Levítico 8
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC
1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,"
1 O Senhor disse a Moisés:
2 Thabatha ooAron noonyana bakhe kunye naye, nezambatho ezo, neoli yokuthambisa, nenkunzi entsha yenkomo yedini lesono, neenkunzi zezimvu zibe mbini, nengobozi yezonka ezingenagwele;"
2 "Toma a Aarão e seus filhos, as vestes, o óleo para a unção, o touro do sacrifício pelo pecado, os dois carneiros e a cesta de pães ázimos,
3 ulibizele ndawonye lonke ibandla emnyango wentente yokuhlangana."
3 e convoca toda a assembléia à entrada da tenda de reunião".
4 Wenza uMoses ngoko uYehova wamwisela umthetho ngako; walibizela ndawonye ibandla emnyango wentente yokuhlangana."
4 Moisés fez o que lhe ordenou o Senhor, e a assembléia se reuniu à entrada da tenda de reunião.
5 Wathi uMoses kwibandla, Yiyo le into awise umthetho ngayo uYehova ukuba yenziwe."
5 Moisés disse então: "Eis o que o Senhor ordenou que se fizesse".
6 UMoses wabasondeza ke ooAron noonyana bakhe, wabahlamba ngamanzi."
6 Fez aproximarem-se Aarão e seus filhos e os lavou com água.
7 Wamnxiba ingubo yangaphantsi, wambhinqisa umbhinqo, wamambathisa ngengubo yokwaleka, wamnxiba iefodi, wambhinqisa umbhinqo we-efodi, wayibhinqa ngawo;"
7 Vestiu Aarão com a túnica, a cintura e o manto; pôs sobre ele o efod, e cingiu-o com a cintura do efod, atando-o.
8 wamnxiba ubengo; elubengweni wafaka iiUrim neeTumim;"
8 Pôs-lhe em seguida o peitoral, ao qual fixou o urim e o tumim.
9 wamfaka unkontsho entloko; elunkontshweni ngaphambili wabeka imbasa yegolide, isithsaba esingcwele, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses."
9 Cobriu-lhe a cabeça com a tiara, diante da qual colocou a lâmina de ouro, o santo diadema, como o Senhor lhe tinha ordenado.
10 Wayithabatha uMoses ioli yokuthambisa, wawuthambisa umnquba neento zonke ezikuwo, wazingcwalisa;"
10 Tomou, além disso, o óleo da unção, ungiu com ele o tabernáculo e tudo o que continha, e os consagrou.
11 wafefa ngenxalenye yayo esibingelelweni izihlandlo zosixhenxe, wasithambisa isibingelelo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ukuba zingcwaliswe ezo zinto."
11 Aspergiu sete vezes o altar e ungiu-o com todos os seus utensílios, assim como a bacia e seu pedestal, para consagrá-los.
12 Wagalela inxalenye yeoli yokuthambisa kuAron entloko, wamthambisa ukuba angcwaliswe."
12 Derramou o óleo da unção na cabeça de Aarão para consagrá-lo.
13 UMoses wabasondeza oonyana baka-Aron, wabanxiba iingubo zangaphantsi, wababhinqisa umbhinqo, wababopha iminqwazi, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses."
13 Depois mandou que se aproximassem os filhos de Aarão, e os revestiu de túnicas e de cinturas, pondo-lhes também mitras nas cabeças, como o Senhor lhe tinha ordenado.
14 Wasondeza inkunzi entsha yenkomo yedini lesono, bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi entsha yedini lesono."
14 Então mandou vir o touro do sacrifício pelo pecado, e Aarão e seus filhos puseram as mãos sobre a sua cabeça.
15 Yaxhelwa ke; walithabatha uMoses igazi, walidyobha wajikelezisa ezimpondweni zesibingelelo ngomnwe wakhe, isibingelelo wasihlambulula sona, waliphalazela igazi esisekweni sesibingelelo, wasingcwalisa, ukuba asicamagushele."
15 Moisés o imolou, tomou o sangue e, com o dedo, o pôs sobre os cornos do altar, purificando o altar; derramou o resto ao pé do altar e o consagrou, fazendo sobre ele a expiação.
16 Wawathabatha onke amanqatha asezibilinini, nomhlehlo wesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, waqhumisela ngezo zinto uMoses esibingelelweni."
16 Tomou, em seguida, toda a gordura que envolve as entranhas, a pele que recobre o fígado e os dois rins com sua gordura, e os queimou no altar.
17 Ke inkunzi entsha yenkomo, nesikhumba sayo, nenyama yayo, nomswane wayo, wayitshisa ngomlilo ngaphandle kweminquba, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses."
17 Mas queimou fora do acampamento o touro, seu couro, sua carne e seus excrementos, como o Senhor lhe tinha ordenado.
18 Wayisondeza inkunzi yemvu yedini elinyukayo; bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabophezu kwentloko yenkunzi yemvu."
18 Mandou vir o carneiro do holocausto, sobre cuja cabeça Aarão e seus filhos impuseram as mãos.
19 Yaxhelwa ke; uMoses walitshiza igazi, wajikelezisa esibingelelweni;"
19 Foi imolado, e Moisés derramou seu sangue em todo o redor do altar.
20 inkunzi yemvu wayityatya; waqhumisela uMoses ngentloko, nenyama, nenqatha."
20 Foi, em seguida, cortado em pedaços, e Moisés queimou a cabeça aos pedaços a gordura.
21 Wazihlamba izibilini neentungo ngamanzi, waqhumisela uMoses ngenkunzi yemvu iphela esibingelelweni. Lidini elinyukayo elo lokuba livumba elithozamisayo; kukudla kwasemlilweni oko kuYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses."
