Levítico 22
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC
1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,"
1 Depois, falou o Senhor a Moisés, dizendo:
2 Thetha kuAron nakoonyana bakhe, bazahlule ezintweni ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, bangalihlambeli igama lam elingcwele ezintweni abazingcwalisayo kum: ndinguYehova."
2 Dize a Arão e a seus filhos que se apartem das coisas santas dos filhos de Israel, que a mim me santificam, para que não profanem o nome da minha santidade. Eu sou o Senhor .
3 Yithi kubo, Ezizukulwaneni zenu, bonke abantu abangabembewu yenu, abasukuba besondela ezintweni ezingcwale, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli kuYehova, benobunqambi babo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebusweni bam: ndinguYehova."
3 Dize-lhes: Todo homem, que entre as vossas gerações, de toda a vossa semente, se chegar às coisas santas que os filhos de Israel santificam ao Senhor , tendo sobre si a sua imundícia, aquela alma será extirpada de diante da minha face. Eu sou o Senhor .
4 Umntu ngomntu ongowembewu ka-Aron, oneqhenqa, nobhobhozayo, makangazidli izinto ezingcwele, ade ahlambuluke. Nalowo umchukumisayo wonke ubani oyinqambi ngofileyo, nendoda esukuba incola;"
4 Ninguém da semente de Arão que for leproso ou tiver fluxo comerá das coisas santas, até que seja limpo; como também o que tocar alguma coisa imunda de cadáver ou aquele de que sair a semente da cópula;
5 nomntu osukuba echukumisa yonke into enyakazelayo, eyinqambi kuya, nokuba ngumntu oyinqambi kuye ebunqambini bakhe bonke:"
5 ou qualquer que tocar a algum réptil, pelo que se fez imundo, ou a algum homem, pelo que se fez imundo, segundo toda a sua imundícia.
6 umphefumlo osukuba uyichukumisa into enjalo, woba yinqambi, uhlwise; lowo makangadli ezintweni ezingcwele. Ke makawuhlambe umzimba wakhe emanzini;"
6 O homem que o tocar será imundo até à tarde e não comerá das coisas santas, mas banhará a sua carne em água.
7 lakutshona ilanga, wothi ehlambulukile adle emveni koko ezintweni ezingcwele; ngokuba kukudla kwakhe."
7 E, havendo-se o sol já posto, então, será limpo e depois comerá das coisas santas; porque este é o seu pão.
8 Into ezifeleyo neqwengiweyo makangayidli, azenze inqambi ngayo: ndinguYehova."
8 O corpo morto e o dilacerado não comerá, para nele se não contaminar. Eu sou o Senhor .
9 Ize basigcine isigxina sam, bangazithwalisi isono, bafe ngaso, ngokuba besihlambele sona: ndinguYehova obangcwalisayo."
9 Guardarão, pois, o meu mandamento, para que por isso não levem pecado e morram nele, havendo-o profanado. Eu sou o Senhor que os santifico.
10 Wonke ongengowakuni aze angadli nto ingcwele; olundwendwe lombingeleli, nomqeshwa, aze angadli nto ingcwele."
10 Também nenhum estranho comerá das coisas santas; nem o hóspede do sacerdote, nem o jornaleiro comerão das coisas santas.
11 Umbingeleli xa athe wathenga umntu, waba yintengo yemali yakhe, makadle kuyo lowo, kwanozelelwe endlwini yakhe; abo bodla ukudla kwakhe."
11 Mas, quando o sacerdote comprar alguma alma com o seu dinheiro, aquela comerá delas e o nascido na sua casa; estes comerão do seu pão.
12 Intombi yombingeleli, xa ithe yendela kwindoda engeyeyakuni, yona mayingadli emrhumeni weento ezingcwele."
12 E, quando a filha do sacerdote se casar com homem estranho, ela não comerá da oferta movida das coisas santas.
13 Intombi yombingeleli, xa ithe yangumhlolokazi, nokuba ithe yaliwa, ingazalanga, yabuyela endlwini kayise, yokudla ukudla kukayise njengasebutsheni bayo. Wonke ongengowakuni makangadli kuko."
13 Mas, quando a filha do sacerdote for viúva ou repudiada, e não tiver semente, e se houver tornado à casa de seu pai, como na sua mocidade, do pão de seu pai comerá; mas nenhum estranho comerá dele.
14 Umntu othe wayidla into engcwele ngokulahleka, makongeze isihlanu sayo kuyo, ayinike umbingeleli into engcwele."
14 E, quando alguém, por erro, comer a coisa santa, sobre ela acrescentará seu quinto e o dará ao sacerdote com a coisa santa.
15 Ize bangazihlambeli izinto ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, ezo bazirhumela uYehova,"
15 Assim, não profanarão as coisas santas dos filhos de Israel, que oferecem ao Senhor ,
16 babathwalise ubugwenxa betyala ekudleni kwabo izinto zabo ezingcwele: ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo."
16 nem os farão levar a iniquidade da culpa, comendo as suas coisas santas; pois eu sou o Senhor que os santifico.
