, Ukuba umzalwana kathile uthe wafa, washiya umfazi, akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe."
19 — Mestre, Moisés nos deixou escrito que, se um homem morrer e deixar mulher sem filhos, o irmão desse homem deve casar com a viúva e gerar descendentes para o falecido.
20 Ke kaloku bekukho abazalwana abasixhenxe. Wathi owokuqala wazeka umfazi; waza akufa akashiya mbewu."
20 Havia sete irmãos. O primeiro casou e morreu sem deixar filhos;
21 Uthe owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu. Wenjenjalo nowesithathu."
21 o segundo casou com a viúva e morreu, também sem deixar descendência; e o terceiro, da mesma forma.
22 Bamzeka ke bosixhenxe; abashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi."
22 E, assim, os sete não deixaram descendência. Por fim, depois de todos, morreu também a mulher.
23 Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba babenaye bosixhenxe engumfazi."
23 Na ressurreição, quando eles ressuscitarem, de qual deles ela será a esposa? Porque os sete casaram com ela.
24 Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yale ndawo yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo?"
24 Jesus respondeu:
25 Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa ezisemazulwini."
25 Pois, quando ressuscitarem dentre os mortos, nem casarão, nem se darão em casamento, mas serão como os anjos nos céus.
26 Ngokusingisele kwabafileyo ke, ukuba bayavuka, anilesanga na encwadini kaMoses, endaweni ethetha ngetyholo, okokuba uThixo wathetha kuye esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi?"
26 Quanto aos mortos, que eles de fato ressuscitam, vocês nunca leram no Livro de Moisés, no trecho referente à sarça, como Deus lhe falou: “Eu sou o Deus de Abraão, o Deus de Isaque e o Deus de Jacó”?
27 AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu."
27 Ele não é Deus de mortos, e sim de vivos. Vocês estão completamente enganados.
28 Kwafika omnye wakubabhali; wabeva bebuzana; waqonda ukuba ubaphendule kakuhle. Wambuza esithi, Owona mthetho uphambili kuyo yonke nguwuphi na?"
28 Chegando um dos escribas, que ouviu a discussão entre eles e viu que Jesus tinha dado uma boa resposta, perguntou-lhe: — Qual é o principal de todos os mandamentos?
29 UYesu wamphendula ke esithi, Owona ungaphambili kuyo yonke imithetho ngulo: Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi inye;"
29 Jesus respondeu:
30 uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, na ngomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo ongaphambili umthetho."
30 Ame o Senhor, seu Deus, de todo o seu coração, de toda a sua alma, de todo o seu entendimento e com toda a sua força.”
31 Nowesibini ufana nawo; nangu: Uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunale."
31 O segundo é: “Ame o seu próximo como você ama a si mesmo.” Não há outro mandamento maior do que estes.
32 Wathi umbhali kuye, Ngxatsho ke, Mfundisi, uthethe inyaniso; ngokuba mnye uThixo, akukho wumbi ngaphandle kwakhe;"
32 Então o escriba disse: — Muito bem, Mestre! E com verdade o senhor disse que ele é o único, e não há outro além dele,
33 nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshiswayo kuphele, nemibingelelo."
33 e que amar a Deus de todo o coração e de todo o entendimento e com todas as forças e amar o próximo como a si mesmo é mais do que todos os holocaustos e sacrifícios.
34 UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye, Akukude wena ebukumkanini bukaThixo. Akwaba sabakho mntu ubenobuganga bakumbuza nto."
34 Vendo Jesus que o escriba havia respondido sabiamente, declarou-lhe: E ninguém mais ousava fazer perguntas a Jesus.
35 Waphendula uYesu, wathi, efundisa etempileni, Batsho ngani na ababhali ukuthi, UKristu ungunyana kaDavide?"
35 Jesus, ensinando no templo, perguntou:
36 Kuba uDavide ngokwakhe wathi ngoMoya oyiNgcwele, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho."
36 O próprio Davi falou, pelo Espírito Santo:
37 UDavide ngoko ngokwakhe uthi, UyiNkosi. Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe? Lwaye ke uninzi lwabantu lumva kamnandi."
37 — O próprio Davi chama o Cristo de Senhor; então como ele pode ser filho de Davi? E a grande multidão o ouvia com prazer.
38 Wayesithi kubo, ekufundiseni kwakhe, Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngeengubo ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho,"
38 E, ao ensinar, Jesus dizia:
39 nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni;"
39 buscam as primeiras cadeiras nas sinagogas e os primeiros lugares nos banquetes;
40 abazidla bazigqibe izindlu zabahlolokazi, baze benyhwalaza bathandaze uzungu. Aba baya kwamkela ugwebo olugqithisileyo."
40 devoram as casas das viúvas e, para o justificar, fazem longas orações. Estes sofrerão juízo muito mais severo.
41 Waye uYesu ehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela ukuba sithini na isihlwele ukuphosa imali yobhedu emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu."
41 Sentado diante da caixa de ofertas, Jesus observava como o povo lançava ali o dinheiro. Ora, muitos ricos depositavam grandes quantias.
42 Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante."
42 Vindo, porém, uma viúva pobre, lançou duas pequenas moedas correspondentes a um quadrante.
43 Ebabizele kuye abafundi bakhe, uthi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali;"
43 E, chamando os seus discípulos, Jesus disse:
44 kuba bonke abo baphose bethabatha kwikhupha labo; ke yena ekusweleni kwakhe uphose konke abenako, impilo yakhe iphela."
44 Porque todos eles deram daquilo que lhes sobrava; ela, porém, da sua pobreza deu tudo o que possuía, todo o seu sustento.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Marcos 12, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.