21 Lavaram com água as entranhas e as patas, e Moisés queimou o carneiro todo sobre o altar: era um holocausto de agradável odor, um sacrifício consumido pelo fogo ao Senhor, como o Senhor o tinha ordenado a Moisés.
22 Wayisondeza neyesibini inkunzi yemvu, inkunzi yemvu yokumisela; bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi yemvu."
22 Mandou que se aproximasse o outro carneiro, o carneiro de empossamento, sobre cuja cabeça Aarão e seus filhos impuseram as mãos.
23 Yaxhelwa ke; wacaphula uMoses egazini layo, walidyobha esithinzini sendlebe yasekunene ka-Aron, nasesithupheni sesandla sakhe sokunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene."
23 Moisés o imolou, tomou seu sangue e o pôs na ponta da orelha direita de Aarão e nos polegares de sua mão direita e do seu pé direito.
24 Wasondeza oonyana baka-Aron, uMoses wadyobha inxalenye yegazi esithinzini sendlebe yabo yasekunene, nasesithupheni sesandla sabo sokunene, nakubhontsi wonyawo lwabo lwasekunene. UMoses walitshiza igazi, wajikelezisa esibingelelweni."
24 E mandou então que se aproximassem os filhos de Aarão: pôs-lhes o sangue na ponta da orelha direita, no polegar da mão direita e no hálux do pé direito; e derramou o resto do sangue em todo o redor do altar.
25 Walithabatha inqatha, nomsila, namanqatha onke asezibilinini, nomhlehlo wesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, nomlenze wasekunene;"
25 Depois tomou a gordura, a cauda, toda a gordura que envolve as entranhas, a pele que recobre o fígado, os dois rins com sua gordura e a coxa direita.
26 engobozini yezonka ezingenagwele, ephambi koYehova, wathabatha umqhathane ongenagwele wamnye, nomqhathane wesonka esineoli wamnye, nesonkana esisicaba sasinye, wabeka phezu kwamanqatha naphezu komlenze wasekunene."
26 Tomou também da cesta de pães ázimos, colocada diante do Senhor, um bolo amassado sem fermento, um bolo amassado com óleo e uma bolacha, e os pôs sobre a gordura e a coxa direita.
27 Wazibeka zonke ezo zinto ezandleni zika-Aron, nasezandleni zoonyana bakhe, wazitshangatshangisa, zaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova."
27 Meteu tudo isso nas mãos de Aarão e de seus filhos para agitá-los como oferta diante do Senhor.
28 Wazithabatha uMoses ezandleni zabo, waqhumisela ngazo esibingelelweni, phezu kwedini elinyukayo: zaba lumiselo, laba livumba elithozamisayo, kwaba kukudla kwasemlilweni kuYehova oko."
28 Tomou-os em seguida Moisés nas suas próprias mãos e os queimou sobre o altar, por cima do holocausto; este foi o sacrifício de empossamento, de agradável odor, consumado pelo fogo ao Senhor.
29 Wayithabatha uMoses incum, wayitshangatshangisa, yaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova; inkunzi yemvu yomiselo yasisabelo sikaMoses, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses."
29 Tomou também o peito do carneiro de empossamento e o agitou como oferta diante do Senhor a sua porção, como o Senhor lhe tinha ordenado.
30 Wacaphula uMoses eolini yokuthambisa, nasegazini elisesibingelelweni, wafefa kuAron nasezambathweni zakhe, nakoonyana bakhe, nasezambathweni zoonyana bakhe kunye naye, wamngcwalisa uAron nezambatho zakhe, noonyana bakhe nezambatho zoonyana bakhe kunye naye."
30 Tomou, finalmente, o óleo de unção e o sangue que estava sobre o altar e aspergiu sobre Aarão e suas vestes, seus filhos e suas vestes, e consagrou assim Aarão e seus filhos com suas vestes.
31 Wathi uMoses kooAron noonyana bakhe, Yiphekeni inyama emnyango wentente yokuhlangana, niyidle khona apho, nesonka esisengobozini yomiselo, njengoko ndawisayo umthetho, ndisithi, OoAron noonyana bakhe boyidla."
31 Depois Moisés disse-lhes: "Cozei a carne à entrada da tenda de reunião; ali a comereis com o pão que está na cesta de empossamento, como vos ordenei quando disse: Aarão e seus filhos a comerão.
32 Into eseleyo yenyama neyesonka noyitshisa ngomlilo."
32 O que sobrar da carne e do pão, queimá-lo-eis no fogo.
33 Ize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, imihla esixhenxe, kude kube ngumhla wokuzaliseka kwemihla yokumiselwa kwenu; kuba bonimisela imihla esixhenxe."
33 Não saireis da entrada da tenda de reunião durante sete dias, até se cumprirem os dias de vosso empossamento, o qual durará sete dias.
34 Njengoko kwenziwe ngako namhla, uYehova uwise umthetho ukuba kwenjiwe njalo ukunicamagushela."
34 O que se fez hoje, prescreveu o Senhor que se faça novamente, em expiação por vós.
35 Nohlala emnyango wentente yokuhlangana, imini nobusuku, imihla esixhenxe, nigcine isigxina sikaYehova, ukuze ningafi; kuba ndiwiselwe umthetho ngokunjalo."
35 Ficareis, pois, sete dias à entrada da tenda de reunião, dia e noite, e observareis as ordens do Senhor, para que não morrais. Esta é a ordem que recebi".
36 Benza ooAron noonyana bakhe zonke izinto abewise umthetho ngazo uYehova ngesandla sikaMoses."
36 Aarão e seus filhos fizeram tudo o que o Senhor lhes tinha ordenado por Moisés.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Levítico 8, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.