17 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,"
17 Falou mais o Senhor a Moisés, dizendo:
18 Thetha kuAron nakoonyana bakhe, nakoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abakwaSirayeli, osukuba esondeza umsondezo wakhe ngokubhekisele kwizibhambathiso zabo zonke, nangokubhekisele kwimibingelelo yabo yonke yokuqhutywa yintliziyo, asukuba ewusondeza kuYehova, ukuba ube lidini elinyukayo:"
18 Fala a Arão, e a seus filhos, e a todos os filhos de Israel e dize-lhes: Qualquer que, da casa de Israel ou dos estrangeiros em Israel, oferecer a sua oferta, quer dos seus votos, quer das suas ofertas voluntárias, que oferecerem ao Senhor em holocausto,
19 wothi, ukuze unikholekise, ube liduna eligqibeleleyo lasezinkomeni, nokuba lelasezigusheni, nelasezibhokhweni."
19 segundo a sua vontade, oferecerá macho sem mancha, das vacas, dos cordeiros ou das cabras.
20 Izinto zonke ezinesiphako ize ningazisondezi, ngokuba azisayi kunikholekisa."
20 Nenhuma coisa em que haja defeito oferecereis, porque não seria aceita a vosso favor.
21 Umntu, xa athe wasondeza umbingelelo woxolo kuYehova, ukuba ube ngowesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ube ngowokuqhutywa yintliziyo, oziinkomo noyimpahla emfutshane: uze ube ngogqibeleleyo ukuze ukholeke, uze ungabi nasiphako nasiphi."
21 E, quando alguém oferecer sacrifício pacífico ao Senhor , separando das vacas ou das ovelhas um voto ou oferta voluntária, sem mancha será, para que seja aceito; nenhum defeito haverá nele.
22 Eziziimfama, ezaphukileyo, ezilinyaziweyo, ezinokhwekhwe, ezinesitshanguba, ize ningazisondezi ezo kuYehova, ninganikeli ngazo ukudla kwasemlilweni esibingelelweni kuYehova."
22 O cego, ou quebrado, ou aleijado, ou verrugoso, ou sarnoso, ou cheio de impigens, este não oferecereis ao Senhor e deles não poreis oferta queimada ao Senhor sobre o altar.
23 Inkomo negusha enendawo eyolukileyo, neshwabeneyo, ungayenza umbingelelo wokuqhutywa yintliziyo; ke ayiyi kukholekisa ukuba ingowesibhambathiso."
23 Porém boi ou gado miúdo, comprido ou curto de membros, poderás oferecer por oferta voluntária, mas por voto não será aceito.
24 Into emasende atyunyuziweyo, nakhandiweyo, naqhiwulweyo, nanqunyulweyo, ize ningayisondezi kuYehova. Ezweni lenu ze ningenjenjalo."
24 O machucado, ou moído, ou despedaçado, ou cortado não oferecereis ao Senhor ; não fareis isto na vossa terra.
25 Nasesandleni sowolunye uhlanga ize ningamkeli nisondeze ukudla koThixo wenu kwezo nto, nakuziphi; ngokuba ukonakala kwazo kukuzo, isiphako sikuzo; aziyi kunikholekisa."
25 Também da mão do estrangeiro nenhum manjar oferecereis ao vosso Deus, de todas estas coisas, pois a sua corrupção está nelas; falta nelas há; não serão aceitas a vosso favor.
26 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,"
26 Falou mais o Senhor a Moisés, dizendo:
27 Inkomo, negusha, nebhokhwe, xa izalwayo, yoba mihla isixhenxe phantsi konina. Kuthabathela kusuku lwesibhozo nangasemva kwalo, iya kukholekisa, ibe ngumsondezo wasemlilweni kuYehova."
27 Quando nascer o boi, ou cordeiro, ou cabra, sete dias estará debaixo de sua mãe; depois, desde o dia oitavo em diante, será aceito por oferta queimada ao Senhor .
28 Inkomo, nokuba yigusha, ize ningayixheli ngamini-nye netakane layo."
28 Também boi ou gado miúdo, a ele e a seu filho não degolareis num dia.
29 Xa nithe nawubingelela umbingelelo wombulelo kuYehova, nowubingelela ukuba unikholekise."
29 E, quando sacrificardes sacrifício de louvores ao Senhor , o sacrificareis de vossa vontade.
30 Wodliwa kwangaloo mhla, ningashiyi nto kuwo kude kuse: ndinguYehova."
30 No mesmo dia se comerá; nada deixareis ficar até à manhã. Eu sou o Senhor .
31 Ize niyigcine imithetho yam, niyenze: ndinguYehova."
31 Pelo que guardareis os meus mandamentos e os fareis. Eu sou o Senhor .
32 Ize ningalihlambeli igama lam elingcwele; ndongcwaliswa phakathi koonyana bakaSirayeli: ndinguYehova oningcwalisayo,"
32 E não profanareis o meu santo nome, para que eu seja santificado no meio dos filhos de Israel. Eu sou o Senhor que vos santifico,
33 onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuze ndibe nguThixo wenu: ndinguYehova."
33 que vos tirei da terra do Egito, para vos ser por Deus. Eu sou o Senhor .
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Levítico 22, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.